U‐Yisaya 65
65
1NDIBUZELWE ngabo abangandibuzanga; ndifunyenwe ngabo abangandifunanga: ndite: Ndibone! ndibone! kwisizwe esingabizwayo ngegama lam.
2Ndizitwabulule izandla zam imini yonke ngasebantwini abanenkani, abahambayo endleleni engalungileyo, ukulandela awabo amaqinga; 3abantu abandiqumbisayo ngasebusweni bam futi; ababingayo emiyezweni, bequ̔misa pezu kwezitene; 4abahlala emancw̔abeni, balalise ezindaweni ezifihlakeleyo; abadlayo inyama yehangu, nabazitya zinomhluzi wezinto ezidlubukileyo; 5abati: Kwelela wena, ungasondeli kum; ngokuba ndikugqitisile ngobungcwele. Aba bangumsi empumlweni yam, umlilo otshayo imini yonke. 6Bona ke, kuba̔liwe ebusweni bam: andiyi kuti cwaka, koko ndiya kupindezela; ewe, ndiya kupindezelela esifubeni sabo, 7izikohlakalo zenu nezikohlakalo zoyihlo benu kwa kunye, utsho uyehova, abaqu̔misayo pezu kwentaba, bandigxeka pezu kwenduli; ngako ndowulinganisela umsebenzi wabo wapambili esifubeni sabo.
8Utsho uyehova ukuti: Njengokuya iveyine entsha ifunyanwa esipeni sedreyive, kutiwa: Ungasitshabalalisi, ngokuba kuko itamsanqa kuso; ndiya kwenje njalo ngenxa yezicaka zam, ukuba ndingabatshabalalisi bonke. 9Ndovelisa kwa‐Yakobi inzalo, nakwa‐Juda indlalifa zentaba zam; abaqashwa bam bolidla ilifa lalo, nezicaka zam ziya kuhlala kona. 10Yoti i‐Sharone ibe liṙiwa legusha, nomhlambo we‐Hakore ube yindawo yokubutuma kwenkomo; ngenxa yabantu bam abandifunileyo.
11Kodwa nina, enishiyayo uyehova, enilibala intaba yam eyingcwele; euilungisela u‐Gadi isitebe, enizalisela u‐Meni umnikelo wokusela: 12ndonimisela iṙele, naniya kutoba pantsi nonke ekubulaweni; ngokokuba ndibizile, kanti anisabelanga; nditetile, kanti anipulapulanga; koko nibe nikwenza okubi emehlweni am, noko bendingakutandi nakuqasha. 13Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, izicaka zam ziya kutya, kodwa nina niya kulamba; bona ke, izicaka zam ziya kusela, kodwa nina niya kunxanwa; bona ke, izicaka zam ziya kuvuya, kodwa nina niya kudana; 14bona ke, izicaka zam ziya kucula ngokucwayita kwentliziyo, kodwa nina niya kukala ngobuhlungu bentliziyo; nangokwapuka kwomoya niya kulila. 15Naniya kushiya igama lenu libe sisiqalekiso kubaqashwa bam; ngokuba inkosi e nguyehova yokufisa, nezicaka zayo yozibiza ngegama limbi. 16Lowo ozitamsanqelisaya emhlabeni, wozitamsanqelisa ngaye utixo wenyaniso; nalowo ofungayo emhlabeni, wofunga utixo wenyaniso; ngokuba zilityelwe imbandezelo zapambili, nangokuba zifihliwe emehlweni am.
17Ngokuba, bona ke, ndidala amazula amatsha, nomhlaba omtsha; izinto zapambili aziyi kukunjulwa, aziyi kungena nasentliziyweni. 18Kodwa gcobani, nivuyelele kude kube ngunapakade ngoko ndikudalayo: ngokuba, bona ke, ndidala i‐Yerusaleme umvuyelelo, nabantu bayo umgcobo. 19Ndandiya kuvuyelela kuyo i‐Yerusaleme, ndigcobe kubo abantu bam; akusayi kubuya kuviwe kuyo ilizwi lokulila, nelizwi lokukala. 20Akusayi kubuya kubeko kona usana lwemihla emincinane, nexego elingazalisanga imihla yalo; ngokuba umfana eya kufa engominyaka ilikulu, nomoni ominyaka ilikulu woqalekiswa. 21Baya kwaka izindlu, bahlale kuzo; baya kutyala imiyezo, badle iziqa̔mo zayo. 22Abayi kwaka, kuhlalwe ngomnye; abayi kutyala, kutyiwe ngomnye: ngokuba njengemihla yomti yoba njalo imihla yabantu bam; nomsebenzi wezandla zabo bowudla kade abaqashwa bam. 23Abayi kufumana bezama, kanjalo abayi kuzalela imbujiswa ebaqayo; ngokuba beyinzalo yabatanyusanqelweyo nguyehova, nabantwana babo kunye nabo. 24Kwakuya kuti, bengekabizi, ndosabela mna; nanxa basateta, ndiya kuva. 25Incu̔ka nemvana ziya kudlela ndawonye, nengonyama iya kutya inca njengenkabi; kodwa inyoka, utuli lwoba kukudla kwayo; aziyi kwenzakalisa, aziyi kutshabalalisa kanjalo, kuyo yonke intaba yam eyingcwele, utsho uyehova.
Currently Selected:
U‐Yisaya 65: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.