YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 28

28
1Wandula u‐Yisake wambiza u‐Yakobi, wamtamsanqela, wamyalela, wati kuye: Uze ungazeki umfazi ezintombini zase‐Kanane. 2Suka, uye e‐Padane‐arame, endlwini ka‐Betuweli uyise kanyoko; ude uzeke kona apo umfazi ezintombini zika‐Labane umkuluwe wonyoko. 3Wanga utixo onamandla onke angakutamsanqela, akucumise, akwandise nokukwandisa, ukuba ube ngumhlambi wabantu: 4ati kanjalo akunike itamsanqa lika‐Abrahame, kwa wena, nenzalo yako kunye nawe, ukuze ulidle ilifa lalo ilizwe lokupambukela kwako, elona walinika utixo ku‐Abrahame. 5Wenje njalo u‐Yisake ukumndulula u‐Yakobi; wasuka waya e‐Padane‐arame, ku‐Labane, unyana ka‐Betuweli um‐Siriya, umkuluwe ka‐Rebeka, oka‐Yakobi noka‐Esau unina.
6Kekaloku u‐Esau akubona okokuba u‐Yisake umtamsanqele u‐Yakobi, nokuba wamndulula ukuya e‐Padane‐arame, ukuze azeke kona umfazi; nokuba ute, ekumtamsanqeleni kwake, wamyalela ngokuti: Ungazeki umfazi ezintombini zase‐Kanane; 7nokuba u‐Yakobi wapulapula uyise nonina, waya e‐Padane‐arame; 8akubona u‐Esau kanjalo okokuba intombi zase‐Kanane azilungile emehlweni ka‐Yisake uyise; 9wandula waya u‐Esau ku‐Shimayeli, wazeka u‐Mahalate, intombi ka‐Shimayeli, unyana ka‐Abrahame, udade ka‐Nebayoti, ngapezu kwabafazi abesel’ enabo, abe ngumfazi wake.
10Wayepuma u‐Yakobi e‐Beresheba, waya ngase‐Karane. 11Wada wafika endaweni etile, walalisa kona, ilanga lise litshonile nje; waza watabata ematyeni alondawo, wabekela umqamelelo wake, walala ubutongo kwa kulondawo. 12Wapupa ke; kekaloku nantsiya into yokukwela imisiwe emhlabeni, encam yayo yafikelela ezulwini; nanziya nengelosi zikatixo zinyuka zisihla nokuhla ngayo. 13Kanjalo, bona ke, uyehova wema pezu kwayo, wati: Mna ndi nguyehova, utixo ka‐Abrahame uyihlo wako, notixo ka‐Yisake: elilizwe ulele ubutongo pezu kwalo, ndolinika kuwe, nakuyo inzalo yako; 14iti inzalo yako ibe njengotuli lwomhlaba; wauya kwanda ngasentshonalanga, nangasempumalanga, nangasenode, nangasesuyide: zaziya kutanyusanqelwa ngawe zonke izizalwane zomhlaba, nangayo inzalo yako. 15Kanjalo, bona ke, ndinawe, ndandiya kukugcina apo usukuba usiya kona, ndize ndikubuyisele kwa kwelilizwe; ngokuba ndingayi kukushiya, ndingekakwenzanga oko ndikutetile kuwe.
16Waye u‐Yakobi evuka ebutongweni bake, wati: Okwenene uko uyehova kulendawo, ndingazanga nje mna. 17Wabesoyika, wati: Hai ukwoyikeka kwalendawo! Le asi nokuba yindlu katixo; kanjalo le lisango lezulu.
18Waza u‐Yakobi wavuka kusasa, watabata ilitye abelibekele umqamelelo wake, walimisa libe sisimo sokukumbuza, wagalela ioli pezu kwencam yalo. 19Wayebiza igama lalondawo nge‐Betele#28:19 Oko kukuti: Indlu katixo.; kodwa beliyi‐Luze igama lesixeko eso ekuqaleni. 20Waza u‐Yakobi wasenza isibambiso, esiti: Nxa utixo aya kuba nam, andigcine kulendlela ndihamba ngayo, andinike isonka sokutya nengubo yokwambata; 21ndide ndibuye ndize ngoxolo endlwini kabawo: uya kwandula uyehova abe ngutixo wam; 22nelitye eli, endilimisileyo libe sisimo sokukumbuza, loba yindlu katixo; nako konke uya kundipa kona, ndomana ndinika isishumi sako kuwe.

Currently Selected:

I‐Genesise 28: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in