uMarko uMarko 10
uMarko 10
1Esukile apho, uze kungena emideni yakwaYuda, ecanda kweliphesheya kweYordan. Wabuya wabafundisa ngokwesiqhelo. 2Beza kuye abaFarisi, bambuza ukuba kuvumelekile na ukuba indoda imale umfazi wayo? emlinga. 3Waphendula ke wathi kubo, Waniwisela mthetho mni na uMoses? 4Bathi ke bona, uMoses wakuvumela ukubhala incwadi yokwahlukana, nokumala. 5Waphendula uYesu wathi kubo, Ngokuba lukhuni kwentliziyo yenu, wanibhalela loo mthetho; 6Kodwa kwasekuqalekeni kwendalo, uThixo wabenza baba yindoda nenkazana. 7Ngenxa yoko ke, umntu womshiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe; 8baze abo babini babe nyama-nye. Ngako oko, abasebabini, banyama-nye. 9Oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu. 10Endlwini abafundi bakhe babuya bambuza ngayo loo nto. 11Athi kubo, Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza kulowa. 12Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye, uyakrexeza. 13Kwaye bezisa abantwana kuye ukuze abachukumise; basuka abafundi babakhalimela abo babazisayo. 14Ke kaloku ekubonile oku uYesu, wacaphuka, wathi kubo, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli: ngokuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo. 15Inene, ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akayi kukha angene kubo. 16Waza wabawola, wabeka izandla phezu kwabo, wabasikelela. 17Ephumile ke, uya endleleni, kweza othile ngokubaleka, wawa ngamadolo kuye, wambuza esithi, Mfundisi ulungileyo, ndenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade? 18Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. 19Uyayazi imithetho: musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqina ubuxoki, musa ukulumkisa, beka uyihlo nonyoko. 20Uphendule ke wathi kuye, Mfundisi, zonke ezo zinto ndazigcina, kwasebuncinaneni bam. 21Uthe ke uYesu, ondele kuye wamthanda, wathi kuye, Kukho nto-nye uyisweleyo: hamba uye kuthengisa ngeento zonke onazo, uphe amahlwempu, woba nobutyebi ke emazulwini; yiza, uwuthabathe umnqamlezo, uwulandele, mna. 22Wathi ke khunubembe ngelo zwi, wemka ebuhlungu; kuba ebenemfuyo eninzi. 23uYesu esingasingile, wathi kubafundi bakhe, Hayi, ukuba ngenkankulu ukuya kungena kwabo banobutyebi ebukumkanini bukaThixo! 24Bakhwankqiswa ke abafundi ngamazwi akhe. Wabuya waphendula ke uYesu, wathi kubo, Bantwana, hayi, ukuba ngenkankulu ukuthi abo bakholose ngobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo! 25Kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo. 26Baye bekhwankqiswa ke ngokuncamisileyo, besitshono ukuthi, Ngubani na ongasindiswayo? 27Ondele ke uYesu, wathi kubo, Kubantu akunakwenzeka; kuye yena uThixo akunakuba kungenzeki; kuba zonke izinto zinako ukwenzeka kuye uThixo. 28Waqala uPetros ukuthi kuye, Uyabona, thina sishiye iinto zonke sakulandela. 29Waphendula uYesu wathi, Inene, ndithi kuni, Akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yam nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, 30ongayi kuthi amkeliswe kalikhulu: ngoku ngeli xesha, izindlu, nabazalwana, noodade, noonina, nabantwana, namasimi, ndawonye neentshutshiso; nakwelizayo iphakade, ubomi obungunaphakade. 31Ke baninzi abokuqala abaya kuba ngabokugqibela; nabokugqibela abokuqala. 32Ke kaloku babesendleleni, benyuka besiya eYerusalem; waye uYesu ehamba phambi kwabo. Bathi nqa; Bakulandela ke boyika. Wabuya wabathabatha abalishumi elinababini waqala ukubaxelela izinto eziza kumhlela, 33besithi, Niyabona, siyenyuka, siya eYerusalem; waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubabingeleli abakhulu, nakubabhali; baya kumgweba ukuba afe, bamnikele kuzo iintlanga; 34Ziya kudlala ngaye, zimtyakatye, zimtshicele, zimbulale, athi ngomhla wesithathu abuye avuke. 35Kuthi kuze kuye uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, besithi, Mfundisi, sithanda ukuba usenzele into esothi siyicele. 36Wathi ke yena kubo, Nithanda ukuba ndinenzele ntoni na? 37Bathe ke bona kuye, Siphe ukuhlala, omnye ngasekunene kwakho, nomnye ngasekhohlo kwakho, ebuqaqawulini bakho. 38Wathi ke uYesu kubo, Aniyazi into eniyicelayo; ninako na ukuyisela indebe endiyiselayo mna? nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? 39Bathi ke bona kuye, Sinako. Wathi ke uYesu kubo, Okunene indebe endiyiselayo mna, niya kuyisela; nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna, niya kubhaptizwa kwangalo; 40Kodwa kona ukuhlala ngasekunene kwam nangasekhohlo kwam, asikwam ukupha ngako; kodwa kuya kunikwa abo kulungiselwe bona. 41Bevile abalishumi, baqala ukubacaphukela ooYakobi noYohane. 42Ke kaloku, uYesu ebabizele kuye, uthi kubo, Niyazi ukuba abo kuthiwa balawula iintlanga, banobukhosi kuzo; nabo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo. 43Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu; 44nosukuba efuna ukuba ngowokuqala, makabe ngumkhonzi wabo bonke; 45Kuba noNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi. 46Baza kufika eYeriko. Ekuphumeni kwakhe eYeriko apho, nabafundi bakhe nendimbane elingeneyo, unyana kaTimeyu, uBhartimeyu, imfama, waye ehleli ngasendleleni engqiba. 47Wathi akuva ukuba nguYesu waseNazarete, waqala ukudanduluka wathi, Yesu nyana kaDavide, ndenzele inceba. 48Baye abaninzi bemkhalimela ukuba athi tu; kwaba kokukhona ke wadandulukayo ngakumbi, esithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba. 49Wema uYesu, wathi makabizwe. Bayibiza ke imfama, besithi kuyo, Yomelela, suk’ ume; uyakubiza. 50Ithe ke yona, ilahle ingubo yayo, yesuka yeza kuYesu. 51Aphendule athi kuyo uYesu, Uthanda ukuba ndikwenzele ntoni na? Yathi ke imfama kuye, Nkosi, ukuba ndibuye ndibone. 52Wathi kuyo uYesu, Hamba uhambe; ukholo lwakho lukusindisile. Yabuya yabona kwaoko, yamlandela uYesu endleleni apho.
Currently Selected:
uMarko uMarko 10: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.