UZEKARIYA 13:9
UZEKARIYA 13:9 IBHAYIBHILE (XHO96)
Isinye esithathwini ke eso mna ndosifaka emlilweni, ukuze sihlambuluke sibe nyulu oku kwesiliva evavanyiweyo, nditsho oku kwegolide enyibilikisiweyo. Baya kulibiza igama lam, ndize mna ndibaphendule. Ndiya kuthi: ‘Bangabantu bam.’ Bona bathi: ‘UNdikhoyo nguThixo wethu.’ ”
UZEKARIYA 13:9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndosizisa emlilweni esesithathu, ndibanyibilikise njengokunyibilikiswa kwesilivere, ndibacikide njengokucikidwa kwegolide. Bona baya kunqula igama lam, ndibaphendule mna; ndiya kuthi, Ngabantu bam bona; bathi bona, Yehova, ùnguThixo wethu.
UZEKARIYA 13:9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Esinye isahlulo sesithathu ndiya kusitshisa emlilweni, sinyibilike njengokunyibilikiswa kwesilivere; baya kubiza egameni lam, ndibaphendule mna; abantu bam, bathi, uYehova nguThixo wam.
UZEKARIYA 13:9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndandiya kungenisa esesitatu isahlulo emlilweni, ndibacokise njengokuba icokiswa isilivere, ndibalinge njengokuba ilingwa igolide; sona siya kubiza egameni lam, nam ndiya kusipulapula; ndoti mna: Singabantu bam; soti sona: UYEHOVA NGUTIXO wam.