Incwadi ka‐Paulusi ku‐Titusi 3
3
1BAKUMBUZE ukuba balulamele kwabanobukosi nakwabanegunya, babe nokupulapula, babe belungele yonke imisebenzi elungileyo, 2bangagxeki mntu, bangabi ngabangxoli, babe nokutamba, bebonakalisa ululamo lwonke ngakubo bonke abantu. 3Ngokuba tina nati sibe sifudula sibudenge, singeva, silahleka, sikonza inkanuko nemihlali emininzi, sihlala elunyeni nasemoneni, sitiyeka, sitiyana. 4Kodwa okuya kwabonakalayo ububele bomsindisi wetu utixo notando lwake ngasebantwini, 5bekungengemisebenzi yobulungisa esayenzayo tina, bekungokwetaṙu lake wasisindisayo, ngako ukuhlamba kwokuzalwa‐kutsha nokuhlaziya kwomoya oyingcwele; 6ate wamgalela pezu kwetu ngobuninzi ngaye u‐Yesu Kristu umsindisi wetu; 7ukuze ke, sigwetyelwe nje ngofefe lwake, sibe zindlalifa ngokwetemba lobomi obungunapakade.
8Linyanisekile elilizwi; nezizinto ndinga ungaqinisa ukutshoza ngazo, ukuze abo bakoliweyo kutixo bakatalele ukuku̔tala emisebenzini elungileyo. Zizo ezi izinto ezilungileyo nezinokunceda ebantwini. 9Kodwa imibuzo ebudenge, neziba̔lelwa zokuzalwa, namapike, nezipikisano ngawo umteto, zinxweme; ngokuba zingenakunceda, zingendawo kanjalo. 10Umntu ongumahlukanisi, yiti emveni kwesesinye nesesibini isiluleko, umale; 11usazinje ukuba lowo unjalo upanjukisiwe kanye, esona nokwona, ezigweba yena ngokwake.
12XESHEKWENI ndiya kumtuma kuwe u‐Aratema, umhlaumbi u‐Tikikusi, nxamela ukuza kum e‐Nikopolisi: ngokuba ndigwebile ukuba ndiya kwenza ubusika kwa lapo. 13U‐Zenasi umqondisimteto, no‐Apolosi, nxamela ukubahambisa ekuhambeni kwabo, kuze kungasweleki nto kubo. 14Kanjalo mabafunde nabetu ukuku̔tala emisebenzini elungileyo ngenxa yentswelo ezifanele ukubako, ukuze bangabi ngabaputileyo.
15Bonke abanam bayakubulisa. Bulisa abo basitandayo elukolweni.
Ufefe malube nani nonke. Amene.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi ku‐Titusi 3: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.