1
uMateyu uMateyu 26:41
Contemporary Xhosa Bible 2024
Phaphani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.
Compare
Explore uMateyu uMateyu 26:41
2
uMateyu uMateyu 26:38
Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha, nilinde nam.
Explore uMateyu uMateyu 26:38
3
uMateyu uMateyu 26:39
Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho.
Explore uMateyu uMateyu 26:39
4
uMateyu uMateyu 26:28
kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono.
Explore uMateyu uMateyu 26:28
5
uMateyu uMateyu 26:26
Bakubon’ ukuba bayadla, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela, waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.
Explore uMateyu uMateyu 26:26
6
uMateyu uMateyu 26:27
Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke
Explore uMateyu uMateyu 26:27
7
uMateyu uMateyu 26:40
Uyeza kubafundi, abafumane belele, athi kuPetros, Ninje na ukungabi nako ukulinda nam nexa elinye?
Explore uMateyu uMateyu 26:40
8
uMateyu uMateyu 26:29
Ndithi ke kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumkanini bukaBawo.
Explore uMateyu uMateyu 26:29
9
uMateyu uMateyu 26:75
Walikhumbula uPetros ilizwi likaYesu, abelithethile kuye, esithi, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Waza waphuma phandle, walila ngokukrakra.
Explore uMateyu uMateyu 26:75
10
uMateyu uMateyu 26:46
Vukani, sihambe; yabonani, usesondele lowo undingcatshayo.
Explore uMateyu uMateyu 26:46
11
uMateyu uMateyu 26:52
Waza wathi uYesu kuye, Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele.
Explore uMateyu uMateyu 26:52
Home
Bible
Plans
Videos