uMarko uMarko 9
uMarko 9
1Wayesithi kubo, Inene ndithi kuni, Kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo busiza ngamandla. 2uYesu ke, emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. 3Zabengezela iingubo zakhe, zamhlophe njengekhephu; njengokuba kungekho mcoci weempahla emhlabeni unako ukuba mhlophe. 4Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu. 5Waphendula ke uPetros wathi kuYesu, Rabhi, kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho; omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya. 6Kuba ubengayazi into abengayithethayo; ngokuba bebesoyika kunene. 7Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi, kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena. 8Basingasinga, ababi sabona mntu, yanguYesu yedwa enabo. 9Bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu. 10Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na. 11Bambuza besithi, Yini na ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci? 12Uphendule ke wathi kubo, Okunene uEliya, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; kwaba njani na kubhalwe ngaye uNyana woMntu, ukuba umelwe kukuthi eve ubunzima obukhulu, enziwe into engento? 13Ke ndithi kuni, ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye. 14Akufika kubafundi bakhe, wabona indimbane enkulu ibangqongileyo, nababhali bebuzana nabo. 15Sakumbona sakhwankqiswa kwaoko sonke isihlwele, sabalekela kuye, sambulisa. 16Wababuza ababhali, esithi, Nibuzana ntoni na nabo? 17Waphendula omnye wasesihlweleni wathi, Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo; 18apho uthe wamqubula khona, uyamntlala, aze alephuze amagwebu, atshixize amazinyo akhe, asuke ome; ndithethe kubafundi bakho ukuba bawukhuphe; ababa nako. 19Umphendule ke wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum. 20Bamzisa kuye. Akumbona, wesuka kwaoko umoya, wambetha wee xhwenene; yawa emhlabeni, yaqikaqika, ilephuza amagwebu. 21Wabuza kuyise, ukuba kumgama ungakanani na imhlile le nto? Wathi ke yena, Kwaesengumntwana. 22Umphose futhi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba umtshabalalise; kodwa ukuba unako ukwenza into, sisize, usikwe yimfesane sithi. 23Wathi uYesu kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo. 24Wakhala kwaoko uyise womntwana lowo, wathi eneenyembezi, Ndiyakholwa, Nkosi; kuncede ukungakholwa kwam. 25Uthe ke uYesu, ebone ukuba isihlwele sibalekela ndaweni-nye, wawukhalimela umoya ongcolileyo, esithi kuwo, Moyandini ungathethiyo usithulu, mna ndiyakuthethela, phuma kuye, ungabi sangena kuye. 26Wakhala umoya, wambetha wee xhwenene kunene, waphuma kuye; bada abaninzi bathi, Ufile. 27uYesu ke wambamba ngesandla, wamphakamisa; wavuka. 28Eye kungena endlwini, bambuza abafundi bakhe ngasese, besithi, Yayiyini na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina? 29Wathi kubo, Olu hlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla. 30Bephumile apho, babehamba becanda kwelaseGalili; wayengathandi ukuba kwazi bani oko; 31kuba wayebafundisa abafundi bakhe, esithi kubo, uNyana woMntu unikelwa ezandleni zabantu; baya kumbulala; aze emveni kokuba ebulewe, abuye avuke ngomhla wesithathu. 32Baye bengakuqondi oko kuthetha; baye besoyika nokumbuza. 33Weza kufika eKapernahum. Akuba esekhaya, wayebabuza esithi, Nibe nicamanga ntoni na phakathi kwenu endleleni? 34Bahlala bathi cwaka ke; kuba endleleni babebambene ngokuthi, ngubani na omkhulu phakathi kwabo. 35Akuba ehleli phantsi, wababiza abalishumi elinababini, wathi kubo, Ukuba ubani uthanda ukuba ngowokuqala, woba ngowokugqibela kwabo bonke, nomlungiseleli wabo bonke. 36Uthabathe umntwana, wammisa phakathi kwabo, wamwola, wathi kubo. 37Othe wamkela noko amnye wabantwana abanje, egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna, wamkela lowo wandithumayo. 38uYohane wamphendula wathi: “Mfundisi, sabona umntu ekhupha iindimoni egameni lakho, kodwa samalela ke, kuba engasilandeli thina. 39Wathi ke uYesu, Musani ukumalela; kuba akukho namnye uya kwenza umsebenzi wamandla egameni lam, aze abe nako ukuthetha kakubi ngam. 40Kaloku ongachasiyo ungecala lethu. 41Kuba othe waniseza nendebe le yamanzi egameni lam, ngokuba ningabakaKristu, inene ndithi kuni, akasayi kuphulukana nomvuzo wakhe. 42Nothe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle. 43Nokuba isandla sakho siyakukhubekisa, sinqumle; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, uye esihogweni, emlilweni ongacimiyo, 44apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo. 45Nokuba unyawo lwakho luya kukhubekisa, lunqumle; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi, uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, emlilweni ongacimiyo, 46apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo. 47Ukuba iliso lakho liya kukhubekisa, linyothule; kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo, 48apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacimiyo. 49Kuba bonke baya kugalelwa ityuwa ngomlilo, athi onke amadini agalelwe ityuwa ngetyuwa. 50Ityuwa ilungile yona, kodwa ukuba ithe ityuwa ayaba nabutyuwa, noyivakalisa ngantoni na? Yibani netyuwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye komnye.
Currently Selected:
uMarko uMarko 9: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.