YouVersion Logo
Search Icon

Eyesitatu incwadi ka‐Johane 1

1
1UMDALA kuye u‐Gayusi otandiweyo, ondimtandayo mna enyanisweni.
2Sitandwa! pezu kwezinto zonke ndiyanqwena ukuba uhanjiswe kakuhle upile nokupila, kwa njengokuba uhanjiswa kakuhle umpefumlo wako. 3Ngokuba ndavuyayo kunene, bakuti abazalwana bafika banqi̔nela inyaniso yako, kwa njengokuba uhamba wena enyanisweni. 4Andinalo uvuyo olukulu ngakumbi kuko oku, ukuba ndive usapo lwam ukuba luyahamba enyanisweni.
5Sitandwa! uyakwenza ngokunyanisekileyo oko usukuba usenzela kona abazalwana nabasemzini; 6abanqi̔neleyo utando lwako ebusweni beṙemente; oya kuti, wakuba ubahambisa ekuhambeni kwabo ngokufanele utixo, ube uyalungisa: 7ngokuba bekungenxa yegama lake bapumayo, bengamkeli luto kubo abaheyideni. 8Tina ngoko sifanelwe kukuba sibabuke abanjalo, ukuze sibe ngabasebenzisi babo ukusebenzela inyaniso.
9Ndaba̔la kuyo iṙemente; koko u‐Diyotrefesi otanda ukuba mkulu pakati kwabo angasamkeliyo. 10Ngenxa yoku, xeshekweni ndizayo, ndomkumbuza izenzo zake azenzayo, esiṙobozela ngamazwi olunya: oti kanjalo, engancanyiswa kuko oku, angabamkeli abazalwana yena ngokwake, nabo bafuna ukubamkela abalele, abaku̔pe kwa seṙementeni. 11Sitandwa! ungalandeli oko kukohlakeleyo, uti ulandele oko kulungileyo. Owenza okulungileyo ungowakuye utixo; kodwa owenza okukohlakeleyo akambonanga utixo.
12U‐Demetriyusi unqi̔nelwe kakuhle ngabo bonke, nayiyo inyaniso: kanjalo nati siyanqi̔na; niyazi ke ukuba ukunqi̔na kwetu kuyinene.
13Ndibe ndinazo izinto ezininzi zokuba̔la, koko ndingavumiyo ukuba̔la kuwe ngeyinke nosiba: 14kodwa ndiyatemba ukuba ndohla ndikubone, nokuba siya kuteta umlomo ngakuwo umlomo.
Uxolo malube kuwe. Abahlobo balapa bayakubulisa. Bulisa abahlobo abanawe ngegama ngegama.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in