Eyesibini incwadi ka‐Johane 1
1
1UMDALA kuyo inkosikazi enyuliweyo nakubo abantwana bayo, endibatandayo mna enyanisweni; ndingendim ndedwa, ngabo bonke abayazileyo inyaniso nabo; 2ngenxa yenyaniso ehlala kuti, eya kubako nati kude kube ngunapakade kanjalo: 3Makubeko nani ufefe, ububele, uxolo luvela kutixo uyise, na kwinkosi u‐Yesu Kristu unyana kayise, enyanisweni naselutandweni.
4Ndavuya kunene ukuba ndifumene abantwana bako inxenye behamba enyanisweni, njengokuba besiwamkele umyalelo kuye uyise. 5Nakaloku ndiyakutandaza, nkosikazi! kungenjengokungati ndiba̔la umyalelo omtsha kuwe, koko ndiba̔la lowo esibe sinawo kwa sekuqaleni, wokuba sitandane. 6Lulo olu ke utando, lwokuba sihambe ngokwemiyalelo yake. Nguwo lo umyalelo: Lwokuba niti, njengokuba benivile kwa sekuqaleni, nihambe kulo.
7Ngokuba abakohlisi abaninzi bengene elizweni, abangavumiyo u‐Yesu Kristu ukuba ubesiza enyameni. Onjalo ungumkohlisi no‐Antikristu. 8Zilumkeleni, ukuze singalahlekani nezozinto sizisebenzileyo, siti samkele umvuzo ozalisekileyo. 9Osukuba epambuka, engahlali elufundisweni luka‐Kristu, akanaye utixo. Ohlalayo elufundisweni luka‐Kristu, yena lo u noyise kwa nonyana. 10Ukuba umntu uyeza kuni, oti olufundiso angaluzisi, ningamamkeli endlwini ke, ningateti kuye ngokubulisa: 11ngokuba oteta kuye ngokubulisa enobudlelana nemisebenzi yake ekohlakeleyo.
12Ndinazo izinto ezininzi nje zokuniba̔lela, bendingafuni ukunga ndingaba̔la ngepepa neyinke: koko nditemba ukuza kuni, nokuteta umlomo ngakuwo umlomo, ukuze uvuyo lwetu lube luzalisekile.
13Abantwana bodade wako onyuliweyo bayakubulisa. Amene.
Currently Selected:
Eyesibini incwadi ka‐Johane 1: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.