YouVersion Logo
Search Icon

U‐Yisaya 64

64
1Akwaba ubuya kuṙazula amazulu, uhle ke; ziti intaba zizamazame ebusweni bako! 2Njengokuba umlilo upemba intsasa, njengokuba umlilo uwenza amanzi ayaluzele; uti kwa njalo ulazise igama lako ezintshabeni zako, ukuba izizwe zingcangcazele ebusweni bako. 3Wati wakuzenza izinto ezoyikekileyo, esingazikangelanga, wehla wena; intaba zazamazama ebusweni bako. 4Akuviwanga kwa napakade, akuqiqwanga yindlebe, akubonwanga liliso utixo ngapandle kwako, owenzelela yena omlindayo. 5Uyakaulelana nalowo ugcobayo nowenza okulungileyo, abo bakukumbulayo ezindleleni zako: bona ke, wena uqumbile, ngokuba sonile; kodwa ngenxa yokuba zingunapakade, ngako siya kusindiswa. 6Koko sinjengento enco̔lileyo tina sonke, nako konke ukulunga kwetu kunjengeqiya eyintshontsho; siyabuna tina sonke njengegqabi, nezikohlakalo zetu, njengomoya, ziyasimkisa. 7Kanjalo akuko namnye obizayo egameni lako, ozivusayo ukuba abambelele kuwe: ngokuba ubuso bako ubufihlile kuti, wasinyibilikisa ngezono zetu.
8Kodwa kaloku, Yehova! ungubawo wetu; tina silulo udongwe, nawe unguye umbumbi wetu; singumsebenzi wesandla sako tina sonke. 9Ungaqumbi, Yehova! kude kube kakulu; ungakumbuli kude kube ngunapakade inkohlakalo: bona, zukangele ke, tina sonke singabantu bako. 10Izixeko zako ezingcwele ziyintlango; i‐Ziyone iyintlango; i‐Yerusaleme iyingcitakalo. 11Indlu yetu eyingcwele entle, leyo obawo betu bakudumisa kuyo, itshisiwe ngomlilo; nazo zonke izinto zetu ezinqwenelekileyo zicitakalisiwe. 12Uya kuzinyanzela pezu kwezizinto na, Yehova? woba uti cwaka na, usibandezele kude kube kakulu na?

Currently Selected:

U‐Yisaya 64: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

Video for U‐Yisaya 64