YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 34

34
1Kekaloku wapuma u‐Dina, intombi ka‐Leya, leyo ubeyizalele u‐Yakobi, ukuya kubona intombi zakwelolizwe. 2Waza wambona u‐Shekeme, unyana ka‐Hamore um‐Hivi, inkosi yelizwe, owamtabata, walala naye, wamdlwengula. 3Kanjalo umpefumlo wake wanamatela kuye u‐Dina, intombi ka‐Yakobi, wayitanda intombi leyo, wateta entliziyweni yayo intombi leyo. 4Wada watsho u‐Shekeme ku‐Hamore uyise, esiti: Nditabatele lentombi ibe ngumfazi. 5Kwaye kuviwa ngu‐Yakobi ukuba ebemnco̔lisile u‐Dina intombi yake; koko onyana bake bebenenkomo zake ezindle; ngako wati cwaka u‐Yakobi, bada bafika bona.
6Wandula wapuma u‐Hamore, uyise ka‐Shekeme, waya ku‐Yakobi, ukuba atete naye. 7Bati onyana baka‐Yakobi bavela ezindle, kwakuvakala kubo; aza adandateka amadoda lawo, aqumba kakulu, ngokuba ebenzile okuhlazekileyo kwa‐Sirayeli ngokulala nayo intombi ka‐Yakobi, okunge kungenziwa oko.
8Waza u‐Hamore wateta nabo, esiti: u‐Shekeme unyana wam umpefumlo wake uyalangazelela intombi yakokwenu: kaniyinike kuye ibe ngumfazi; 9nize nitshatiselane nati; intombi zenu nizendise kuti, nentombi zetu nizitabate kuni; 10nihlalelane nati; wauya kuti umhlaba ube pambi kwenu; hlalani nitenge kona, nizuze imfuyo kuwo. 11Waza u‐Shekeme wati kuyise nakubakuluwe bayo: Mandifumane ufefe emehlweni enu; kwa oko niya kukutsho kum, ndiya kunika kona. 12Yandisani pezu kwam kakulu ikazi nebaso, ndandiya kunika njengokuba niya kutsho kum; niti kodwa nindinike intombi ibe ngumfazi.
13Bandula onyana baka‐Yakobi bapendula u‐Shekeme no‐Hamore uyise ngenkohliso, (babeteta njalo ngokuba ebemnco̔lisile u‐Dina udade wabo,) 14bati kubo: Sikohliwe kukwenza lento, yokuba sendise udade wetu endodeni esekungalukini, ngokuba bekuya kuba lihlazo oko kuti. 15Kungoku kupela esiya kuvumelana nani: Ukuba noba njengati, okokuba kwaluke kuni konke okubudoda: 16siya kwandula sendise intombi zetu kuni, nentombi zenu sizitabate kuti, sihlalelane nani, sibe ngabantu banye. 17Kodwa ukuba aniyi kupulapula kuti, okokuba naluke, soza sitabate intombi yakokwetu, simke ke.
18Kekaloku amazwi abo abelungile emehlweni ka‐Hamore, nasemehlweni ake u‐Shekeme, unyana ka‐Hamore. 19Yati indodana leyo ayalibala ukwenza lento, ngokuba ibikolisiwe yintombi ka‐Yakobi; kanjalo ibibekekile ngapezu kwayo yonke indlu kayise. 20Wandula weza u‐Hamore, no‐Shekeme unyana wake, esangweni lesixeko sabo, bateta namadoda asesixekweni sabo, besiti: 21Lamadoda ayaxolana nati; makahlale ngoko elizweni, atenge kulo, nomhlaba (bona ke, ubanzi wona ngamacala onke) maube pambi kwawo: intombi zawo sozitabata kuti zibe ngabafazi, nentombi zetu siya kuzendisa kuwo. 22Kungoku kupela aya kuvumelana nati amadoda la, ukuba kuhlalelwane nati, ukuze sibe ngabantu banye: nxa kwalukile kuti konke okubudoda, njengokuba bengabalukileyo bona. 23Inkomo zawo, nempahla yawo, nazo zonke izilo zawo, aziyi kuba zezetu na zona? kupela sivumelane nawo, aeya kuhlalelana nati. 24Baza bapulapula ku‐Hamore, naku‐Shekeme unyana wake, bonke abapuma ngesango lesixeko sake; baye besaluswa bonke abangamadoda, kwa bonke abapuma ngesango lesixeko sake.
25Kwaza kwati ngeyesitatu imini, bakuba besekutyatyambeni, bandula ababini bonyana baka‐Yakobi, u‐Simone no‐Levi, abakuluwe baka‐Dina, batabata iziṙele zabo abanye ngabanye, basizuma isixeko ngobunganga, babulala bonke abangamadoda. 26No‐Hamore, no‐Shekeme unyana wake, babebabulala ngohlangoti lwesiṙele, bamsusa u‐Dina endlwini ka‐Shekeme, bapuma ke. 27Onyana baka‐Yakobi beza pezu kwababuleweyo, basipanga isixeko, ngenxa yokuba bebenco̔lisile udade wabo. 28Izimvu zabo, nenkabi zabo, namaqwaṙashe abo, noko okusesixekweni, noko okusendle, bakususa. 29Nabo bonke ubutyebi babo, nabo bonke abantwana babo, nabafazi babo, babatimba, babapanga, kwa nako konke okusendlwini.
30Waza u‐Yakobi wati ku‐Simone naku‐Levi: Nindikatazile ngokundinukisa pakati kwabemi belizwe, pakati kwaba‐Kanane, napakati kwama‐Perizi: mna ke ndilula ngabantu nje, baya kuhlanganisana ngakum, bandibulale; ndize nditshatyalaliswe mna nendlu yam. 31Bati bona: Nge‐esenza kudade wetu njengakwingnawokazi yinina?

Currently Selected:

I‐Genesise 34: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in