YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 10

10
1NAZI izizukulwana zabo onyana baka‐Nowa, u‐Sheme, u‐Hame, no‐Jafete: baye bona bezalelwe onyana emveni kwomsingakazi.
2Onyana baka‐Jafete: ngu‐Gomere, no‐Magoge, no‐Madai, no‐Javane, no‐Tubali, no‐Mesheki, no‐Tirase. 3Nonyana baka‐Gomere: ngu‐Shekenaze, no‐Rifate, no‐Togama. 4Nonyana baka‐Javane: ngu‐Elishai, no‐Tareshishe; ngama‐Kiti, nama‐Dodani. 5Bekungabo aba zahlulwayo iziqiti zentlanga emazweni azo; ezinye ngezinye ngokuteta kwazo, ngezizalwane zazo, ezizweni zazo.
6Nabo onyana baka‐Hame: ngu‐Kushe, no‐Mitsarime no‐Pute, no‐Kanane. 7Nonyana baka‐Kushe: ngu‐Seba, no‐Havila, no‐Sabeta, no‐Rahama no‐Sabeteka. Nonyana baka‐Rahama: ngu‐Sheba, no‐Dedane.
8Kekaloku u‐Kushe wazala u‐Nimrode; owaqala ukuba liṙoti emhlabeni. 9Yena wabeliṙoti ekuzingeleni pambi kwoyehova; kwakutshiwo ngoko ukuti: Njengaye u‐Nimrode oliṙoti ekuzingeleni pambi kwoyehova. 10Ukuqala kwobukumkani bake bekuyi‐Babele, ne‐Ereki, ne‐Akade, ne‐Kalene, elizweni le‐Shinare. 11Wapuma kwelozwe waya e‐Asiriya, waka i‐Nineve, ne‐Rehobote‐hire, ne‐Kalai, 12ne‐Resene, pakati kwe‐Nineve ne‐Kalai: esisixeko esikulu yona.
13Wati u‐Mitsarime wazala ama‐Ludi, nama‐Hanami, nama‐Lehabi, nama‐Nafetuhi, 14nama‐Faterusi, nama‐Kaseluhi, (ekwavela kona ama‐Filistiya,) nama‐Kafetori.
15No‐Kanane wazala u‐Tsidone unyana wake wamazibulo, no‐Hete; 16kwa nom‐Yebusi, nom‐Amori, nom‐Giregashe, 17nom‐Hivi, nom‐Araki, nom‐Sini, 18nom‐Aravadi, nom‐Tsemari, nom‐Hamati: kwabekute kamva, zatiwa sa izizalwane zaba‐Kanane. 19Kekaloku umda waba‐Kanane ubuvela e‐Tsidone, njengokuba kuyiwa e‐Gerari, kude kube se‐Gaza; njengokuba kuyiwa e‐Sodome, nase‐Gomora, nase‐Adema, nase‐Tseboyime, kude kube se‐Lasha. 20Aba bangabo onyana baka‐Hame, ngezizalwane zabo nangenteto zabo, emazweni abo nasezizweni zabo.
21Waye u‐Sheme wazalelwa onyana naye, okwa nguyise walo lonke usapo luka‐Hebere, engumninawe ka‐Jafete omkulu. 22Onyana baka‐Sheme: ngu‐Helami, no‐Ashure, no‐Rafatsade, no‐Lude, no‐Arame. 23Nonyana baka‐Arame: ngu‐Hutse, no‐Hule, no‐Getere, no‐Mashe. 24Wati u‐Rafatsade wazala u‐Sala, no‐Sala wazala u‐Hebere. 25No‐Hebere kwamzalelwa onyana bababini: igama lomnye lalingu‐Pelege#10:25 Oko kukuti: Isahlulo., ngokuba bekusemihleni yake umhlaba wahlulwa; negama lomkuluwe wake lalingu‐Yoketane. 26Waye u‐Yoketane wazala u‐Lamodade, no‐Shelefe, no‐Hatsamavete, no‐Jera, 27no‐Hadorame, no‐Yuzale, no‐Dikala, 28no‐Hobali, no‐Abimale, no‐Sheba, 29no‐Ofire, no‐Havila, no‐Jobabe: bonke aba bangonyana baka‐Yoketane. 30Ukuhlala kwabo bekuvela e‐Mesha, njengokuba kuyiwa e‐Sefara, intaba yangasempumalanga. 31Aba bangonyana baka‐Sheme, ngezizalwane zabo nangenteto zabo, emazweni abo, nangezizwe zabo. 32Ezi ke zizizizalwane zabo onyana baka‐Nowa, ngezizukulwana zabo, ezizweni zabo: kwa ngabo aba zazisahlulwa izizwe pezu kwomhlaba emveni kwawo umsingakazi.

Currently Selected:

I‐Genesise 10: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in