Izenzo zabapostile 20
20
1KEKALOKU emveni kwokuba bekupelile isipitipiti eso, u‐Paulusi wabizela kuye abadisipile, wababulisa, wemka ukuya kuhambela e‐Masedoniya. 2Wati ezicandile izahlulo ezo, ebayalile ngokuteta okuninzi kanjalo, weza e‐Girike. 3Kwati akuba efezile inyanga ezintatu kona, enzelwe ingcebo ngama‐Juda nxa abehlalela ukuselishela e‐Siriya, kwavuka iqinga lokuba wobuya nge‐Masedoniya. 4Kwaye kumpeleka kwada kwase‐Asiya u‐Sopatere wase‐Bereya; nakuma‐Tesalonika, u‐Aristariko no‐Sekondu; no‐Gayusi wase‐Derebe, no‐Timote; nabase‐Asiya, u‐Tikikusi no‐Trofimo. 5Aba besandulela basilinda e‐Tirowa. 6Saza tina saselisha e‐Filipi emveni kwemihla yezonka ezingenagwele, seza kubo e‐Tirowa ngentsuku zantlanu; apo sahlala kona intsuku zasixe̔nxe.
7Kekaloku ngolwokuqala usuku lweveki, nxa abadisipile bebehlanganisene ukuqezula isonka, u‐Paulusi wateta kubo, ehlalela ukusuka ngomso; wabehambisa isiteto sake kwada kwapakati kwobusuku. 8Kwaye kuko izibane ezininzi enkambilini yapezulu apo bebehlanganisene kona. 9Yati indodana etile egama lingu‐Yutikusi ebihlala efenstileni, iwelwa butongo obukulu, nxa u‐Paulusi ebeteta kade, yatoba ngobutongo, yawa pantsi kweyesitatu indawo yapezulu, yacolwa ifile. 10Kodwa ehlile u‐Paulusi, wawa pezu kwayo, wayibamba ngento engqongayo, wati: Ningenzi ingxolo; ngokuba umpefumlo wayo ukuyo. 11Waza enyukile, eqezule isonka, etyile, encokolile kade kwada kwati qi̔p’ ukusa, wemka ngokunjalo ke. 12Bati umfana bamzisa ehleli, bonwatyisiwe kakulu.
13Kodwa tina sandulela saya enqanaweni, saselishela e‐Asosi, apo besifuna ukumtabata u‐Paulusi kona; ngokuba ebezimisele njalo, etanda ngokwake ukuhamba ngenyawo. 14Naxeshekweni ebehlangene nati e‐Asosi, samtabata seza e‐Mitilene. 15Saselisha kona ke, saza ngomhla olandelayo safikela malungana ne‐Kiyo, nangomnye umhla safika e‐Samo; sati silibele e‐Tirogiliyone, seza ngomhla olandelayo e‐Milito. 16Ngokuba u‐Paulusi ebegwebile ukuselisha ngokudlula e‐Efese, ukuze angabi nakuci̔ta ixesha e‐Asiya; ngokuba ebenxama ukuti, ukuba bekusenzeka kuye, abeko e‐Yerusaleme ngomhla wepentekoste.
17Wati kekaloku e‐Milito watuma e‐Efese, wabiza abadala beṙemente beze kuye. 18Naxeshekweni babefikile kuye, wati kubo: Niyazi kakulu nina, kutabata kowokuqala umhla endafika ngawo e‐Asiya, ukuba ndati nina ukubako nani lonke eloxesha; 19ndikonza inkosi ndinako konke ukutobeka kwentliziyo, nenyembezi ezininzi, namalingwa, lawo ndehlelwa ngawo ngengcebo zama‐Juda: 20okokuba andibambanga mva nanye yezozinto ezilungele ukunceda, koko ndishumayele kuni, ndanifundisa, ekuhleni nangezindlu ngezindlu, 21ndinqi̔nisa nakuma‐Juda nakuma‐Girike, uguquko olungakuye utixo, nokolo olungakuyo inkosi yetu u‐Yesu Kristu. 22Nakaloku, bona ke, nditi ndibotshiwe emoyeni wam ndiye e‐Yerusaleme, ndingazi izinto eziya kundifikela kona; 23ndisazi kupela ukuba umoya oyingcwele kuzo zonke izixeko uyanqi̔nisa, esiti izinxibo nembandezelo ziyandilinda. 24Koko ndingakatali zezizinto nanye, kanjako andibali ubomi bam ngokuba bunqabile kum, ukuze ndifeze uhambo lwam ngovuyo, nobukonzi endabamkelayo kwinkosi u‐Yesu, ukuba ndinqi̔nise ivangeli yofefe lukatixo. 25Nakaloku, bona ke, ndiyazi ukuba nina nonke, endahambayo pakati kwenu ndishumayela ubukumkani bukatiko, aniyi kubuya nibone ubuso bam. 26Ngako ndiyaninqi̔nela kulemini yanamhla, ukuba ndimsulwa kulo igazi labo bonke: 27ngokuba ndingabambanga mva nanto, ukuba ndibe ndinganishumayezanga lonke icebo likatixo. 28Zilumkeleni ngoko, kwa nawo wonke umhlambi enimisiweyo abalindi kuwo ngumoya oyingcwele, ukuba niyaluse iṙemente katixo, ayizuzileyo ngelake igazi. 29Ngokuba ndikwazi oku mna, ukuba kwoti emveni kwokumka kwam kungene incu̔ka ezinzima pakati kwenu, zingayeki umhlambi. 30Nakuni ngokwenu kwovuka amadoda eteta izinto ezigwenxa, ukuze ar̔ole abadisipile baye emva kwawo. 31Ngako oko lindani, nikumbule ukuba iminyaka yamitatu, ebusuku nasemini, andapeza ukuyala bonke ngabanye ndinenyembezi. 32Nokwakaloku nje, bazalwana! ndiyanibekela kutixo nakwilizwi lofefe lwake, konamandla okunaka, nokunipa ilifa pakati kwabo bonke abenziwe ngcwele. 33Andinqwenelanga isilivere, negolide, nesivato samntu. 34Nani ngokwenu niyazi ukuba izandla ezi zikonzile kuzo intswelo zam, nakubo abebenam. 35Ndinibonisile zonke izinto, ukuba nisebenza ngokunjalo nifanele ukubaxasa abayimilwelwe, nokuwakumbula amazwi enkosi u‐Yesu, ukuba yena wati: Ukupa kutamsanqelekile ngapezu kwokwamkela.
36Waza akuba ebetshilo oku, waguqa ngamadolo, watandaza kunye nabo bonke. 37Kwasuka kwabako ukulila okukulu pakati kwabo bonke; baza bawa pezu kwentamo ka‐Paulusi, bamanga, 38bedandatekile ngokukodwa pezu kwelozwi abelitshilo ukuti, abayi kubuya babone ubuso bake. Bampelekelela ke enqanaweni.
Currently Selected:
Izenzo zabapostile 20: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.