YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 23

23
1Kekaloku ukuhlala kuka‐Sara bekuyiminyaka ilikulu linamashumi mabini anesixe̔nxe: yiyo iminyaka yokuhlala kwake u‐Sara. 2Wada wafa u‐Sara e‐Kiriyate‐areba, ekwa yiyo i‐Hebrone, elizweni le‐Kanane; waye u‐Abrahame weza ukwenzela u‐Sara isijwili, nokumlilela.
3Waza wesuka u‐Abrahame kwa sebusweni bofileyo wake, wateta kulo usapo luka‐Hete, esiti: 4Ndingowasemzini nompambukeli kuni; ndinike imfuyo yendawo yokuncw̔abela kuni, ukuba ndincw̔abe ofileyo wam ebusweni bam.
5Lwapendula usapo luka‐Hete u‐Abrahame, lusiti kuye: 6Sipulapule, nkosi yam! uyinkosi katixo wena pakati kwetu; kwelidluliseleyo emancw̔abeni etu mncw̔abe ofileyo wako; akuko namnye wakuti oya kubamba kuwe incw̔aba lake, ukuba ungamncw̔abi ofileyo wako.
7Waza wesuka u‐Abrahame, watoba pantsi pambi kwabantu belizwe, pambi kwosapo luka‐Hete; 8wateta nabo, esiti: Ukuba ngumxe̔lo wenu, okokuba ndincw̔abe ofileyo wam ebusweni bam, ndipulapuleni, ninditetelele ku‐Hefrone unyana ka‐Tsohare, 9ukuba andinike umqolomba wase‐Makapela, lowo anawo, osencameni yentsimi yake; ngemali ezalisekileyo uya kunditengisa wona, ube yimfuyo yendawo yokuncw̔aba pakati kwenu.
10Kekaloku u‐Hefrone ubuhleli pakati kwosapo luka‐Hete; waza u‐Hefrone um‐Hete wampendula u‐Abrahame, ezindlebeni zalo usapo luka‐Hete, kwezabo bonke abezayo esangweni lesixeko sake, esiti: 11Hai, nkosi yam! ndipulapule ke; intsimi ndiyayinika kuwe, nomqolomba opakati kwayo ndiyawunika kuwe; kwa semehlweni abo onyana babantu bam ndiyawunika kuwe; ncw̔aba ofileyo wako.
12Waza u‐Abrahame watoba pantsi ebusweni babantu belizwe; 13wateta ku‐Hefrone, ezindlebeni zabo abantu belizwe, esiti: Koko ukuba uya kutenga ngawo, uz’ unge ungandipulapula; ndokunikela intsimi imali; yitabate kum, ndandiya kuncw̔aba ofileyo wam kwa lapo.
14Waye u‐Hefrone wampendula u‐Abrahame, esiti kuye: 15Nkosi yam! ndipulapule ke: umhlaba ulingana namakulu mane eshekele zesilivere; kuyinto nina oko pakati kwam nawe? ncw̔aba kambe ofileyo wako.
16Wapulapula ke u‐Abrahame ku‐Hefrone; waza u‐Abrahame wayilinganisela ku‐Hefrone isilivere, leyo ubetetile ngayo ezindlebeni zalo usapo luka‐Hete, imakulu mane eshekele zesilivere, isamkeleka kumtengi. 17Kwandu ukuqiniselwa intsimi ka‐Hefrone, ebise‐Makapela, ebingapambi kwe‐Mamre, kwa intsimi, nomqolomba obupakati kwayo, nayo yonke imiti ebisentsimini, ebikuyo yonke imida yangakona, 18ku‐Abrahame ibe yimfuyo, emehlweni alo usapo luka‐Hete, kwawabo bonke abezayo esangweni lesixeko sake.
19Wati u‐Abrahame emveni kwoku wamncw̔aba u‐Sara umfazi wake, emqolombeni wentsimi yase‐Makapela, ngapambi kwe‐Mamre, ekwa yiyo i‐Hebrone, elizweni le‐Kanane. 20Kwanjalo ke ukuqiniselwa kwentsimi leyo, nomqolomba obupakati kwayo, ku‐Abrahame, ibe yimfuyo yendawo yokuncw̔aba, lusapo luka‐Hete.

Currently Selected:

I‐Genesise 23: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in