YouVersion Logo
Search Icon

KwabaseRoma KwabaseRoma 10

KwabaseRoma 10
1Bazalwana, inkolelo yeyam intliziyo, nesikhungo sam kuye uThixo, ngenxa yamaSirayeli, sesokuba asindiswe. 2Ndiyabangqinela ukuba banokumzondelela uThixo, koko bengamzondeleli ngokokwazi okukuko. 3Kuba bathe, bengabazi ubulungisa bukaThixo, befuna nokumisa obabo ubulungisa, ababululamela ubulungisa bukaThixo. 4Kaloku intsingiselo yomthetho nguKrestu, ukuze abe bubulungisa kubo bonke abakholwayo. 5Kuba uMoses ubulungisa basemthethweni uthi ukububhala, Umntu ozenzileyo ezi zinto uya kudla ubomi ngazo. 6Ke bona obaselukholweni ubulungisa buthetha ngolu hlobo, Musa ukuthi entliziyweni yakho, Ngubani na oya kunyuka aye emazulwini ukuba ahlise uKristu? oko kukuthi, ukumhlisa uKristu phezulu; 7nokuthi, Ngubani na oya kuhla aye enzonzobileni? oko kukuthi, ukumnyusa uKristu kwabafileyo. 8Ithini na ke le nto? Ilizwi likufuphi kuwe, emlonyeni wakho nasentliziyweni yakho: elo ke lilizwi lokholo, esilivakalisayo. 9Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa. 10Kuba umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa; kwaye ngomlomo uvumo lwenziwa losindiso. 11Kuba isibhalo sithi, Bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa. 12Akukho kwahluka kwamYuda namGrike; kuba ikwayiloo Nkosi eyiNkosi yabo bonke, ibubutyebi kubo bonke abayinqulayo. 13Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa. 14Bothini na ke ukumnqula lowo bangakholwanga kuye? Bothini na ukukholwa kulowo bangevanga ngaye? Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli? 15Bangathini na ke ukushumayela, bengathunywanga? njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Hayi, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo! 16Kodwa abazilulamelanga bonke iindaba ezilungileyo. Kuba uIsaya uthi, Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu? 17Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo. 18Ndithi ke, Abevanga na? Ilizwi labo laphuma laya kulo lonke ihlabathi, Namazwi abo aya eziphelweni zelimiweyo. 19Ndithi ke, Kodwa ubengazi na uSirayeli? Kuqala uMoses uthi, Ndiya kunikhweletisa ngabangebantu, ndiniqumbise ngohlanga olunobudenge. 20Ke yena uIsaya akanqwanqwi, uthi, Ndifunyenwe ngababengandifuni; ndabonakalaliswa kwababengandifuni. 21Kodwa kuSirayeli uthi, Imini yonke izandla zam ndizolulele kubantu abangevayo, abaphikisayo.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

Video for KwabaseRoma KwabaseRoma 10