YouVersion Logo
Search Icon

KuTimoti 2 KuTimoti 2 – 2

KuTimoti 2 – 2
1Wena ngoko, mntwana wam, yomelela elubabalweni olukuKristu Yesu; 2uthi nezinto owazivayo kum ngamangqina amaninzi, ezo uzibeke phambi kwabantu abathembekileyo, bona baya kukulingana ukufundisa nabanye. 3Wena ngoko bunyamezele ububi, njengomphumi-mkhosi olungileyo kaKristu Yesu. 4Akukho namnye uthi emfazweni azibhijele ngemicimbi yobu bomi; ukuze amkholise lowo umnyulele ukulwa. 5Nakuba ke ubani esithi azame emdlalweni, akathweswa sithsaba, ukuba akathanga azame ngokomthetho. 6Umlimi lowo ubulalekayo, umelwe kukwamkela kuqala kwiziqhamo. 7Ziqiqe izinto endizithethayo; iNkosi yokunika ukuqonda ezintweni zonke. 8Khumbula ukuba uYesu Krestu wavuka kwabafileyo, engowembewu kaDavide, ngokweendaba zam ezilungileyo. 9Endiva ububi ngenxa yazo, kude kuse ezintanjeni njengomenzi wobubi; ke lona ilizwi likaThixo alibotshiwe. 10Ngenxa yoko izinto zonke ndiyazinyamezela ngenxa yabanyuliweyo, ukuze nabo bazuze usindiso olukuKristu Yesu, ndawonye nozuko olungunaphakade. 11Lithembekile ilizwi eli lithi, Kuba xa safa naye, sodla ubomi kwandawonye naye; 12ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela; 13Ukuba asikholwa, yena uhleli ethembekile; akanako ukuzikhanyeza. 14Bakhumbuze ezo zinto, uqononondise emehlweni eNkosi, ukuba kungenziwa mfazwe yamazwi okungancedi lutho, kuze kubhukuqeke abaphulaphuli. 15Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsebénzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso. 16Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo. 17Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto; 18abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho; silubhukuqa ukholo lwenxenye. 19Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo othi, iNkosi iyabazi abangabayo. Kwanokuthi, Mabahlukane nobugwenxa, bonke abalibizayo igama likaKristu. 20Ke endlwini enkulu akubikho zitya zagolide nazasilivere zodwa; kubakho nezomthi nezomdongwe. Inxenye ke zezembeko, inxenye azizambeko. 21Ukuba ke umntu uthe wazikhuphulula kwezo zinto, woba sisitya sembeko, singcwalisiwe, simlungele kakuhle umninindlu, silungiselwe wonke umsebenzi olungileyo. 22Ke zibaleke iinkanuko zobutsha, phuthuma ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo. 23Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe. 24Ke umkhonzi weNkosi akamele kusukuzana; kodwa abe nokuthantamisa kubo bonke, enokufundisa, enomonde; 25Uyabaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba mhlawumbi uThixo angabanika inguquko esa ekuyazini inyaniso; 26babuye baqabuke, baphume emgibeni kaMtyholi, ababanjiswe nguye ekuthandeni kwakhe.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in