Amaculo 136
136
ICULO CXXXVI.
1BULELANI kuyehova, ngokuba elungile: ngokuba ububele bake bungunapakade. 2Bulelani kutixo katixo: ngokuba ububele bake bungunapakade. 3Bulelani kwinkosi kankosi: ngokuba ububele bake bungunapakade.
4Kwa kuye owenza yedwa imimangaliso emikulu: ngokuba ububele bake bungunapakade. 5Kwa kuye owenza izulu ngengqondo: ngokuba ububele bake bungunapakade. 6Kwa kuye owatwabulula umhlaba pezu kwamanzi: ngokuba ububele bake bungunapakade. 7Kwa kuye owenza izikanyiso ezikulu: ngokuba ububele bake bungunapakade: 8ilanga lokupata emini: ngokuba ububele bake bungunapakade: 9inyanga nenkwenkwezi zokupata ebusuku: ngokuba ububele bake bungunapakade.
10Kwa kuye owabeta ama‐Jipete emazibulweni awo: ngokuba ububele bake bungunapakade: 11waza waku̔pa u‐Sirayeli pakati kwawo: ngokuba ububele bake bungunapakade: 12ngesandla esomeleleyo, nangengalo eyolulweyo: ngokuba ububele bake bungunapakade. 13Kwa kuye owahlula ulwandle olubomvu lube zizahluko: ngokuba ububele bake bungunapakade: 14waza waweza u‐Sirayeli pakati kwalo: ngokuba ububele bake bungunapakade: 15kodwa wavutulula u‐Faro nempi yake elwandle olubomvu: ngokuba ububele bake bungunapakade.
16Kwa kuye owakokela abantu bake entlango: ngokuba ububele bake bungunapakade. 17Kwa kuye owabeta okumkani abakulu: ngokuba ububele bake bungunapakade: 18nowabulala okumkani abadumileyo: ngokuba ububele bake bungunapakade: 19u‐Sihone ukumkani waba‐Amori: ngokuba ububele bake bungunapakade: 20no‐Hogi ukumkani we‐Bashane: ngokuba ububele bake bungunapakade: 21wanika umhlaba wabo ube lilifa: ngokuba ububele bake bungunapakade: 22ube lilifa ku‐Sirayeli isicaka sake: ngokuba ububele bake bungunapakade.
23Osikumbuleyo ebupantsini betu: ngokuba ububele bake bungunapakade: 24wasikulula ezintshabeni zetu: ngokuba ububele bake bungunapakade.
25Owamkelisa yonke inyama ukudla: ngokuba ububele bake bungunapakade.
26Bulelani kuye utixo wezulu: ngokuba ububele bake bungunapakade.
Currently Selected:
Amaculo 136: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.