Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Galati 1
1
ISAHLUKO I.
1UPAULUSI umpostile, (kungaveli ebantwini, kungengaye umntu kanjalo, kungaye u‐Yesu Kristu, notixo uyise, owamvusa ekufeni,) 2nabo bonke abazalwana abanam, kuzo iṙemente zase‐Galati: 3Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo uyise, nenkosi yetu u‐Yesu Kristu, 4owazinikelayo ngenxa yezono zetu, ukuze asihlangule kulo elikoyo ilizwe elikohlakeleyo, ngokwentando yake utixo nobawo wetu, 5okuye makubeko ubungcwalisa kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
6Nditi nqa ukuba nipambuka kamsinya kangaka kulowo owanibizayo ngofefe luka‐Kristu, nipambukela kwiyimbi ivangeli: 7engeyiyo enye noko; kupela bako inxenye abanipitizelisayo, abafuna ukuyiguqula ivangeli ka‐Kristu kanjalo. 8Kodwa nakuba siti tina, umhlaumbi iti ingelosi yasezulwini ishumayele kuni ivangeli epambana naleyo sayishumayela kuni, maibe yinto eqalekisiweyo. 9Njengokuba sitshilo pambili, kwa njalo kaloku ndibuya nditi: Ukuba umntu uyanishumayeza ivangeli epambana naleyo nayamkelayo, makabe yinto eqalekisiweyo. 10Ngokuba kaloku nditomalalisa abantu, utixo, kusinina? umhlaumbi ndifuna ukukolisa abantu na? ngokuba abantu ukuba ndibe ndisakolisa bona, ndinge ndingabi ndisisicaka sika‐Kristu.
11Kekaloku ndiyanazisa, bazalwana! ivangeli eyabishunyayelwa ndim ukuba ayingokwabantu. 12Ngokuba mna bendingayamkelanga emntwini, bendingayifundiswanga nakanjako, koko ndayamkelayo ngaso isityilo sika‐Yesu Kristu. 13Ngokuba benivile ukumila kwam bendifudula ndinako ebujudeni, okokuba ndibe nditshutshisa iṙemente katixo ngento egqitisileyo, ndayici̔ta; 14nokuba ndamana ndihambisa ebujudeni ngapezu kwabaninzi abebeyintanga nye nam esizweni sakowetu, ndizondelela kakulu ngakumbi nje izinikelo zobawo bam.
15Kodwa akutanda utixo, owandahlulayo kwa sezizalweni sikama̔, wandibiza ngalo ufefe lwake, 16ukuba atyile unyana wake pakati kwam, ukuze ndishumayele yena pakati kwabaheyideni; ndati kwa oko, andabuzana nayo inyama negazi, 17andanyukela e‐Yerusaleme kanjako kubo abebengabapostile pambili kum, koko ndemkayo ndaya e‐Arabi, ndaza ndabuyela e‐Damakusi kanjako. 18Ndandula ndati, emveni kweminyaka mitatu, ndenyukela e‐Yerusaleme ukuya kwazana no‐Petrosi, ndalibala kuye intsuku zalishumi linantlanu. 19Kodwa omnye wakubo abapostile andambona, kupela u‐Yakobi umzalwana wenkosi. 20Kekaloku izinto endiziba̔layo kuni, bona ke, nditi ebusweni bukatixo andixoki. 21Emveni kwoko ndeza emazweni ase‐Siriya nawase‐Silisiya. 22Kodwa ndahlala ndingaziwa ngobuso kwiṙemente zase‐Judeya eziku‐Kristu. 23Bebesiva ke kupela ukuba kwatiwa: Lowo ubefudula esitshutshisa, uyalushumayela kaloku ukolo abefudula eluci̔ta. 24Baza bamdumisa utixo kum.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Galati 1: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.