YouVersion Logo
Search Icon

Incwadi ka‐Paulusi ku‐Filemone 1

1
1UPAULUSI, umbanjwa ka‐Kristu Yesu, no‐Timote umzalwana wetu, ku‐Filemone umtandwa wetu nomsebenzisi wetu, 2naku‐Afiya umtandwakazi wetu, naku‐Arikipo olisodati kunye nati, nakuyo iṙemente esendlwini yako: 3Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, nenkosi u‐Yesu Kristu.
4Ndiyabulela kutixo wam, ndikukankanya amaxesha onke emitandazweni yam, 5ndisiva nje utando lwako nokolo, olo unalo ngakuyo inkosi u‐Yesu, nangakubo bonke abangcwele; 6ukuba ubudlelana bokolo lwako bube busebenza ekwaziweni kwako konke okulungileyo okukuni, busebenzela u‐Kristu Yesu. 7Ngokuba sinalo uvuyo oluninzi nonwabiso elutandweni lwako, kuba umbilini wabangcwele upunyuziwe ngawe wena, mzalwana!
8Ngako oko, nangona ndinalo ukalipo oluninzi ku‐Kristu lwokuba ndikuyalele oko kufanelekileyo, 9noko ngenxa yotando nditi ngokukumbi ndikukunge; ndingonjalo nje njengo‐Paulusi elixego, ndingumbanjwa ka‐Yesu Kristu ngoku nakanjako. 10Ndiyakukunga ngenxa yowam umntwana, endimzeleyo ekubanjweni kwam, u‐Onesimusi; 11obefudula engancedi luto kuwe, kodwa kaloku enokunceda kunene kwa kuwe nakum; 12endimbuyisileyo. Zuti ke wena umamkele, oko kukuti owam umbilini: 13endibe ndifuna mna ukunga ndingambambezela apa kum, ukuze ati esikundleni sako andikonze emibanjweni yevangeli: 14kodwa ngapandle kwokuvumela kwako ndabendingatandi ukwenza into, ukuze isenzo sako esilungileyo singabi njengokungati singokunyanzelwa, koko sibe ngokuvuma, 15ngokuba kungati umhlaumbi ngenxa yoku wemka kube lixeshana, ukuba ubuye ube naye ngonapakade; 16engasenjengekonza, koko epezulu kwikonza, engumzalwana otandiweyo, kakulu ke kum, kodwa kangakananina ngakumbi kuwe, nasenyameni na senkosini? 17Ukuba ngoko uyandibala ukuba likolwane, mamkele njengam. 18Ukuba kodwa ukwonile umhlaumbi unetyala kuwe ngento, yona le yibalele kum: 19mna Paulusi ndibalile ngesam isandla, ndiya kuhlaula mna: ukuba ndingatsho kuwe ukuti unetyala lesiqu sako kum pezu kwayo. 20Ewe, mzalwana wam! mandizuze uncedo kuwe enkosini: wupumze umbilini wam enkosini.
21Nditembela ekuveni kwako nje ndiba̔lile kuwe, ndisazi ukuba uya kwenza napezulu kwoko ndikutshoyo. 22Kanjalo kunye noko ndilungisele indawo yokuhlala: ngokuba ndinetemba lokuba ndiya kupiwa kuni ngayo imitandazo yenu.
23Kuyakubulisa u‐Epafrasi, ongumbanjwa kunye nam ku‐Kristu Yesu; 24u‐Maraki, u‐Aristariko, u‐Demasi, u‐Luke, abangabasebenzisi bam.
25Ufefe lwenkosi yetu u‐Yesu Kristu malube nomoya wenu. Amene.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in