YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 11

11
1KEKALOKU wonke umhlaba waunomlomo mnye nenteto nye. 2Kwaye kute, nxa babehamba ngasempumalanga, bafumana itafa ezweni le‐Shinare; baza bahlala kona.
3Bada bati omnye kwomnye: Yizani, senze izitene, sikolise ukuzigqwagqwa. Babenezitene endaweni yamatye, babenodaka endaweni yekalike. 4Baye besiti: Yizani, sizakele isixeko, kwa nenqaba engcopo ibe sezulwini; size sizenzele igama, hlezibe sipangalaliswe ebusweni bawo wonke umhlaba. 5Waza uyehova wehla ukuza kubona isixeko nenqaba, ababezaka onyana babantu. 6Wayesiti uyehova: Bona ke, abantu banye, banomlomo mnye bonke kanjalo; kukuqala kwokwenza kwabo oku; kaloku akuko nto eya kunqandeka kubo, abaqingileyo ukuyenza. 7Yizani, kesihle, sibidabide kona apo inteto yabo, ukuze bangevani omnye ukuteta kwomnye. 8Waza uyehova wabati sa kwa lapo ebusweni bawo wonke umhlaba; bandula bayeka ukwaka isixeko eso. 9Ngako oko besibizwa ngegama eliyi‐Babele#11:9 Oko kukuti: Ukubidabideka.; ngokuba bekukona uyehova wabidabida inteto yomhlaba wonke: kwakukona kanjalo wabati sa uyehova ebusweni bawo wonke umhlaba.
10EZI zizizizukulwana zika‐Sheme: u‐Sheme ebeyiminyaka yalikulu ubudala bake, waza wazala u‐Rafatsade, yaminyaka mibini emveni kwawo umsingakazi. 11Waye u‐Sheme wahlala, emveni kwokuzala kwake u‐Rafatsade, iminyaka yamakulu mahlanu, wazala onyana nentombi. 12Wahlala u‐Rafatsade iminyaka yamashumi matatu anamihlanu, waza wazala u‐Sala. 13Waye u‐Rafatsade wahlala, emveni kwokuzala kwake u‐Sala, iminyaka yamakulu mane anamitatu, wazala onyana nentombi. 14Wahlala u‐Sala iminyaka yamashumi matatu, waza wazala u‐Hebere. 15Waye u‐Sala wahlala, emveni kwokuzala kwake u‐Hebere, iminyaka yamakulu mane anamitatu, wazala onyana nentombi. 16Wahlala u‐Hebere iminyaka yamashumi matatu anamine, waza wazala u‐Pelege. 17Waye u‐Hebere wahlala, emveni kwokuzala kwake u‐Pelege, iminyaka yamakulu mane anamashumi matatu, wazala onyana nentombi. 18Wahlala u‐Pelege iminyaka yamashumi matatu, waza wazala u‐Rehu. 19Waye u‐Pelege wahlala, emveni kwokuzala kwake u‐Rehu, iminyaka yamakulu mabini anesitoba, wazala onyana nentombi. 20Wahlala u‐Rehu iminyaka yamashumi matatu anesibini, waza wazala u‐Seruge. 21Waye u‐Rehu wahlala, emveni kwokuzala kwake u‐Seruge, iminyaka yamakulu mabini anesixe̔nxe, wazala onyana nentombi. 22Wahlala u‐Seruge iminyaka yamashumi matatu, waza wazala u‐Nahore. 23Waye u‐Seruge wahlala, emveni kwokuzala kwake u‐Nahore, iminyaka yamakulu mabini, wazala onyana nentombi. 24Wahlala u‐Nahore iminyaka yamashumi mabini anesitoba, waza wazala u‐Tera. 25Waye u‐Nahore wahlala, emveni kwokuzala kwake u‐Tera, iminyaka yalikulu linye elineshumi linesitoba, wazala onyana nentombi. 26Wahlala u‐Tera iminyaka yamashumi asixe̔nxe, waza wazala u‐Abrame, u‐Nahore, no‐Harane.
27Zizo ezi izizukulwana zika‐Tera: u‐Tera wazala u‐Abrame, u‐Nahore, no‐Harane; wati u‐Harane wazala u‐Lote. 28Waye u‐Harane wafa ebusweni buka‐Tera uyise, ezweni lokuzalwa kwake, e‐Ure yasema‐Kaledineni. 29Bati u‐Abrame no‐Nahore bazeka abafazi: igama lomfazi ka‐Abrame ngu‐Sarai: negama lomfazi ka‐Nahore ngu‐Mileka, intombi ka‐Harane, uyise ka‐Mileka, noyise ka‐Yisika. 30Waye u‐Sarai eludlolo, engabanga namntwana. 31Kekaloku u‐Tera watabata u‐Abrame unyana wake, no‐Lote unyana ka‐Harane, unyana wonyana wake, no‐Sarai umolokazana wake, umfazi ka‐Abrame unyana wake, abati bapuma nabo e‐Ure yasema‐Kaledineni, ukuya elizweni le‐Kanane; baza bafika e‐Karane, bahlala kona. 32Yaye imihla ka‐Tera iyiminyaka engamakulu mabini anamihlanu; wada wafa u‐Tera e‐Karane.

Currently Selected:

I‐Genesise 11: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

Video for I‐Genesise 11