YouVersion Logo
Search Icon

I‐Kesodusi 34

34
1WANDULA uyehova wati ku‐Mosesi: Zibazele amacwecwe amatye abe mabini enjengawokuqala; ndandiya kuba̔la pezu kwalamacwecwe amazwi abesemacwecweni okuqala, owauwaqekezile. 2Yiba selulungile kwakusa, uze unyukele kusasa entabeni ye‐Sinai, uzimise pambi kwam kona, engcopo yentaba. 3Kanti akuyi kunyuka mntu nawe; kanjalo makungabonwa mntu kuyo yonke intaba; kwa negusha nenkomo mazingadli pambi kwentaba leyo.
4Wasuka wabaza amabini amacwecwe amatye enjengawokuqala; waza wavuka u‐Mosesi kwa kusasa, wenyukela entabeni ye‐Sinai, njengokuba ebemyalele uyehova; watabata esandleni sake amacwecwe amatye omabini. 5Waye uyehova esihla efini, wema naye kona, washumayela igama likayehova. 6Waza wadlula uyehova pambi kwake, washumayela ngokuti: Uyehova, uyehova e ngutixo, enetaṙu, enofefe, equmba kade, emkulu ngobubele nenyaniso; 7ogcinela amawaka ububele, oxolela inkohlakalo, nesigqito, nesono, ongayi kuka agwebele onetyala; eyohlwayela inkohlakalo yoyise pezu kwabantwana, napezu kwabantwana babantwana, pezu kwesesitatu napezu kwesesine isizukulwana. 8Wanxama ke u‐Mosesi, watoba pantsi ngasemhlabeni, wabedesha. 9Wati: Ukuba kaloku ndifumene ufefe emehlweni ako, Nkosi! maize ihambe inkosi pakati kwetu; nakuba bengabantu abantamo ilukuni aba; uze uxolele inkohlakalo yetu nesono setu, usamkele tina sibe lilifa lako.
10Waza wati: Bona ke, sendilwenza ucebano: pambi kwabo bonke abantu bako ndoyenza imimangaliso, ekungazanga kudalwe enjalo kuwo wonke umhlaba, nakuzo zonke izizwe; boti bonke abantu opakati kwabo babone umsebenzi kayehova; ngokuba iyinto eyoyikekayo leyo endiya kuyenza kuwe. 11Gcina wena oko ndikuyalela kona namhla nje: bona ke, ndiza kugxota ebusweni bako aba‐Amori, naba‐Kanane, nama‐Hete, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi. 12Zilumkele, ukuba ungalwenzi ucebano nabemi belozwe uya kulo, hleze lube ngumgibe pakati kwako. 13Koko izibingelo zabo niya kuzicita, nezifanekiso zabo niya kuziqekeza, ne‐Ashera zabo niya kuzigaula: 14(ngokuba ungayi kubedesha utixo wumbi; ngokuba uyehova, ngu‐Bukwele igama lake, ngutixo enobukwele yena:) 15hleze ulwenze ucebano nabemi belizwe, uti bakuṙexezela otixo babo, babingele nokubingela otixo babo, ati omnye akumeme, wandule utye kumbingo wake; 16uti kanjalo utabatele onyana bako kwintombi zabo, ziti intombi zabo, zakuṙexezela otixo babo, zenze nonyana bako baṙexezele otixo babo. 17Akuyi kuzenzela otixo abatyityishiweyo.
18Umtendeleko wezonka ezingenagwele uya kuwugcina: yoba yimihla isixe̔nxe uya kuzidla izonka ezingenagwele, njengokuba bendikuyalela, ngelimisiweyo ixesha lenyanga engu‐Abibe; ngokuba ngenyanga engu‐Abibe wabupuma e‐Jipete. 19Konke kuzityulwa ngako kukokwam; kwa zonke inkomo zako ezizalwa zingamaduna, amazibulo enkomo ezinkulu nezincinane. 20Kodwa izibulo leqwaṙashe uya kukulula lona ngexwana; ukuba kanti akuyi kulikulula, uze ulapule intamo. Bonke abangamazibulo onyana bako uya kubakulula. Mabangabonakali pambi kwam bengenanto.
21Yimihla mitandatu uya kusebenza, kodwa ngomhla wesixe̔nxe uya kupumla: ngexesha lokulima nangexesha lokuvuna uya kupumla.
22Kanjalo umtendeleko weveki uya kuwenza, owolibo lwokuvunwa kwenqolowa, kwa nomtendeleko wokubuta ngasekupeleni kwomnyaka.
23Kwoba ngamaxesha matatu emnyakeni mnye ekuya kubonakala onke amadoda ako ebusweni benkosi uyehova, utixo wo‐Sirayeli. 24Ngokuba ndiya kugqogqa intlanga pambi kwako, ndiyenze banzi nemida yako: kanjako aliyi kunqwenelwa mntu ilizwe lako, nxa unyukayo ukuya kubonakala ebusweni bukayehova, utixo wako, amaxesha matatu emnyakeni mnye.
25Akuyi kunikela igazi lombingo wam kunye nokubiliswayo; kanjalo akuyi kuhlala kude kuse umbingo womtendeleko wepasika. 26Isiqalo selibo zomhlaba wako uya kusingenisa endlwini kayehova, utixo wako.
Musa ukupeka itakane lebokwe elubisini lwonina.
27Waza wati uyehova ku‐Mosesi: Ba̔la wena lamazwi; ngokuba kwa njengokutsho kwalamazwi ndilwenzile ucebano nawe no‐Sirayeli. 28Wayeko kona ndawonye no‐yehova imini zamashumi mane nobusuku bakwa mashumi mane; isonka akasidla, namanzi akawasela: wandula waba̔la pezu kwamacwecwe amazwi ocebano, amazwi olishumi.
29Kwaza kwati, akuhla u‐Mosesi entabeni ye‐Sinai, amacwecwe omabini esinqi̔no esesandleni sika‐Mosesi, ekuhleni kwake entabeni, waengazi u‐Mosesi ukuba intlonze yobuso bake ibikazimla akuteta naye. 30Wati u‐Arone, nalo lonke usapo luka‐Sirayeli, bakubona u‐Mosesi, bona ke, intlonze yobuso bake yakazimla; ngako babesoyika ukusondela kuye. 31Waza u‐Mosesi wababiza; wasuka u‐Arone, nazo zonke inkosi zentlanganiso, babuya beza kuye: waye u‐Mosesi wateta nabo. 32Kwati kamva kwasondela lonke usapo luka‐Sirayeli: waza waluyalela ngako konke uyehova wabekutetile kuye entabeni ye‐Sinai. 33Wati u‐Mosesi akuba egqibile ukuteta nabo, wabeka pezu kwobuso bake isigubungelo. 34Kodwa nxa u‐Mosesi wangenayo ebusweni bukayehova ukuya kuteta naye, wandula wasusa isigubungelo wada wapuma: wati akuba epumile, wateta nosapo luka‐Sirayeli oko wayeyalelwa kona. 35Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwabona ubuso buka‐Mosesi, ukuba intlonze yobuso buka‐Mosesi iyakazimla; waza u‐Mosesi wabuya wabeka isigubungelo pezu kwobuso bake, wada wangena ukuya kuteta naye.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 34: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in