YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 36

36
1EZI ke zizizizukulwana zika‐Esau, onguye u‐Edome. 2U‐Esau wazeka abafazi bake ezintombini zase‐Kanane: engu‐Hada, intombi ka‐Eloni um‐Hete; no‐Holibama, intombi ka‐Hana, intombi ka‐Tsibone um‐Hivi; 3no‐Basemate, intombi ka‐Shimayeli, udade ka‐Nebayoti. 4Wati u‐Hada wamzalela u‐Esau u‐Elifazi; no‐Basemate wazala u‐Rehule; 5no‐Holibama wazala u‐Yehushe, no‐Yalame, no‐Kora. Aba bangonyana baka‐Esau, abebezelwe kuye elizweni le‐Kanane.
6Wada u‐Esau watabata abafazi bake, nonyana bake, nentombi zake, nabo bonke abantu bendlu yake, nenkomo zake, nazo zonke izilo zake, nayo yonke impahla yake abeyiqwebile elizweni le‐Kanane, waya kwelinye ilizwe ngenxa ka‐Yakobi umninawe wake. 7Ngokuba ubutyebi babo bebubukulu kukuba kuhlalwe ndawonye; laye ilizwe lokupambukela kwabo libe likohliwe kukubatwala, ngetuba lenkomo zabo. 8Wati ngoko u‐Esau wahlala entabeni ye‐Sehire. U‐Esau unguye u‐Edome.
9Kekaloku ezi zizizizukulwana zika‐Esau, uyise wama‐Edome entabeni ye‐Sehire. 10Ngawo la amagama onyana baka‐Esau: ngu‐Elifazi, unyana ka‐Hada, umfazi ka‐Esau; ngu‐Rehule, unyana ka‐Basemate, umfazi ka‐Esau. 11Onyana baka‐Elifazi bebengu‐Temani, u‐Womare, u‐Tsefo, no‐Gatame, no‐Kenazi. 12Wabe u‐Timna elishweshwe lika‐Elifazi, unyana ka‐Esau; owamzalela u‐Elifazi u‐Amaleki: aba bangonyana baka‐Hada, umfazi ka‐Esau. 13Ngaba nonyana baka‐Rehule; ngu‐Nahate, no‐Zera, no‐Shama, no‐Miza: aba bebengonyana baka‐Basemate, umfazi ka‐Esau. 14Naba babengonyana baka‐Holibama, intombi ka‐Hana, intombi ka‐Tsibone, umfazi ka‐Esau; wamzalela u‐Esau u‐Yehushe, no‐Yalame, no‐Kora.
15Ezi ke zinkosana zivela konyana baka‐Esau: kubo onyana baka‐Elifazi, owamazibulo ka‐Esau; inkosana engu‐Temani, inkosana engu‐Womare, inkosana engu‐Tsefo, inkosana engu‐Kenazi, 16inkosana engu‐Kora, inkosana engu‐Gatame, inkosana engu‐Amaleki: aba bazinkosana zivela kuye u‐Elifazi elizweni le‐Edome; aba bangonyana baka‐Hada. 17Naba bangonyana baka‐Rehule, unyana ka‐Esau; inkosana engu‐Nahate, inkosana engu‐Zera, inkosana engu‐Shama, inkosana engu‐Miza: aba bazinkosana zivela kuye u‐Rehule elizweni le‐Edome; aba bangonyana baka‐Basemate, umfazi ka‐Esau. 18Naba bangonyana baka‐Holibama, umfazi ka‐Esau; inkosana engu‐Yehushe, inkosana engu‐Yalame, inkosana engu‐Kora: aba bazinkosana zivela kuye u‐Holibama, intombi ka‐Hana, umfazi ka‐Esau. 19Aba ke bangonyana baka‐Esau, naba bazinkosana zivela kubo: ngu‐Edome lowo.
20Aba bangonyana baka‐Sehire um‐Hori, abemayo elozwe; u‐Lotane, no‐Shobali, no‐Tsibone, no‐Hana, 21no‐Dishone, no‐Etsere, no‐Dishane: aba bazinkosana zama‐Hori, onyana baka‐Sehire, elizweni le‐Edome. 22Nonyana baka‐Lotane babengu‐Hori, no‐Hemame: nodade ka‐Lotane ngu‐Timna. 23Naba bangonyana baka‐Shobali; u‐Alevane, no‐Manahate, no‐Hebali, no‐Shefo, no‐Oname. 24Naba bangonyana baka‐Tsibone; u‐Aya, no‐Hana: nguye u‐Hana lo owafumana imitombo eshushu entlango, nxa abesalusa amaqwaṙashe ka‐Tsibone uyise. 25Naba bangonyana baka‐Hana: u‐Dishone: no‐Holibama uyintombi ka‐Hana. 26Naba bangonyana baka‐Dishone; u‐Hemdane, no‐Shebane, no‐Yiterane, no‐Kerane. 27Ngaba onyana baka‐Etsere; u‐Bilehane, no‐Zavane, no‐Hakane. 28Ngaba onyana baka‐Dishane; u‐Hutse, no‐Arane. 29Ezi ke zinkosana zama‐Hori; inkosana engu‐Lotane, inkosana engu‐Shobali, inkosana engu‐Tsibone, inkosana engu‐Hana, 30inkosana engu‐Dishone, inkosana engu‐Etsere, inkosana engu‐Dishane: aba bazinkosana zama‐Hori, pakati kwenkosana zawo elizweni le‐Sehire.
31Naba bangokumkani abapata ubukosi elizweni le‐Edome, kungekabiko ukumkani opata ubukosi pezu kwosapo luka‐Sirayeli. 32Waba ngukumkani e‐Edome u‐Bela, unyana ka‐Behori; negama lesixeko sake laliyi‐Dinaba. 33Wada wafa u‐Bela, waza waba ngukumkani esikundleni sake u‐Jobabe, unyana ka‐Zera, owase‐Botsera. 34Wafa u‐Jobabe, waza waba ngukumkani esikundleni sake u‐Hushame, owasezweni lama‐Temani. 35Wafa u‐Hushame, waza waba ngukumkani esikundleni sake u‐Hadade, unyana ka‐Bedade, owabeta ama‐Midiyane ezindleni zakwa‐Mowabi; negama lesixeko sake laliyi‐Haviti. 36Wafa u‐Hadade, waza waba ngukumkani esikundleni sake u‐Samla, owase‐Masereka. 37Wafa u‐Samla, waza waba ngukumkani esikundleni sake u‐Saule, owase‐Rehobote ngasemlanjeni. 38Wafa u‐Saule, waza waba ngukumkani esikundleni sake u‐Balihanane, unyana ka‐Kabore. 39Wafa u‐Balihanane, unyana ka‐Kabore, waza waba ngukumkani esikundleni sake u‐Hadare; negama lesixeko sake laliyi‐Pahu; negama lomfazi wake lalingu‐Mehetabele, intombi ka‐Materede, intombi ka‐Mezahabi.
40Ngawo la namagama enkosana zivela kuye u‐Esau, ngezizalwane zazo, ngendawo zazo, ngamagama azo; inkosana engu‐Timna, inkosana engu‐Aleva, inkosana engu‐Yetete, 41inkosana engu‐Holibama, inkosana engu‐Ela, inkosana engu‐Pinone, 42inkosana engu‐Kenazi, inkosana engu‐Temani, inkosana engu‐Mibitsare, 43inkosana engu‐Magidele, inkosana engu‐Hirame: aba bazinkosana zama‐Edome, ngendawo zabo zokuhlala elizweni lokufuya kwabo: ngu‐Esau lo, uyise wama‐Edome.

Currently Selected:

I‐Genesise 36: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in