YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 35

35
1WADA wati utixo ku‐Yakobi: Suka, unyukele e‐Betele, uhlale kona; uze wenze kona isibingelo kutixo, lowo ubebonakala kuwe ekusabeni kwako ebusweni buka‐Esau umkuluwe wako. 2Waza u‐Yakobi wati kwabendlu yake, nakubo bonke ababenaye: Kwelelisani otixo basemzini abapakati kwenu, nizicokise, niguqule izivato zenu; 3sisuke ke, sinyukele e‐Betele; ndandiya kusenza kona isibingelo kutixo, lowo ubendipendula ngomhla wobunzima bam, wayeko nam endleleni bendihamba ngayo. 4Baza banikela u‐Yakobi bonke otixo basemzini abasesandleni sabo, nawo amacici abekuzo indlebe zabo; owati u‐Yakobi waziselela ngapantsi kwawo umkoba okufupi ne‐Shekeme. 5Kwandul’ ukunduluka ke; saye sibako isoyikiso sikatixo pezu kwezixeko ezibangqongayo, baza abantu bazo abaputuma emva kwabo onyana baka‐Yakobi.
6Wada wafika u‐Yakobi e‐Luze, esezweni le‐Kanane, ekwa yiyo i‐Betele, yena nabo bonke abantu ababenaye. 7Waza waka kona isibingelo, wabiza indawo leyo ngokuti yi‐Ele‐betele#35:7 Oko kukuti: utixo we‐Betele.; ngokuba bekukona utixo watyileka kuye, akusaba ebusweni bomkuluwe wake.
8Kuloko wabubayo u‐Debora, umondlikazi ka‐Rebeka, wancw̔atywa ngasezantsi kwe‐Betele, pantsi kwayo iyeke, egama walibizayo nge‐Alone‐bakute#35:8 Oko kukuti: Iyeke yokulila..
9Wabuya wabonakala utixo ku‐Yakobi, akuba ebevele e‐Padane‐arame, wamtamsanqela. 10Wayesiti utixo kuye: Igama lako ngu‐Yakobi; alisayi kuba sabizwa igama lako ngo‐Yakobi, koko loba ngu‐Sirayeli igama lako; waza wambiza ngegama elingu‐Sirayeli. 11Wati utixo kuye: Mna ndi ngutixo onamandla onke; cuma, wande nokwanda; isizwe, kwa nomhlambi wezizwe uya kuvela kuwe, nokumkani baya kupuma esinqeni sako; 12nelilizwe endalinika ku‐Abrahame naku‐Yisake, ndolinika kuwe; nenzalo yako emva kwako ndiya kunika elilizwe nakuyo. 13Waza utixo wenyuka kuye, kwa kulondawo apo abetetile naye kona. 14Wandula u‐Yakobi wamisa isimo sokukumbuza endaweni apo abetetile naye kona, isimo sokukumbuza samatye; watulula pezu kwaso umnikelo wokusela, wagalela pezu kwaso neoli. 15Waye u‐Yakobi wabiza igama lalondawo, apo utixo ebetetile naye kona, nge‐Betele.
16Bada banduluka e‐Betele: kwaye kuseko indawana yomhlaba ukuba kufikwe e‐Eferata; wandula wazala u‐Rakele, okwakunzima kuye ekuzaleni kwake. 17Kwaza kwati, kwakuba kunzima kuye ekuzaleni kwake, umzalisikazi wati kuye: Ungoyiki, ngokuba nalonyana uya kuba naye. 18Kwaza kwati, ekupumeni kwompefumlo wake, (ngokuba wafayo,) wambiza ngegama elingu‐Benoni#35:18 Oko kukuti: Unyana wosizi lwam.; kanti uyise wambiza ngegama elingu‐Benjamine#35:18 Oko kukuti: Unyana wesokunene isandla.. 19Wafa njalo u‐Rakele, wancw̔atywa endleleni yase‐Eferata, ekwa yiyo i‐Beteleheme. 20Waye u‐Yakobi wamisa isimo sokukumbuza pezu kwencw̔aba lake: eso sisimo sokukumbuza sencw̔aba lika‐Rakele kude kube yimini yanamhla.
21Wasuka wahamba u‐Sirayeli, wayolula intente yake ele kwe‐Migidale‐hedere.
22Kwaye kute, nxa u‐Sirayeli abehlala kwelozwe, waya u‐Rubene walala no‐Bileha, ishweshwe likayise: weva ke u‐Sirayeli.
KEKALOKU onyana baka‐Yakobi bebelishumi elinababini. 23Onyana baka‐Leya; ngowamazibulo ka‐Yakobi u‐Rubene, no‐Simone, no‐Levi, no‐Juda, no‐Yisakare, no‐Zebulone. 24Onyana baka‐Rakele; ngu‐Josefe, no‐Benjamine. 25Nonyana baka‐Bileha, ikobokakazi lika‐Rakele; ngu‐Dane, no‐Nefatali. 26Nonyana baka‐Zilipa, ikobokakazi lika‐Leya; ngu‐Gadi, no‐Ashere. Aba bangonyana baka‐Yakobi, abebezelwe kuye e‐Padane‐arame.
27Wada u‐Yakobi weza ku‐Yisake uyise e‐Mamre, e‐Kiriyate‐areba, ekwa yiyo i‐Hebrone, apo babepambukele kona u‐Abrahame no‐Yisake. 28Kekaloku imihla ka‐Yisake ibiyelikulu linamashumi asibozo iminyaka. 29Wada wapuma umpefumlo u‐Yisake, wafa, wabutelwa ebantwini bake, emdala, ezele yimihla; baza onyana bake u‐Esau no‐Yakobi bamncw̔aba.

Currently Selected:

I‐Genesise 35: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in