KwabaseRoma KwabaseRoma 11
KwabaseRoma 11
1Ngoko ke ndithi, uThixo ubagibile na abantu bakhe? Makube lee oko. Kuba nam ndingumSirayeli, wembewu ka-Abraham, wesizwe sikaBhenjamin. 2uThixo akabagibanga bona abantu bakhe, abebazi ngenxa engaphambili. Aniyazi na into esiyithethayo isibhalo ngoEliya? ukuba awangxengxezeleyo kuThixo ngoSirayeli, esithi, 3Nkosi, abaprofeti bakho ababulele, nezibingelelo zakho azichithile; mna ndisele ndedwa; afuna ke umphefumlo wam. 4Lithini na ke ilizwi likaThixo kuye? Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe, angaguqanga dolo kuBhahali. 5Ngokukwanjalo ke ngoko, nakweli xesha lakalokunje, kukho amasalela ngokonyulo lobabalo. 6Ukuba ke kungobabalo, akusengamisebenzi; okanye ubabalo alungebi saba lubabalo. Ukuba ke kungokwasemisebenzini, akuselubabalo; okanye umsebenzi awusengumsebenzi. 7Kuthiweni na ke ngoko? uSirayeli akakufumananga oko abekufuna; ke abanyuliweyo bakufumana, bathi ke abanye baqaqadekiswa 8njengokuba kubhaliwe kwathiwa, uThixo ubanike umoya wobuthongo, amehlo okuba bangaboni, neendlebe zokuba bangeva, kwada kwanamhlanje. 9Uthi ke uDavide, Isithebe sabo masibe ngumgibe, nesirhintyelo, nesikhubekiso, nembuyekezo kubo; 10Makabe mnyama amehlo abo, ukuba bangaboni; Nomhlana wabo wugobe ngamaxesha onke. 11Ndithi ngoko, Bakhubeka ukuze bawe na? Nakanye! Ngesiphoso sabo usindiso lwafika kuzo iintlanga, ukuze zibakhweletise. 12Ukuba ke isiphoso sabo saba bubutyebi behlabathi, nokuncipha kwabo kwaba bubutyebi beentlanga; Kobeka phi na ke inzaliseko yazo? 13Kuba ndithetha kuni, zintlanga. Ekubeni okunene mna ndingumpostile weentlanga, ndiyaluzukisa ulungiselelo lwam; 14ukuba ndingade ndibakhweletise abenyama yam, ndisindise inxenye yabo. 15Kuba xa ukulahlwa kwabo kuluxolelaniso lwehlabathi, koba yintoni na ukwamkelwa kwabo? Akububomi obuphuma kwabafileyo, yini na? 16Ukuba ke intlahlela ingcwele, ikwanjalo nentlama; ukuba ke ingcambu ingcwele, akwanjalo namasebe. 17Ukuba inxenye yamasebe yavuthululwa, wathi ke wena, ungumnquma wasendle, wamiliselwa phakathi kwawo, wabelana nawo ngeengcambu nasekutyebeni komnquma; 18Musani ukuwaqhayisela amasebe; ke ukuba uyawaqhayisela, yazi ukuba asinguwe oyithweleyo ingcambu; 19Uya kuthi ngoko, Axhuzulwa amasebe, ukuze mna ndimiliselwe. 20Ke; aqhuzulwa ngenxa yokungakholwa, ke wena umi ngokwaselukholweni; musa ukukratsha, yoyika; 21Kuba, xa uThixo angawaconganga awasemvelweni amasebe, lumka hleze angakucongi nawe lo. 22Khawububone ke ububele nobukhali bukaThixo; ubukhali okunene kwabo bawayo; kodwa kuwe, ububele, ukuba uthe wahlala kobo bubele; okanye wogawulwa nawe lo. 23Nabo ke, ukuba abathanga bahlale ekungakholweni, bomiliselwa; kuba uThixo unako ukubuya abamilisele. 24Kuba wena, xa wagawulwa kumnquma ongowasendle ngokwemvelo, waza wamiliselwa ngokunxamnye nemvelo komhle umnquma: bobeka phi na aba bangamasebe ngokwemvelo, ukumiliselwa kwabo kowabo umnquma? 25Kuba andithandi, bazalwana, ukuba ningayazi le mfihlelo, ukuze ningabi ziingqondi ngokwenu; ukuba ukuqaqadeka kuwahlele amaSirayeli ngenxenye, ide ingene inzaliseko yazo iintlanga; 26aze ngokunjalo ke wonke uSirayeli asindiswe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuvela eZiyon uMhlanguli, Akusonge kumke kwaYakobi ukungahloneli Thixo. 27Nguwo lo umnqophiso wam nabo, Xa ndithe ndazisusa izono zabo. 28Okunene ngokweendaba ezilungileyo, baziintshaba ngenxa yenu; kodwa ngokonyulo, ngabaziintanda ngenxa yoobawo. 29Kuba azinabuyambo izibabalo ezi, nobizo olu lukaThixo. 30Kuba, njengokuba nani benifudula ningamvi uThixo, ngoku ke nenzelwe inceba kukungakholwa kwabo; 31kwangokunjalo, nabo ababanga namvo ngoku, ukuze ngokwenzelwa kwenu inceba, benzelwe nabo inceba. 32Kuba kaloku uThixo ubavalele ndawonye entsweleni-kuva bonke, ukuze abenzele inceba bonke. 33Hayi, ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobokwazi kukaThixo! Asikuko nokuba ayiphengululeki imigwebo yakhe, azilandeki iindlela zakhe! 34Kuba ngubani na oyazileyo ingqiqo yeNkosi? Ngubani na obuye waba ngumcebisi wakhe? 35Ngubani na khona owayinikayo ngenxa engaphambili, kwaza kwabuyekezwa kuye? 36Ngokuba ziphuma kuyo ke, zikho ngayo, zikholo yona, zonke ezo zinto. Malube kuyo uzuko, kude kube ngunaphakade. Amen.
Currently Selected:
KwabaseRoma KwabaseRoma 11: CXB24
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.