KwabaseKorinte 1 KwabaseKorinte 1 – 8
KwabaseKorinte 1 – 8
1Ke kaloku, ngeendawo zamadini enziwa kwizithixo, ndithi, Siyazi ukuba sinokwazi sonke. Ulwazi luyakhukhumalisa, ke lona uthando luyakha. 2Ukuba umntu uba wazi nto, akakazi nento ngoko amelwe kukwazi ngako. 3Ukuba ke umntu uyamthanda uThixo, lowo uyaziwa nguye. 4Ngayo ke ukudliwa kwamadini enziwa kwizithixo, siyazi ukuba akukho nto isisithixo ehlabathini; siyazi ukuba mnye kwaphela uThixo, akukho wumbi. 5Kuba kambe, nokuba kukho ekuthiwa bangoothixo, nokuba kusezulwini, nokuba kusemhlabeni, njengokuba kukho oothixo abaninzi, neenkosi ezininzi, 6Kodwa kuthi thina mnye uThixo, uYise, eziphuma kuye zonke izinto; neNkosi inye, uYesu Kristu, ezingaye zonke izinto; 7Ke ukwazi oko akubantwini bonke. Inxenye ke ithi, isenesazela ngesithixo unangoku, idle ngokwedini elenziwa kwisithixo; sisuke isazela sabo siswele amandla. 8Ke ukudla akusithandisi phambi koThixo; kuba nokuba sithe sadla, asigqithe nganto; nokuba asidli, asigqithe nganto. 9Lumkani ke, hleze elo gunya lenu libe sisiwiso kwabaswele amandla. 10Kuba xa athe umntu wakubona, wena unokwazi, uhleli esithebeni etempileni yesithixo, asisayi kuthi na isazela salowo uswele amandla, somelele ukuba adle amadini enziwa kwizithixo? 11Ngokwazi kwakho uya kutshabalala umzalwana obuthathaka, awathi uKristu wamfela. 12Kambe ke, xa nisona ngokunjalo kubazalwana, nisilimaza isazela sabo esiswele amandla, nona kuKristu. 13Ngenxa yoko ndithi, Ukuba ukudla kuyamkhubekisa umzalwana wam, andisayi kudla nyama, lisahleli ihlabathi, ukuze ndingamkhubekisi umzalwana wam.
Currently Selected:
KwabaseKorinte 1 KwabaseKorinte 1 – 8: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.