U‐Yisaya 23
23
1UMGWEBO nge‐Tire.
Lilani, zinqanawa zase‐Tareshishe! ngokuba icitakalisiwe, kungabiko indlu, kungabiko ukungena kuyo: kuvela elizweni lama‐Kiti kutyiliwe kubo oku. 2Yitini cwaka, nina bemi besiqiti! wena abatengi base‐Tsidone, abawela ulwandle, bakuzalisayo. 3Napezu kwamanzi amakulu ukuvelisa kwe‐Shihore, ukuvunwa kwomlambo, bekuyinzuzo yaso: sasiyindawo yokutenga yezizwe. 4Yiba udanile, Tsidone! ngokuba ulwandle lutetile, inqaba yaselwandle, isiti: Bendingenanimba; andizalanga kanjalo; amadodana andi wondlile; intombi andizikulisile. 5Njengokuba bekunjalo ngendaba ze‐Jipete, baya kututumba nangendaba ze‐Tire. 6Welani niye e‐Tareshishe; lilani, nina bemi besiqiti! 7Siso esi na isixeko senu semigcobo, esibudala bubobemihla yakudala? ezaso inyawo ziya kusitwala ukuya kupambukela kwa kude. 8Ngubanina okucebileyo oku ngakuyo i‐Tire, ezabayo ikrone, ebatengi bazinkosana, ebatengisi bangabadumileyo bomhlaba? 9Nguyehova wemikosi okucebileyo, ukuba anco̔lise ir̔atshi lenkazimlo yonke, nokuba adelekise bonke abadumileyo bomhlaba. 10Canda elizweni lako njengomlambo, ntombi yase‐Tareshishe! umbambo awuseko. 11Isandla sake usolulile pezu kwolwandle, izikumkani uzingcangcazelisile; uyehova uyalele ngayo i‐Kanane, ukuba kutshatyalaliswe indawo zayo ezinqabileyo. 12Ute: Akusayi kubuya ugcobe, ntombi ipela ebandezelweyo, ntombi yase‐Tsidone! Suka, wela uye kwa‐Kiti; kwa nakona akuyi kuba nakupumla. 13Bona ke ilizwe lama‐Kaledine! ababantu bebengeko; um‐Asiriya ulimisele abemiyo entlango; bamisile inqaba zabo zokulinda; bacitile izindlukazi zayo; bayenzile ingcitakalo. 14Lilani, zinqanawa zase‐Tareshishe! ngokuba icitakalisiwe indawo yenu enqabileyo.
15Kwakuya kuti ngomhla lowo, i‐Tire yolityalwa iminyaka emashumi asixe̔nxe, njengemihla yomnye ukumkani: ekupeleni kweminyaka imashumi asixe̔nxe kwoba kuyo i‐Tire njengengoma kwingnawokazi: 16Tabata uhadi; jikajikela isixeko, wena ngnawokazi elityelweyo! lungisa ukubeta intambo, vuma ingoma ezininzi, ukuze ukunjulwe. 17Ngokuba kuya kuti ekupeleni kweminyaka imashumi asixe̔nxe, uyehova woza kubona i‐Tire, eya kubuyela emvuzweni wayo, yenze nombulo nabo bonke ubukumkani belizwe obusebusweni bomhlaba. 18Kodwa okwentengo yayo nomvuzo wayo kwoba ngcwele kuyehova; akuyi kubekelwa, akuyi kutshixelwa kanjalo; koko intengo yayo yoba yeyabo bahleliyo pambi kwoyehova, eyokutya ngokukolisa, neyezivato ezihle.
Currently Selected:
U‐Yisaya 23: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.