KwabaseTesalonika 1 KwabaseTesalonika 1 – 1
KwabaseTesalonika 1 – 1
1uPawulos noSilvano noTimoti babhalela ibandla labaseTesalonika, elikuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu; bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. 2Sihlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu nonke; sinikhumbula emithandazweni yethu; 3Ndiwukhumbula ngokungayeki umsebenzi wenu wokholo, nokubulaleka kwenu kothando, nomonde wenu wokuthemba iNkosi yethu uYesu Kristu, phambi koThixo uBawo wethu; 4Sisazi, bazalwana baziintanda, ukunyulwa kwenu nguThixo. 5Kaloku iindaba ezimnandi endaniphathela zona azizange zibekho kuni ngantetho yodwa; njengokuba nisazi ukuba sasinjani na phakathi kwenu ngenxa yenu. 6Nani naba ngabaxelisa thina nayo iNkosi, nalamkelayo nje ilizwi nisembandezelweni eninzi, ninovuyo loMoya oyiNgcwele; 7Nada naba yimifuziselo kubo bonke abakholwayo, abakwelaseMakedoni nelaseAkaya. 8Kaloku lahlokoma livela kuni ilizwi leNkosi, akwaba khona kwelaseMakedoni nelaseAkaya lodwa, kusuke nakwiindawo zonke ukukholwa kwenu kuThixo; ngokokude singabi sathetha nto. 9Kaloku bona aba bayasichazela ukuba kunjani na ukungena kwethu kuni, nendlela enaniguqukela ngayo kuThixo, nisuka kwizithixo, nize nikhonze uThixo ophilayo noyinyaniso, 10nilinde uNyana wakhe evela emazulwini, awamvusayo kwabafileyo, kwauYesu osihlangulayo kuyo ingqumbo ezayo.
Currently Selected:
KwabaseTesalonika 1 KwabaseTesalonika 1 – 1: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.