kungekukuba silinganele ukutelekelela into ngokwetu, njengokungati kuvela kwa kuti; koko ukulinganela kwetu kuvela KUTIXO; owati kanjalo wasenza silinganele ukuba ngabakonzi bocebano olutsha; bengengabegama, bengabomoya; ngokuba igama libulala, kodwa umoya uyanika ubomi.