KUTITO 2:13-14
KUTITO 2:13-14 IBHAYIBHILE (XHO96)
Senjenjalo sikhangele ngethemba kuloo mhla aya kuvela ngawo enobungangalala uThixo wethu omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Krestu. Nguye owazenza idini ngenxa yethu, wasikhupha ekudeleni umthetho. Wasenza abantu bakhe abanyulu, abalangazelela ukwenza okulungileyo.
KUTITO 2:13-14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
silinde ithemba elinoyolo, nembonakalo yobuqaqawuli boThixo omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Kristu; owazinikelayo ngenxa yethu, ukuze asikhulule kubo bonke ubugwenxa, asihlambululele abantu abayinqobo kuye, abazondelela imisebenzi emihle.
KUTITO 2:13-14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
silinda itemba elibutamsanqa nokubonakala kwobungcwalisa bake UTIXO omkulu nomsindisi wetu u‐Yesu Kristu, owazinikela tina, ukuze asikulule kuko konke ukukohlakala, azihlambululele abantu abangabake kanye, bezondelele imisebenzi elungileyo.
KUTITO 2:13-14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
sílinde ithemba elinoyolo, nembonakalo yobuqaqawuli boThixo omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Kristu, owazinikela ngenxa yethu, ukuze asikhulule ngokusihlawulela kuko konke ukuchasa umthetho, azihlambululele abantu abangabakhe, abazondelela imisebenzi emihle.