YouVersion Logo
Search Icon

Amaculo 118

118
ICULO CXVIII.
1BULELANI kuyehova, ngokuba elungile; ngokuba ububele bake bungunapakade. 2Makatsho ke u‐Sirayeli ukuti: Ububele bake bungunapakade. 3Mabatsho ke indlu ka‐Arone ukuti: Ububele bake bungunapakade. 4Mabatsho ke abo bamoyikayo uyehova ukuti: Ububele bake bungunapakade.
5Ndabizela kuyehova ndisesixingweni: uyehova wandipendula wandibeka endaweni ebanzi. 6Uyehova ungecala lam, andiyi kwoyika; umntu angenza nto nina kum? 7Uyehova ungecala lam pakati kwabo bandincedayo; ngako ndiya kukangela pezu kwabanditiyayo. 8Kulungile ukupepela kuyehova, pezu kwokokuba kutenjelwe emntwini. 9Kulungile ukupepela kuyehova, pezu kwokokuba kutenjelwe ezinkosini. 10Zonke izizwe zandir̔aula; koko ngegama likayehova ndiya kuzitshabalalisa. 11Zandir̔aula; ewe, zandir̔aula; koko ngegama likayehova ndiya kuzitshabalalisa. 12Zandir̔aula njengenyosi; zicimekile njengomlilo wameva: ngokuba ngegama likayehova ndiya kuzitshabalalisa. 13Ubunditya̔la kakulu, ukuze ndiwe; kodwa uyehova wandinceda. 14Uyehova ungamandla am, neculo lam, wada waba lusindiso kum. 15Ilizwi lomgcobo nelosindiso lisezintenteni zabalungileyo: isandla sokunene sikayehova siyenza ngobur̔oti. 16Isandla sokunene sikayehova sipakamile; isandla sokunene sikayehova siyenza ngobur̔oti.
17Andiyi kufa, ndohlala; ndandiya kushumayela imisebenzi kayehova. 18Uyehova undohlwayile kakulu; kodwa akandinikelanga ekufeni. 19Ndivulele amasango obulungisa: ndiya kungena ngawo, ndidumise uyehova: 20elisango likayehova, abaya kungena ngalo abalungileyo. 21Ndokudumisa; ngokuba undivile, waba lusindiso kum. 22Ilitye babelilahlile abaki, laba yintloko yegumbi. 23Kukwenza kukayehova oku; kungummangaliso emehlweni etu. 24Le yimini eyenziweyo nguyehova; siya kugcoba sivuye ngayo. 25Ke, Yehova! uze usindise kaloku: ke, Yehova! uze unike kaloku ubutamsanqa. 26Makatanyusanqeliswe ozayo egameni likayehova: sinitamsanqelisile ngokuvela endlwini kayehova. 27Utixo u nguyehova osikanyiseleyo: bopelelani umnikelo womtendeleko ngentambo, kude kube sezimpondweni zesibingelo. 28Ungutixo wam wena, ndandiya kukudumisa; ungutixo wam, ndokupakamisa. 29Bulelani kuyehova, ngokuba elungile; ngokuba ububele bake bungunapakade.

Currently Selected:

Amaculo 118: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in