U‐Yisaya 51
51
1PULAPULANI kum, nina baputumayo ubulungisa, nina bafunayo uyehova! kangelani elulwalweni apo nibazelwe kona, nasesigingqini somnxuma apo nimbelwe kona. 2Kangelani ku‐Abrahame uyihlo wenu, naku‐Sara onizeleyo: ngokuba bendimbiza engoyedwa, ndaza ndamtamsanqela, ndamandisa. 3Ngokuba uyehova eya kuba nenceba pezu kwe‐Ziyone; woba nenceba pezu kwazo zonke indawo zayo ezicitakeleyo; waeya kwenza intlango yayo njengayo i‐Hedeni, nobala lwayo njengomyezo kayehova; umgcobo novuyo luya kufunyanwa kuyo, umbulelo nelizwi lokucula.
4Bekelani kum, bantu bam! ndinikeleni indlebe, sizwe sam! ngokuba umteto uya kupuma kum, nommiselo wam ndowumisa ube sisikanyiso ebantwini. 5Ubulungisa bam bukufupi; usindiso lwam lupumile; ingalo zam ziya kugweba abantu; iziqiti zokangela kum, zitembe engalweni yam. 6Pakamisani amehlo enu ngasezulwini, nibeke nasemhlabeni ngapantsi; ngokuba izulu liya kuti shwaka njengomsi, nomhlaba uya kuguga njengengubo, nabemi bawo baya kufa njengokunjalo: kodwa usindiso lwam lwobako kude kube ngunapakade, nobulungisa bam abusayi kutshatyalaliswa.
7Pulapulani kum, nina nibaziyo ubulungisa, abantu umteto wam usezintliziyweni zabo! ningoyiki ukugxeka kwabantu, kanjalo ningetuswa zizituko zabo. 8Ngokuba inundu liya kubadla njengengubo, nempetu iya kubadla njengoboya: kodwa ubulungisa bam bobako kude kube ngunapakade, nosindiso lwam kwizizukulwana ngezizukulwana.
9Vuka, vuka, yambata amandla, ngalo kayehova! vuka, njengasemihleni yamatanci, njengasezizukulwaneni zakudala. Akukwa yiyo na eyisikileyo i‐Rahabi, eyenzela ingwenya inxeba? 10Akukwa yiyo na eyomisayo ulwandle, amanzi ayo inzulu enkulu; eyenzayo amazantsi olwandle abe yindlela yokuwela kwabakululweyo? 11Kwa njalo abahlaulelweyo bakayehova baya kubuya, beze e‐Ziyone ngokucula; uvuyo olungunapakade lwoba pezu kwentloko zabo; baya kuzuza umgcobo novuyo; kwobaleka usizi nokugula. 12Mna, mna ndinguye onitutuzelayo: ungubanina wena, ukuba umoyike umntu, oya kufa, nonyana womntu, oya kwenzelwa ngejengenca; 13ukuba ulibale uyehova umenzi wako, owawolulayo amazulu, wabeka ukuseka kwomhlaba; ukuba ube nokunkwantya futi imihla yonke, ngenxa yobuṙalaṙume bomncinezeli, njengokungati usel’ elungile ukutshabalalisa? Bupina pofu ubuṙalaṙume bomncinezeli? 14Kamsinyane umbanjwa otobayo uya kuvulelwa; akayi kufa esihogweni; akayi kuswela isonka sake kanjako. 15Ngokuba mna ndi nguyehova, utixo wako, ozolisayo ulwandle, nxa amaza alo agqumayo: nguyehova wemikosi igama lake. 16Ndandibekile amazwi am emlonyeni wako, nangesitunzi sesandla sam ndikugubungele; ukumisa amazulu, nokubeka ukuseka kwomhlaba, nokuti kwi‐Ziyone: Ungabantu bam.
17Zivuse, zivuse, pakama, Yerusaleme! wena uselileyo esandleni sikayehova kwindebe yobuṙalaṙume bake; intlenga zendebe yesizunguzane uziselile, uzifunxile. 18Ayinamnye oyikapayo kubo bonke onyana ibazeleyo; akuko namnye oyibamba ngesandla kubo bonke onyana ibakulisileyo. 19Ezizinto zombini zikuhlele; ngubanina oya kukuku̔za? ucitakalo notshabalalo, indlala nesiṙele: ndiya kukututuzela ngobanina? 20Onyana bako bawile; balele encameni yezitarate zonke, njengembabala elutanjeni; bazele bubuṙalaṙume bukayehova, kukutetisa kwotixo wako. 21Ngoko, yiva ke oku, wena ubandezelweyo! wena unxilileyo, koko kungengayo iveyine! 22Itsho inkosi yako, uyehova, utixo wako, umteteleli wabantu bake, ukuti: Bona ke, ndiyisusile esandleni sako indebe yesizunguzane, intlenga zendebe yobuṙalaṙume bam; akusayi kupinda ukusela kuyo. 23Kodwa ndoyibeka esandleni sabancinezeli bako, abate kuwe: Toba pantsi, ukuba sidlule pezu kwako; waza wawubeka umhlana wako ube njengomhlaba, nanjengesitarate kwabadlulayo.
Currently Selected:
U‐Yisaya 51: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.