YouVersion Logo
Search Icon

I‐Kesodusi 28

28
1UZE usondeze kuwe u‐Arone umkuluwe wako, nonyana bake kunye naye, pakati kwalo usapo luka‐Sirayeli, ukuba andikonze ngobuperisite; kwa u‐Arone, u‐Nadabi no‐Abihu, u‐Elezari no‐Yitamare, onyana baka‐Arone. 2Wauya kumenzela u‐Arone, umkuluwe wako, izivato ezingcwele, zibe zezobungcwalisa nezobuhle. 3Kanjalo uya kuteta kubo bonke abalumkileyo ngentliziyo, abo ndiwuzalisile umoya wabo ngobulumko, ukuba bazenze izivato zika‐Arone ukumngcwalisa, aze andikonze ngobuperisite. 4Zizo ezi izivato baya kuzenza: yimbeka, neyefodi, nengubo, nehempe epetiweyo, unkontsho noqwemesha; izivato ezingcwele bozenzela u‐Arone, umkuluwe wako, nonyana bake, ukuze andikonze ngobuperisite. 5Botabata igolide, nezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, neqiya eshiceneyo.
6Babeya kuyenza iyefodi ngegolide, ngezuluṙa nesimnyama, ngesibomvu nepotiweyo iqiya eshiceneyo, ngesetyenzwa lencibi yokuluka. 7Yoba nezibini iziziba zamagxalaba, zibandakanyiwe emancameni ayo omabini; yowenzwa njalo ke ukubandakanyiswa. 8Nombinqo ocikiziweyo weyefodi yake, opezu kwayo, woba yinto yakuyo, njengesetyenzwa layo; ngegolide, ngezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, nepotiweyo iqiya eshiceneyo. 9Wauya kutabata amatye eshohame emabini, uwaqingqe pezu kwawo amagama onyana baka‐Sirayeli; 10abe matandatu amagama abo pezu kwelinye ilitye, namagama amatandatu aseleyo pezu kwelinye ilitye, njengokuzalwa kwabo. 11Ngesetyenzwa lomqingqi wamatye, njengeziqingqwa zaso isincamatiselo, wowaqingqa lamatye omabini, enamagama onyana baka‐Sirayeli: uya kuwenza evingcelwe ezigingqini zegolide. 12Woti lamatye omabini uwabeke pezu kwezamagxalaba iziziba zeyefodi, abe ngamatye okukumbuza elusatsheni luka‐Sirayeli; waye u‐Arone eya kutwala amagama abo ebusweni bukayehova, pezu kwawo amagxalaba ake omabini, abe yinkumbuzo. 13Wauya kuzenza izigingqi zegolide; 14nemixokolelwane emibini yegolide ecocekileyo; ijijanisiwe uya kuyenza, njengesetyenzwa elitsontelweyo; nalemixokolelwane etsontelweyo woyikonxa kuzo izigingqi.
15Kanjako uya kuyenza imbeka yokugweba ngesetyenzwa lencibi yokuluka; njengesetyenzwa leyefodi uya kuyenza; ngegolide, ngezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, nepotiweyo iqiya eshiceneyo, uya kuyenza yona. 16Yoba namacala mane, ipindiwe; yoba sisoluko sesandla ubude bayo, nesoluko sesandla ububanzi bayo. 17Wauya kufaka kuyo imfakwa zamatye, kwa inṙozo zine zamatye: olunye uṙozo lwoba yirubi, netopaze, nekabunukele: lulo olu uṙozo lwokuqala. 18Olwesibini uṙozo lwoba yisamagide, nesafire, neyahalome. 19Olwesitatu uṙozo lwoba yiyasinte, neyagate, neyametisite. 20Olwesine uṙozo lwoba yikrusolite, nesadonutse, nejasipidi: oqiniswa ngegolide ezimfakweni zawo. 21Amatye la oba njengamagama onyana baka‐Sirayeli, elishumi linamabini, njengawo amagama abo, njengeziqingqwa zaso isincamatiselo; elinye ngelinye linegama lalo, oba ngawezizwe ezilishumi linazibini. 22Wauya kuyenza pezu kwembeka imixokolelwane ejijanisiweyo, njengesetyenzwa elitsontelweyo, ngegolide ecocekileyo. 23Uya kuyenza kanjalo pezu kwembeka imisesane yegolide ibi mibini: wauya kubeka lemisesane mibini pezu kwazo incam ezimbini zembeka. 24Uze uyifake lomibini imixokolelwane etsontelweyo yegolide kuleyomisesane mibini esezincameni zembeka. 25Kodwa ezinye incam ezimbini emixokolelwane mibini etsontelweyo wozikonxa kuzo izigingqi zibini; uze ubeke zona pezu kweziziba zamagxalaba zeyefodi empambili wayo. 26Wobuya uyenze imisesane mibini yegolide, uyimise ezincameni ezimbini zembeka, empetweni wayo osecaleni leyefodi ngapakati. 27Neminye imisesane mibini yegolide uya kuyenza, ubeke yona pezu kweziziba zamagxalaba zozibini zeyefodi ngasezantsi, ngasempambili wayo, malungana nokubandakanywa kwayo, ngapezulu kwombinqo ocikiziweyo weyefodi. 28Babeya kuyinxibelela imbeka ngemisesane yayo kuyo imisesane yeyefodi ngosinga lwezuluṙa, ukuba ibe pezulu kwawo umbinqo ocikiziweyo weyefodi, nokuba imbeka ingashenxeki kuyo iyefodi. 29Waye u‐Arone eya kutwala amagama onyana baka‐Sirayeli embekeni yokugweba, pezu kwentliziyo yake, akungena kweyingcwele indawo, abe yinkumbuzo pambi kwoyehova futi.
30Uya kubeka kanjalo embekeni yokugweba i‐Urime ne‐Tumime, zize zibe pezu kwentliziyo ka‐Arone, akungena ebusweni bukayehova; woti u‐Arone amane akutwale okwokugweba kwosapo luka‐Sirayeli pezu kwentliziyo yake pambi kwoyehova futi.
31Kanjako ingubo yaseyefodini uya kuyenza ipela ngezuluṙa. 32Kwobako intunja yayo yentloko pakati kwayo; yoti lentunja yayo ibe nompeto wesetyenzwa lomluki ngento engqongayo; njengentunja yesigcinisifuba yoba nawo, ize ingaṙazuki. 33Wauya kuzenza pezu kwemiqukumbelo yayo igranate zezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, kwa pezu kwemiqukumbelo yayo ngento engqongayo; nezikencezelo zegolide pakati kwazo ngento engqongayo: 34sibe sisikencezelo segolide negranate, sibe sisikencezelo segolide negranate, pezu kwemiqukumbelo yengubo leyo ngento engqongayo. 35Yoba pezu kwake u‐Arone ekukonzeni; ize ivakale intlokoma yayo, nxa angena kweyingcwele indawo ebusweni bukayehova, nanxa apumayo, ukuba angafi.
36Kanjalo uya kuyenza imbasa ngegolide ecocekileyo, uqingqe pezu kwayo, njengeziqingqwa zesincamatiselo, ukuti: ubungcwele kuyehova! 37Uya kubopa yona ngosinga lwezuluṙa, ibe pezu kwalo unkontsho; yoba kwelapambili icala lonkontsho. 38Yoba pezu kwebunzi lika‐Arone, ukuba u‐Arone abutwale ubono bezinto ezingcwele, ezo usapo luka‐Sirayeli lwozingcwalisa kuzo zonke izipo zalo ezingcwele; yomana ibako pezu kwebunzi lake ngamaxesha onke, ukuze lukoleke ebusweni bukayehova.
39Kanjako uya kuluka ihempe ngeqiya eshiceneyo; nonkontsho uya kulwenza ngeqiya eshiceneyo; noqwemesha uya kulwenza ngesetyenzwa lomtungi wamabala ngamabala.
40Nonyana baka‐Arone uya kwenzela bona ihempe, ubenzele nengqwemesha; neminqwazi uya kuyenzela bona, ibe yeyobungcwalisa neyobuhle. 41Wauya kwambatisa u‐Arone umkuluwe wako ezonto, kwa nonyana bake kunye naye; uze ubatambise, uzalise izandla zabo, ubangcwalise nokubangcwalisa, ukuba bandikonze ngobuperisite. 42Uya kubenzela nebrukwe zeqiya, kugujungelwe ubuzé babo; zoba zivela esinqeni kude kube kuwo amatanga. 43Zoba pezu kwo‐Arone, napezu kwonyana bake, ekungeneni kwabo ententeni yentlangano, nasekusondeleni kwabo esibingelweni ukukonza kweyingcwele indawo; baze bangatwali ubono, bafe ke: woba ngummiselwa ongunapakade lo, kwa kuye, nakwinzalo yake emva kwake.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 28: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in