YouVersion Logo
Search Icon

KwabaseTesalonika 1 KwabaseTesalonika 1 – 2

KwabaseTesalonika 1 – 2
1Kuba niyakwazi ngokwenu, bazalwana, ukungena kwethu kuni, ukuba akulambathanga; 2Sesuka, nakuba besive ubunzima ngenxa engaphambili, siphethwe kakubi eFilipi, njengoko naziyo, asafihlisa, sikuye uThixo wethu, ukuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sinomzamo omkhulu. 3Kuba uvuselelo lwethu aluphumi enkohlisweni, lungaphumi ekungcoleni, lungekho enkohlisweni. 4Sithi, njengoko sicikidiweyo nguThixo, ukuba siphathiswe iindaba ezilungileyo, senjenjalo ukuthetha; singangi sikholisa abantu, kuba sikholisa uThixo ozicikidayo iintliziyo zethu. 5Kaloku, njengoko naziyo, asizanga sibe nantetho yakucengacenga, namkhusane wakubawa; uThixo ulingqina: 6Asifuni nokufuna luzuko bantwini, nokuba kukuni, nokuba kukwabanye; nakuba besinako ukuba ngumthwalo ngokwabapostile bakaKristu. 7Sisuke saba ngabathantamisayo phakathi kwenu, njengokuba umama ebagcinile abantwana bakhe; 8Ngoko ke sinilangazelela nje, kwakholeka kuthi ukuba singaneli kunabela iindaba ezilungileyo zikaThixo nje kodwa, sinabele nobomi bethu, ngenxa enokuba naba ziintanda kuthi. 9Kaloku niyakukhumbula, bazalwana, ukubulaleka kwethu nemigu yethu; sazivakalisa kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi mthwalo nakubani kuni. 10Ningamangqina nina, kwanoThixo, ukuba saba njani na ukuba ngcwele, nokuba nobulungisa, nokungabi nakusoleka phakathi kwenu bakholwayo; 11Njengoko nisazi, ukuba besiniyala, sinikhuza, siniyala elowo wenu, njengoyise esenza kubantwana bakhe; 12ukuze nihambe ngokumfaneleyo uThixo, onibizelayo kobakhe ubukumkani nozuko. 13Ngenxa yoko nathi siyabulela kuye uThixo singayeki, ukuba nathi, ukulamkela ilizwi likaThixo lodaba kuthi, analamkela lililizwi labantu; nalamkela njengokuba kunjalo okwenyaniso, lililizwi likaThixo elisebenzayo nokusebenzayo, nakuni bakholwayo. 14Kuba nani, bazalwana, naba ngabaxelisa amabandla kaThixo akwelakwaYuda, akuKristu Yesu; 15wona ayibulalayo iNkosi uYesu kwanabawo abaprofeti, asitshutshisa nathi; abamkholisi uThixo, bachasene nabantu bonke; 16esalela thina ukuba sithethe kuzo iintlanga, ukuze zisindiswe, esenzela ukuba azalise izono zawo ngamaxesha onke. Iwafikele ke ingqumbo, kwada kwasekupheleni. 17Thina ke, bazalwana, sanihluthwayo nje ixesha elifutshane ngesiqu, kungengantliziyo, sakhuthalela ngokugqithiseleyo ukububona ubuso benu, sinqwena kakhulu. 18Kungoko sathandayo ukuza kuni, mna Pawulos lo, kwakanye nakabini; kodwa uSathana wasithintela. 19Kaloku liyintoni na ithemba lethu, novuyo lwethu, nesithsaba sethu soqhayiso? Asinini na, phambi kweNkosi yethu uYesu Kristu ekufikeni kwayo? 20Inene, nini uzuko novuyo lwethu.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in