KwabaseKorinte 1 KwabaseKorinte 1 – 9
KwabaseKorinte 1 – 9
1Andingompostile na? Andingokhululekileyo na? Andimbonanga na uYesu Kristu, iNkosi yethu? aningumsebenzi wam na eNkosini? 2Ukuba andimpostile kwabanye, kuni nina ndinguye; kuba itywina lokuqinisa obam ubupostile linini aba baseNkosini. 3Okwam ukuziphendulela kwabandincinayo kuko oku, 4Asinagunya na lokutya nokusela? 5Asinagunya na, njengabanye abapostile, nabazalwana beNkosi, noKefas, ukuba siphelekwe ngabafazi bethu bengamakholwa? 6Okanye ndim ndedwa noBharnabhas, asinagunya lakuyeka ukusebenza? 7Ngubani na okha aphume umkhosi ngeyakhe indleko? Ngubani na otyala isidiliya, aze angadli siqhamo saso? Ngubani na owalusa umhlambi, aze angadli kubisi lomhlambi? 8Ndizithetha ngokomntu yini na ezo zinto? Awutsho nawo na umthetho? 9Emthethweni kaMoses kubhaliwe kwathiwa, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula. Ziinkomo yini na uThixo? 10Kanene akatsho ngenxa yethu na? Kambe ke kubhaliwe ngenxa yethu: Lowo ulimayo ufanele ukulima enethemba; nalowo ubhulayo enethemba lokuba uya kubelana nabanye ngethemba lakhe. 11Ukuba ke thina sanihlwayelela izinto ezizezoMoya, yinto enkulu na, ukuba siya kuvuna izinto zenu ezizezenyama? 12Ukuba abanye babelana ngokwenza ngeli gunya kuni, asikukhona singenjenjalo na thina ngakumbi? Asilisebenzisanga ke elo gunya; sisuke sithwale izinto zonke, ukuze singazibambezeli ngani iindaba ezilungileyo zikaKristu. 13Anazi na ukuba abo bazisebenzayo izinto ezingcwele badla okwetempile? abo bahlala behleli esibingelelweni bahlulelana nesibingelelo eso? 14Ngokunjalo neNkosi le yabamisela abazazisayo iindaba ezilungileyo, ukuba baphile ngeendaba ezilungileyo ezi. 15Ke mna andiphathanga nanye kwezo zinto. Ezi zinto andizibhaleli ukuze kwenjiwe njalo kum; kuba bekungilungele kanye ukuba ndife, kunokuba ubani alilambathise iqhayiya lam. 16Kuba xa ndithi ndizishumayele iindaba ezilungileyo, andinaqhayiya; kuba ndimelwe kukuzishumayela. Yeha ke mna, ukuba ndisuka ndingazishumayeli iindaba ezilungileyo! 17Kaloku xa ndikwenzayo oko ndinokuzithandela, ndoba ndinomvuzo; ke xa ndikwenza ndingenakuzithandela, ndoba ndingophathiswe ubugosa nje. 18Uyintoni na ke ngoko umvuzo wam? Okunene ke, ndithi ndakuzishumayela iindaba ezilungileyo, ndizenze zingabi nandleko iindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuze ndingalisebenzisi igunya lam ezindabeni ezilungileyo ezi. 19Kuba ndikhululekile nje kubo bonke, ndizikhonzisile kubo bonke, ukuze ndibazuze abona baninzi. 20KumaYuda ndaba njengomYuda, ukuze ndiwazuze amaYuda; kwabo baphantsi komthetho ndaba njengophantsi komthetho, ukuze ndibazuze abaphantsi komthetho; 21kwabo bangenamthetho, ndaba njengongenamthetho, (ndingenguye phofu ongenamthetho kuThixo, ndingosemthethweni kuKristu), ukuze ndibazuze abangenamthetho; 22kwabo bangenamandla, ndaba njengongenamandla, ukuze ndibazuze abangenamandla; kubo bonke ndesuka ndaba ziinto zonke, ukuze ngeendlela zonke ndisindise inxenye. 23Oko ke ndikwenza ngenxa yeendaba ezilungileyo, ukuze ndibe lidlelane nabo ngazo. 24Anazi na, ukuba abo babalekayo elugqatsweni, babaleka bonke okunene, kodwa ke mnye owamkelayo umvuzo? Balekani ngokunjalo ke, ukuze nizuze. 25Bonke ke abantu abazamayo, baba ziingcathu ezintweni zonke. Oko ke ukuze bazuze isithsaba esinokonakala; ke thina, singenakonakala. 26Mna ke ngoko ndenjenjalo ukubaleka, ndingangi andiqondi; ndenjenjalo ukulwa, ndingangi ndibetha umoya; 27Ndisuka ndiwuqobe umzimba wam, ndiwuxinzelele phantsi, hleze ndithi, ndakuba ndizivakalisile iindaba ezilungileyo kwabanye, ndibe mna ndingumlahlelwa phandle.
Currently Selected:
KwabaseKorinte 1 KwabaseKorinte 1 – 9: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.