YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 29

29
1WASUSA inyawo zake u‐Yakobi, wahambela elizweni labantu basempumalanga. 2Waza wakangela, kekaloku naliya iqula endle; kanjalo, nantsiya kona imihlambi emitatu yezimvu zite butu ngakulo; ngokuba kwa kulo iqula elo bekusezwa imihlambi; nelitye elikulu lalipezu kwomlomo wequla. 3Kwaye kuhlanganiselwa kona yonke imihlambi; kwaza kwaqengqwa ilitye emlonyeni wequla, kwasezwa izimvu; kwandul’ ukubuyiswa ilitye pezu kwomlomo endaweni yalo. 4Wayesiti u‐Yakobi kubo: Bazalwana bam! nivela pina? Bati bona: Sivela tina e‐Karane. 5Wati kubo kanjalo: Niyamazi na u‐Labane unyana ka‐Nahore? Bati: Siyamazi. 6Waza wati kubo: Upilile na? Bati: Upilile; kanjako nanku u‐Rakele intombi yake esiza nazo izimvu. 7Wayesiti: Bona ke, imini isenkulu; asi lixesha lokuhlanganiswa kwenkomo; zisezeni izimvu, nize niye ukwalusa. 8Baza bati: Sikohliwe kukwenje njalo, kude kuhlanganiswe yonke imihlambi, nakude kuqengqwe ilitye emlonyeni wequla; sandule siseze izimvu.
9Kwa esateta nabo, u‐Rakele weza nezimvu zoyise; ngokuba ebengumalusikazi yena. 10Kwaza kwati, xeshekweni u‐Yakobi wambona u‐Rakele, intombi ka‐Labane umkuluwe wonina, nezimvu zika‐Labane umkuluwe wonina, wandula ukusondela u‐Yakobi, waqengqa ilitye emlonyeni wequla, waseza izimvu zika‐Labane umkuluwe wonina. 11Waye u‐Yakobi wamanga u‐Rakele, wapakamisa ilizwi lake, walila. 12Waza u‐Yakobi wamxelela u‐Rakele ukuba ungumalamane kayise, nokuba ungunyana ka‐Rebeka. Wagidima ke, waxela kuyise. 13Kwaye kute, akuba u‐Labane evile indaba zika‐Yakobi, unyana wodade wake, wandula wabaleka ukuya kumkaulela, wamsingata, wamanga, wamzisa endlwini yake. Waza wabalisela u‐Labane zonke ezizinto. 14Wayesiti u‐Labane kuye: Okwenyaniso ulitambo lam nenyama yam. Waza wahlala naye ixesha lenyanga nye.
15Wada wati u‐Labane ku‐Yakobi: Ukuba ungumalamane wam, unge undikonza ngoko na ngesisa? ndixelele, woba yinto nina umvuzo wako? 16Kekaloku u‐Labane ebenentombi zimbini: igama lenkulu ngu‐Leya; igama lencinane ngu‐Rakele. 17U‐Leya amehlo ake abetambile; kanti u‐Rakele ubemhle isimilo sake, wamhle nokubonakala kwake kananjalo. 18Waye u‐Yakobi emtanda u‐Rakele; wati ngoko: Ndiya kukukonza iminyaka ibe sixe̔nxe, ngenxa ka‐Rakele intombi yako encinane. 19Waza wati u‐Labane: Kulungile ukuba ndimnike kuwe, pezu kwokuba ndimnike kwenye indoda; hlala nam. 20Wandula u‐Yakobi wakonza iminyaka yasixe̔nxe ngenxa ka‐Rakele; eyaba semehlweni ake njengemihla emincinane, ngokumtanda kwake.
21Waza u‐Yakobi wati ku‐Labane: Ndinike umfazi wam, ngokuba isel’ izalisekile imihla yam, ukuze ndingene kuye. 22Wandula u‐Labane ukuhlanganisa onke amadoda alondawo, wawenza umtshato. 23Kwaye kute ngokuhlwa, watabata u‐Leya intombi yake, wamzisa kuye; waza wangena kuye. 24Waye u‐Labane wanika kuye u‐Zilipa ikobokakazi lake, kwa kuye u‐Leya intombi yake, abe likobokakazi. 25Kwaza kwati, kwakusa, nanku u‐Leya. Wati ngoko ku‐Labane: Yinto nina le uyenzileyo kum? asi nguye u‐Rakele endibe ndikukonza ngenxa yake yinina? kunganina ke ukuba undibukuqile? 26Wayesiti u‐Labane: Akwenzeki njalo kulendawo yakowetu, ukuba kwendiswe encinane pambili kweyamazibulo. 27Zalisekisa iveki yalé, sasiya kwandula sikunike yona nayo, ngokukonza uya kukonza ngako kum ibe iseyimbi iminyaka esixe̔nxe.
28Wenza u‐Yakobi kwa ngokunjalo, wazalisekisa iveki yalé. Waza wamnika no‐Rakele, intombi yake, abe ngumfazi wake. 29Waye u‐Labane wanika ku‐Rakele intombi yake u‐Bileha ikobokakazi lake, abe likobokakazi kuye. 30Wada wangena nakuye u‐Rakele, wamtanda u‐Rakele ngapezu kwake u‐Leya kanjalo; waza wakonza kuye yaiseyimbi iminyaka esixe̔nxe.
31Kekaloku akubona uyehova ukuba u‐Leya uyatiywa, wandula wavula isizalo sake; koko u‐Rakele ebeludlolo. 32Waza wamita u‐Leya, wazala unyana, wambiza ngegama elingu‐Rubene#29:32 Oko kukuti: Bonani unyana.; ngokuba ebesiti: Ngenyaniso uyehova ukangele imbandezelwa yam; kukona kaloku iya kunditanda indoda yam. 33Wabuya wamita, wazala unyana; wati: Ngokokuba uyehova evile ukuba ndiyatiywa, undinikile ngoko ke naló; waza wambiza ngegama elingu‐Simone#29:33 Oko kukuti: Ukuva.. 34Wabuya wamita, wazala unyana; wati: Kaloku nje indoda yam yozibandakanyela kum, ngokokuba ndimzalele onyana batatu; ngako wambiza ngegama elingu‐Levi#29:34 Oko kukuti: Ukubandakanya.. 35Wabuya wamita, wazala unyana; wati: Kaloku ndiya kudumisa uyehova; ngako wambiza ngegama elingu‐Juda#29:35 Oko kukuti: Udumiso.. Waza wati nqumama ekuzaleni.

Currently Selected:

I‐Genesise 29: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in