YouVersion Logo
Search Icon

I‐Kesodusi 27

27
1Kanjako uya kusenza isibingelo ngemiti yeshitime, sizikubite ezintlanu ubude baso, nekubite ezintlanu ububanzi baso; soba namacala mane isibingelo eso; nobupakamo baso soba zikubite ezintatu. 2Impondo zaso uya kuzenza pezu kwamagumbi aso omane; zopuma kwa kuso impondo zaso; wauya kusaleka ngexina. 3Uya kuzenza nembiza zaso zokususa ututu lwaso, nezikotululo zaso, nezitya zaso zokufefela, neforoke zaso, nezipatamlilo zaso: zonke impahla zaso uya kuzenza ngexina. 4Wauya kusenzela iziko lesetyenzwa elilinqwanqwa ngexina; napezu kwalo inqwanqwa elo uya kuyenza imisesane emine yexina emancameni alo omane. 5Uze ulibeke ngapantsi kwesazinge sesibingelo ngasezantsi, ukuba inqwanqwa lifikele kwa pakati kwesibingelo. 6Uya kwenzela isibingelo nezibonda, izibonda zemiti yeshitime, uzaleke ngexina. 7Ziya kungeniswa izibonda zaso kuyo imisesane, ukuze izibonda ezo zibe semacaleni omabini esibingelo sakutwalwa. 8Siliholo ngeplanke uya kwenza sona: njengokuba ububoniswa entabeni, baya kwenje njalo.
9Kanjako wolenza ibala letabanakele: ngecala lasesuyide ngasesuyide, ibala loba namalengalenga epotiweyo iqiya eshiceneyo; boba zikubite ezilikulu ubude becala linye. 10Intsika zalo ezimashumi mabini, neziseko zazo ezimashumi mabini, zoba zezexina; amagwegwe entsika nentonga zazo zoba zezesilivere. 11Kwa njalo ngecala lasenode, ebudeni, amalengalenga oba zikubite ezilikulu ubude bawo; intsika zalo ezimashumi mabini, neziseko zazo ezimashumi mabini, zoba zezexina; amagwegwe entsika nentonga zazo zoba zezesilivere. 12Nasebubanzini bebala, ngecala litshona ilanga, oba ngamalengalenga akubite zingamashumi mahlanu; intsika zawo zilishumi, neziseko zazo zikwa lishumi. 13Kwa njalo ububanzi bebala, ngecala lipuma ilanga ngasempumalanga, boba zikubite zingamashumi mahlanu. 14Amalengalenga elinye icala lesango oba zikubite zilishumi linesihlanu; intsika zawo zintatu, neziseko zazo zikwa zitatu. 15Nangelinye icala amalengalenga oba zikubite zilishumi linesihlanu; intsika zawo zintatu, neziseko zazo zikwa zitatu. 16Nesango lebala lona loba nelengalenga elikubite zingamashumi mabini, lezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, nepotiweyo iqiya eshiceneyo, isetyenzwa lomtungi wamabala ngamabala; intsika zawo zine, nezizeko zazo zikwa zine. 17Zonke intsika ezingqongayo ibala zobandakanyiswa ngentonga zesilivere: amagwegwe azo oba ngawesilivere, kodwa iziseko zazo zoba zezexina. 18Ubude bebala boba zikubite ezilikulu, nobubanzi boba zezingamashumi mahlanu indawo zonke, nobupakamo boba zikubite ezintlanu zepotiweyo iqiya eshiceneyo; kodwa iziseko zazo zoba zezexina. 19Zonke impahla zetabanakele kuyo yonke inkonzo yayo, kwa zonke izikonkwane zayo, nazo zonke izikonkwane zebala, zoba zezexina.
20Kanjalo wena uya kuyalela usapo luka‐Sirayeli, ukuba luyizise kuwe ioli engcwengileyo yamanquma anqushiweyo ibe yeyesikanyiso, kuze kumiswe izibane ngamaxesha onke. 21Kuyo intente yentlangano, ngapandle kwekuselo, elipambi kwesinqi̔no, baya kulungisa sona u‐Arone nonyana bake, kwa sekuhlweni kude kuse, ebusweni bukayehova: woba ngummiselwa ongunapakade kwizizukulwana zabo, ngenxa yosapo luka‐Sirayeli.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 27: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in