YouVersion Logo
Search Icon

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 1

1
ISAHLUKO I.
1NGEZAHLULO ezininzi nangendawo ezininzi etetile nje utixo kudala kubo obawo ngabo abaprofite, 2ute kulemihla yokugqibela wateta kuti ngonyana, ammisileyo ukuba yindlalifa yezinto zonke, okungaye kanjalo wawenza amazwe akoyo: 3owati, eyinkazimlo yobungcwalisa bake nemfano yesiqu sake, epata nokupata zonke izinto ngelizwi lamandla ake, eyenzile ngokwake nje intlanjululwa yezono zetu, wahlala pantsi ngasekunene kwobukulukazi enyangweni yapezulu; 4egqitisile ngokunjalo kuzo ingelosi, njengoko alizuzileyo ngelifa igama elidluliseleyo ngapezu kwazo.
5Ngokuba kwiyipina yazo ingelosi ebeka watsho ukuti: Ungunyana wam wena, ndikuzele namhla nje? nakanjako: Mna ndiya kuba nguyise kuye, naye woba ngunyana kum? 6Naxeshekweni kanjako amngenisayo umzalwa‐tanci elizweni, uti: Mazimbedeshe yena zonke ingelosi zikatixo. 7Nangazo ingelosi uti: Owenza ingelosi zake umoya, nabakonzi bake ilangatye lomlilo. 8Kodwa ngaye unyana kutshiwo ukuti: Iterone yako, Tixo! yohlala kude kube ngunapakade kanapakade; intonga yobukumkani bako yintonga yokulunga; 9utandile ubulungisa, watiya inkohlakalo; ngako oko utixo, kwa utixo wako, wakutambisa ngeoli yovuyo ngapezu kwamakolwane ako. 10Nokuti: Wena kwa sekuqalekeni, Nkosi! wabeka ukuseka kwomhlaba: namazulu angumsebenzi wezandla zako: 11zotshabalala zona, kodwa wena uhlala uko; ewe zonke ziya kuguga njengengubo; 12wauya kuzisonga njengesivato, zaziya kuguqulwa ke: kanti wena ukwa nguwe; neminyaka yako ayisayi kupela.
13Kodwa kwiyipina yazo ingelosi uke watsho ukuti: Hlala ngasekunene kum, ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako? 14Zona zonke azingomoya abakonzayo na, betunyelwa ukwenza inkonzo ngenxa yabo abaya kuzuza usindiso?

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

Video for Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 1