YouVersion Logo
Search Icon

I‐Kesodusi 33

33
1Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi, wati: Hamba, unyuke kwa lapa, wena nabantu abo ubanyusileyo ezweni le‐Jipete, niye ezweni endandifunga ngalo ku‐Abrahame, ku‐Yisake, naku‐Yakobi, ndisiti: Kwinzalo yako ndiya kulipa: 2ndandiya kutuma pambi kwako ingelosi, ndigxote nokugxota aba‐Kanane, naba‐Amori, nama‐Hete, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi: 3kwa sezweni elela ubisi nobusi: ngokuba ndingayi kunyuka pakati kwako mna, ngenxa yokuba ungabantu abantamo ilukuni; hleze ndikugqibele endleleni.
4Baza abantu bakuva elilizwi libi, balila; kwaye kungabiko namntu owafaka izihombo zake kuye. 5Ngokuba uyehova ebete ku‐Mosesi: Yiti elusatsheni luka‐Sirayeli: Nina ningabantu abantamo ilukuni; ngepanyazo linye bendinganyukelayo pakati kwako, ndikugqibele; kodwa kaloku, zitule izihombo zako kwa kuwe, ndize ndazi ke ukuba ndiya kukwenzela nto nina. 6Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwazihluba izihombo zalo ngasentabeni ye‐Horebe.
7Waye u‐Mosesi watabata intente, wazolulela yona ngapandle kwomnquba, kwa kude nomnquba, wayibiza ngokuti yintente yentlangano. Kwaza kwati, bonke ababefuna uyehova bapuma baya ententeni yentlangano, ebingapandle kwomnquba. 8Kwaza kwati, Xeshekweni u‐Mosesi wapumayo ukuya ententeni, besuka bonke abantu, bema abanye ngabanye eminyango yentente zabo, bakangela ngaku‐Mosesi wada wangena ententeni.
9Kwaza kwati, nxa angenileyo u‐Mosesi ententeni, yehla intsika yelifu, yema emnyango wentente: waza u‐Yehova wateta no‐Mosesi. 10Bati bonke abantu bakubona intsika yelifu imi emnyango wentente, bandula besuka bonke abantu, batoba pantsi, abanye ngabanye eminyango yentente zabo. 11Waza uyehova wateta ku‐Mosesi ubuso bungakubo ubuso, njengokuba umntu eteta nomhlobo wake. Wada wabuyela emnqubeni; kodwa umkonzi wake u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, isicaka, waengasukanga ententeni yena.
12Wandula wati u‐Mosesi kuyehova: Uya bona ke, uti wena kum: Nyusa ababantu! kanti akundazisanga oyena uya kumtuma nam; nangona ubusiti: Ndiyakwazi wena ngegama; nakanjalo: Ufumene ufefe emehlweni am. 13Ngako kaloku, ukuba ke ndifumene ufefe emehlweni ako, zundazise indlela yako, ukuba ndikwazi wena, ndize ndifumane ufefe emehlweni ako; kanjalo gqala ukuba singabantu bako esisizwe. 14Wayesiti: Isiqu sam siya kuhamba nawe, ndandiya kukunika ukupumla. 15Waza wati kuye: Ukuba isiqu sako asihambi nam, zungasinyusi kulendawo. 16Ngokuba kuya kwaziwa nganto nina kaloku, ukuba ndifumene ufefe emehlweni ako, mna nabantu bako? asi ngako na ukuhamba kwako nati? kukona siya kwahlulwa, kwa mna nabantu bako, kubo bonke abantu abapezu kwobuso bomhlaba.
17Waza uyehova wati ku‐Mosesi: Kwa nalento uyitetileyo ndiya kuyenza; ngokokuba ufumene ufefe emehlweni am, nokuba ndikwazi ngegama. 18Wayesiti: Uz’ undibonise ubungcwalisa bako. 19Waza wati: Ndiya kudlulisa konke ukulunga kwam pambi kwako, ndishumayele negama likayehova ebusweni bako; ndandiya kumpata ngofefe lowo endiya kumpata ngofefe, ndoba netaṙu napezu kwalowo endiya kuba netaṙu ngakuye. 20Wati kanjalo: Akungebone ubuso bam; ngokuba kungeko mntu oya kundibona, apile nokupila. 21Walekela wati uyehova: Nantsi ke indawo ingakum; uya kuma kona pezu kwelityekazi. 22Kwoza kuti, ekudluleni kwobungcwalisa bam, ndokubeka emfanteni welityekazi, ndize ndikugubungele ngesandla sam nxa ndidlulayo. 23Ndandiya kususa isandla sam, uze ubone umva wam; kodwa ubuso bam abuyi kubonwa.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 33: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in