YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 22

22
1KWAYE kute emveni kwezizinto, utixo walinga u‐Abrahame, wati kuye: Abrahame! Wati yena: Nanku, ndilapa. 2Wayesiti: Zutabate unyana wako, ukupela kwonyana wako, omtandayo, u‐Yisake, usuke uye elizweni le‐Moriya, umnikele kona abe lidini lokutshiswa, pezu kwenye yentaba endiya kukutyela yona.
3Waza u‐Abrahame wavuka kwa kusasa, wabopa iqwaṙashe lake, watabata amabini kwamadodana ake aye naye, no‐Yisake unyana wake, wacanda inkuni zedini lokutshiswa, wesuka, wahamba ukuya endaweni abemtyele yona utixo. 4Ngowesitatu umhla wandul’ ukupakamisa u‐Abrahame amehlo ake, wabona indawo leyo ikude. 5Waza wati u‐Abrahame kumadodana ake: Hlalani nina apa neqwaṙashe; mna kodwa nomfana siya kuhambela paya, sibedeshe, sibuye size kuni. 6Waye u‐Abrahame etabata inkuni zedini lokutshiswa wazibeka pezu kwo‐Yisake unyana wake; watabata esandleni sake umlilo nesitshetshe; baza bahamba bobabini kunye. 7Wada watsho u‐Yisake ku‐Abrahame uyise, wati: Bawo! Wati yena: Nanku, ndilapa, nyana wam! Wayesiti: Nang’ umlilo nenkuni, kanti itakane lokwenza idini lokutshiswa lipina? 8Wati u‐Abrahame: Utixo wozibonela itakane lokwenza idini lokutshiswa, nyana wam! Baza bahamba bobabini kunye.
9Bada bafika kulondawo ubemtyele yona utixo; wayesaka kona u‐Abrahame isibingelo, wacwangcisa inkuni, wanxiba u‐Yisake unyana wake, wambeka esibingelweni pezu kwenkuni. 10Waza u‐Abrahame wolula isandla sake, watabata isitshetshe ukuba abulale unyana wake. 11Yandula ukummemeza ingelosi kayehova isezulwini, yati: Abrahame, Abrahame! Wati yena: Nanku, ndilapa. 12Yayisiti: Ungoluli isandla sako pezu kwomfana, ungenzi nto kuye kanjalo; ngokuba kaloku ndisazi ukuba uyamoyika utixo, ungabambanga nje unyana wako, ukupela kwonyana wako, kum. 13Waye u‐Abrahame wapakamisa amehlo ake, wakangela; kekaloku nantsiya inkunzi yegusha ngasemva ibanjisiwe eludadeni ngempondo zayo: wasuka waya u‐Abrahame watabata lonkunzi yegusha, wayinikela ibe lidini lokutshiswa esikundleni sonyana wake.
14Waza u‐Abrahame wabiza igama lalondawo ngokuti: Uyehova uya kubona! njengokuba kusitwa nanamhla: Entabeni kayehova kuya kubonwa!
15Yandula ingelosi kayehova yamemeza u‐Abrahame ngokwesibini isezulwini, 16yati: Ndizifungile, utsho uyehova, ngokokuba uyenzile lento, nokuba ungabambanga unyana wako, ukupela kwonyana wako; 17ndiya kugqitisa ukukutamsanqela, ndikolise ukuyandisa nenzalo yako, njengenkwenkwezi zezulu, nanjengentlabati eselunxwemeni lwolwandle: yaiya kufuya inzalo yako isango lentshaba zayo; 18kanjalo zoba netamsanqa ngenzalo yako zonke izizwe zomhlaba; ngenxa yokuba ulivile ilizwi lam.
19Wada u‐Abrahame wabuyela kumadodana ake; asuka ke, kwaza kwayiwa kunye e‐Beresheba; waye u‐Abrahame wahlala e‐Beresheba.
20KWAYE kute emveni kwezizinto, kwashunyayelwa ku‐Abrahame, ukuti: Bona ke, u‐Mileka uzele naye abantwana ku‐Nahore umkuluwe wako: 21kwa u‐Hutse owamazibulo wake, no‐Buze umninawe wake, no‐Kemuweli uyise ka‐Arame, 22no‐Kesedi, no‐Hazo, no‐Piledashe, no‐Yidelafe, no‐Betuweli: 23(wati u‐Betuweli wazala u‐Rebeka:) aba basibozo u‐Mileka wabazala ku‐Nahore, umkuluwe ka‐Abrahame. 24Neshweshwe lake, eligama lalingu‐Rewuma, lazala nalo u‐Teba, no‐Gahame, no‐Tahashe, no‐Mahaka.

Currently Selected:

I‐Genesise 22: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in