Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Tesalonika 2
2
1Ngokuba nisazi nina ngokwenu, bazalwana! ukungena kwetu kuni, ukuba bekungeyinto engenanto: 2koko nakubeni sibe sibulalekile pambili sapatwa kakubi, njengokuba nisazi, e‐Filipi, sibe sinokukalipa kutixo wetu ukuyiteta kuni ivangeli katixo ekulweni okuninzi. 3Ngokuba ukuyala kwetu kungaveli elulahlekweni, kungaveli nasebunco̔leni, kungengenkohliso kanjalo: 4koko njengokuba sibukiwe ngutixo ukuba siyipatiswe ivangeli, siteta kwa njalo; kungengokufuna ukukolisa abantu, kungokufuna ukukolisa utixo, ozilingayo intliziyo zetu. 5Ngokuba kanjako singezanga sipate amazwi enywelezo, njengokuba nisazi, kwa nesigushelo sobubawa; utixo ulinqi̔na; 6singafuni nje imbeko ebantwini kanjalo, kwa nakuni nakwabanye, nangona sibe singaba sibunzima kuni, njengabapostile baka‐Kristu. 7Kodwa sibe sinokutamba pakati kwenu, njengokuba umanyisikazi ebondla abake abantwana; 8kwa njalo, sinilangazelela kakulu nje, sibe sinxamela ukunabela ingeyiyo ivangeli katixo yodwa, iyiyo eyetu imipefumlo nayo, ngenxa yokuba nibe nitandekile kuti. 9Ngokuba nikumbula, bazalwana! ukuzama kwetu nokudiniswa kwetu: ngokuba, sisebenza ebusuku nasemini nje, size singabi bunzima kumntu wakuni, sibe siyishumayela kuni ivangeli katixo. 10Ningamanqi̔na nina, kwa notixo, ukuba sati nina ukwenza ngobungcwele nangobulungisa nangokungenatyala kuni nikolwayo; 11kwa njengokuba nisazi, okokuba nina nonke abanye ngabanye, njengokuba uyise epata abake abantwana, saniyala, sanitutuzela, saninqi̔nisa, 12ukuba nihambe ngokufanele utixo, onibizelayo kobake ubukumkani nobungcwalisa.
13Ngenxa yoku siyabulela kutixo nati singayeki, ukuba nakulamkela kuti ilizwi lentshumayelo, e likatixo, nalamkela lalingelilizwi labantu, koko, njengokuba linjalo ngenyaniso, lalililizwi likatixo, eliti kanjako lisebenze kuni nikolwayo. 14Ngokuba nina, bazalwana! naba ngabalandeli bazo iṙemente zikatixo ezise‐Judeya ku‐Kristu Yesu, ekubeni nani naziva intlungu ezikwa zizo ngabesizwe sakowenu, njengokuba bona nabo bezivile ngama‐Juda: 15ate abulala kwa nenkosi u‐Yesu nabawo abaprofite, asitshutshisa tina kanjalo; engamkolisi utixo, eca̔sene nabantu bonke nakanjako; 16esalela ukuteta kubaheyideni ukuba basindiswe; ukuze azalisekise izono zawo ngamaxesha onke. Kodwa umsindo uwafikele kude kugqitywe.
17KODWA tina, bazalwana! sihlutiwe kuni ixesha elifutshane nje, ngobuso, bekungengentliziyo, sati kakulu ngakumbi sanxamela ukubona ubuso benu ngenkanuko enkulu. 18Ngako oko safuna ukuza kuni, kwa mna Paulusi, nakanye nakabini; kanti u‐Satane wasitintela. 19Ngokuba yinto nina itemba letu, mhlaumbi uvuyo lwetu, mhlaumbi isitsaba setu sokuqa̔yisela? Aninjalo nani kusinina ebusweni benkosi yetu u‐Yesu Kristu ekufikeni kwayo? 20Ewe nini ubungcwalisa betu novuyo lwetu.
Currently Selected:
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Tesalonika 2: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.