YouVersion Logo
Search Icon

I‐Kesodusi 35

35
1WAZA u‐Mosesi wahlanganisa yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, wati kulo: Ngala amazwi ayalele ngawo uyehova, ukuba niwenze. 2Yimihla mitandatu ekuya kwenziwa umsebenzi, kodwa ngomhla wesixe̔nxe kuya kubako kuni owobungcwele, isabata yopumlo kuyehova: osukuba ewenza umsebenzi ngawo, uya kufiswa. 3Aniyi kupemba mlilo kuzo zonke izindlu zenu ngomhla wesabata.
4Wayeteta u‐Mosesi kuyo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, esiti: Lilo eli ilizwi uyehova ayalele ngalo, ukuti: 5Tabatani kokukuni umnikelo kuyehova; osukuba enentliziyo evumayo, makawuzise, umnikelo kayehova: igolide, nesilivere, nexina, 6nezuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, neqiya eshiceneyo, noboya bebokwe, 7nezintsu zenkunzi zegusha zenziwe bomvu, nezintsu zamacelesi, nemiti yeshitime, 8neoli ibe yeyesikanyiso, nezimnandi zibe zezeoli yokutambisa nezesiqumiso esimnandi, 9namatye eshohame, namatye okufakwa, aweyefodi nawembeka. 10Babeya kuza bonke abantliziyo zilumkile pakati kwenu, benze konke ayalele ngako uyehova: 11itabanakele, intente yayo, nesigubungelo sayo, amakonxo ayo, neplanke zayo, imivalo yayo, intsika zayo, neziseko zayo; 12ityeya, nezibonda zayo, isihlalo sofefe, nekuselo lelengalenga; 13itafile, nezibonda zayo, nazo zonke impahla zayo, nezonka zokubonakala; 14nekandelare yesikanyiso, nempahla zayo, nezibane zayo, neoli yesikanyiso; 15nesibingelo sesiqumiso, nezibonda zaso, neoli yokutambisa, nesiqumiso esimnandi; nelengalenga locango emnyango wetabanakele; 16isibingelo samadini okutshiswa, neziko lexina esiya kuba nalo, izibonda zaso, nazo zonke impahla zaso; isihlambelo, nesikondo saso; 17amalengalenga ebala, intsika zalo, neziseko zazo; nelengalenga lesango lebala; 18izikonkwane zetabanakele, nezikonkwane zebala, nentambo zazo; 19izivato zobukonzo, zokuba kukonzwe kweyingcwele indawo, izivato ezingcwele zika‐Arone umperisite, nezivato zonyana bake, zokuba bakonze ngobuperisite.
20Yandula yapuma yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli ebusweni buka‐Mosesi. 21Baye besiza bonke ngabanye abantliziyo ibavusileyo, nabo bonke abamoya wabaqu̔bayo, bazisa umnikelo kayehova ngenxa yomsebenzi wentente yentlangano, nangenxa yenkonzo yayo, nangenxa yezivato ezingcwele. 22Baye besiza, kwa amadoda nabafazi, bonke abanentliziyo evumayo, bazisa izacolo, namacici, nemisesane, nezidanga, zizinto zegolide zonke; nabo bonke abanikela umnikelo wegolide kuyehova. 23Kanjalo bonke abantu bekufunyanwa kubo izuluṙa, nesimnyama, nesibomvu, neqiya eshiceneyo, noboya bebokwe, nezintsu zenkunzi zegusha zenziwe bomvu, nezintsu zamacelesi, bazizisa. 24Bonke abanikela umnikelo wesilivere nowexina, bawuzisa umnikelo kayehova; nabo bonke bekufunyanwa kubo imiti yeshitime, ngenxa yomnye umsebenzi wenkonzo, bayizisa. 25Nabo bonke abafazi, abantliziyo ilumkileyo, basonta ngezandla zabo; baza bazisa okusontiweyo, okwezuluṙa nesimnyama, okwesibomvu neqiya eshiceneyo. 26Nabo bonke abafazi abantliziyo yabavusayo ebulumkweni, basonta uboya bebokwe. 27Nenkosi zazisa zona amatye eshohame, namatye okufakwa, aweyefodi nawembeka; 28nezimnandi, nezeoli yokutambisa, nezesiqumiso esimnandi, neoli yesikanyiso. 29Lwazisa lonke usapo luka‐Sirayeli umnikelo wesisa kuyehova, onke amadoda nabo bonke abafazi, abantliziyo ibaqu̔bayo ukuzisela yonke imisebenzi, abeyalele uyehova ukuba yenziwe ngesandla sika‐Mosesi.
30Waza u‐Mosesi wati elusatsheni luka‐Sirayeli: Niyabona ke, uyehova umbizile ngegama u‐Betsalele, unyana ka‐Uri, unyana ka‐Hure, owesizwe sika‐Juda. 31Yena umzalisile ngomoya katixo, ngobulumko, nangengqondo, nangokwazi, nangentlobo zonke zomsebenzi; 32ukuze aqinge amasetyenzwa obuncibi, enze ngegolide, nangesilivere, nangexina, 33nangokuqingqa amatye, okuba kufakwe nangokuqingqa imiti, yokuba kwenziwe ngemisebenzi yonke yobuncibi. 34Kanjalo ubekile entliziyweni yake ukuba afundise abanye, kweyake nakweka‐Aholiyabi, unyana ka‐Ahisamaki, owesizwe sika‐Dane. 35Aba ubazalisile ngobulumko bentliziyo, ukuze kwenziwe yonke imisebenzi, eyomqingqi, neyencibi yokuluka, neyomtungi wamabala ngamabala, ngezuluṙa, nangesimnyama, nangesibomvu, nangeqiya eshiceneyo, neyomluki, neyabenzi bemisebenzi yonke, neyabaqingi bamasetyenzwa obuncibi.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 35: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in