uYohane uYohane 5

uYohane 5
1Emva koko ke kwaye kukho umthendeleko wamaYuda, wenyuka uYesu waya eYerusalem. 2Ke kaloku kukho eYerusalem apho, ngakwelezimvu isango, ichibi, ekuthiwa ukubizwa yiBhetesda ngesiHebhere, lineevaranda ezintlanu. 3Kwakulele kuzo inkitha eninzi yemilwelwe: iimfama, iziqhwala, abome umzimba, belinde ukuzanyazanyiswa kwamanzi. 4Kuba isithunywa sezulu ngaxesha lithile besisihla, singene echibini, siwagxobhagxobhe amanzi; lowo ngoko ubethe angene tanci emva kokugxojwagxojwagxojwa kwamanzi, ubephila nakusiphi na isifo abebanjwe siso. 5Kwakukho ndoda ithile apho, eyayingumlwelwe iminyaka emashumi mathathu anesibhozo. 6uYesu embona lowo elele, esazi ukuba uselenexesha elikhulu enjalo, uthi kuye, Uyafuna na ukuba uphile? 7Waphendula umlwelwe wathi, Nkosi, andinamntu wokuthi, xa athe agxojwagxojwa amanzi, andiphose echibini. Kuthi ke, ndakubon’ ukuba mna ndiyaya, ndiphangelwe ngomnye ukuhla. 8Athi uYesu kuye, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe. 9Usuke kwaoko waphila umntu, waluthabatha ukhuko lwakhe, wahamba. Ke kaloku kwakuyisabatha loo mini. 10Ayesithi ke amaYuda kophilisiweyo, Yisabatha; akuvumelekile ukuba uthwale ukhuko lwakho. 11Wawaphendula wathi, Owandiphilisayo, nguye owathi kum, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe. 12Ambuza ngoko athi, Ngubani na yena loo mntu uthe kuwe, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe? 13Ke kaloku, owaphiliswayo ebengazi ukuba ngubani na; kuba uYesu wathi shwaka, kwakubon’ ukuba kukho izihlwele kuloo ndawo. 14Kwathi emveni kwezi zinto, uYesu umfumana etempileni, athi kuye, Uyabona, uphilile; 15Wemka umntu lowo, waxela kumaYuda, ukuba nguYesu omenze waphila. 16Ngenxa yoko ayemtshutshisa uYesu amaYuda, afuna ukumbulala; ngokuba wayesenza ezo zinto ngesabatha. 17Wawaphendula ke uYesu wathi, uBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ndiyasebenza. 18Ngenxa yoko ke ayefuna ngakumbi amaYuda ukumbulala; ngokuba ubengaphule sabatha yodwa, wayetshilo nokuthi, uThixo ngowakhe uYise, ezenza alingane noThixo. 19Waphendula ngoko uYesu, wathi kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, uNyana akanakwenza nto ngokwakhe, engathanga abone uYise eyenza; kuba izinto asukuba ezenza yena, uyazenza uNyana kwangokunjalo; 20Kuba uYise uyamthanda uNyana, embonisa zonke izinto azenzayo yena; uya kumbonisa nemisebenzi emikhulu kunale, ukuze nina nimangaliswe. 21Kuba, njengoko uYise abavusayo abafileyo, abadlise ubomi; kwangokunjalo noNyana ubadlisa ubomi abo athandayo. 22Kuba uYise akagwebi namnye; uthe umgwebo wonke wawunikela kuNyana; 23ukuze bonke bambeke uNyana, kwanjengoko bambekayo uYise. Lowo ungambekiyo uNyana, akambeki uYise owamthumayo. 24Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ulivayo ilizwi lam, akholwe ngulowo wandithumayo, unobomi obungunaphakade; akezi ekugwetyweni; uphume ekufeni wangena ebomini. 25Inene, inene, ndithi kuni, Kuza ilixa, nangoku selikho, xa abafileyo baya kuliva ilizwi loNyana kaThixo, bathi abalivileyo badle ubomi. 26Kuba njengokuba uYise enabo ubomi kuye ngokwakhe; ngokunjalo wamnika noNyana ukuba abe nobomi kuye ngokwakhe. 27Wamnika negunya lokugweba, ngokuba enguNyana woMntu. 28Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; 29Kwaye baya kuphuma; beze eluvukweni lobomi; baye eluvukweni lokugwetywa abo benza izinto ezimbi. 30Mna ngokwam andinakwenza nto; njengoko ndivayo, ndigweba ngako, nomgwebo wam ububulungisa; ngokuba andifuni kuthanda kwam, ndifuna ukuthanda kukaBawo owandithumayo. 31Ukuba mna ndisuka ndizingqinele, ubungqina bam abungebi yiyo inene. 32Kukho omnye ongqinayo ngam; ndiyazi ke, ukuba buyinene ubungqina angqinayo ngam. 33Nina nithumele kuYohane; uyingqinele ke inyaniso. 34Mna ke andamkeli bungqina mntwini; ndizithetha ezi zinto, ukuze nina nisindiswe. 35Yena lowo waye esisibane esidangazelayo, nesikhanyiso, na ke nina nathanda ukuvuya umzuzwana ekukhanyeni kwakhe. 36Kodwa ndinabo ubungqina obungaphezu kobukaYohane; kuba imisebenzi awandinikayo uBawo ukuba ndiyifeze, yona le misebenzi ndiyenzayo mna, iyangqina ngam, ukuba uBawo undithumile. 37NoBawo ngokwakhe, yena owandithumayo, ungqinile ngam. Anizanga nilive izwi lakhe nakanye, niyibone nembonakalo yakhe. 38Ilizwi lakhe alihlali kuni, kuba anikholwa kulowo amthumileyo. 39Ziphengululeni izibhalo; ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo; zaye zona zingqina ngam. 40Nibe ke nina ningathandi ukuza kum, ukuze nibe nobomi. 41Andamkeli luzuko bantwini. 42Ndiyanazi nina, ukuba uthando lukaThixo aninalo ngaphakathi kwenu. 43Mna ndize egameni likaBawo, anindamkeli; ukuba omnye uthe weza ngelilelakhe igama, nomamkela yena. 44Ningathini na ukuba nako ukukholwa, nisamkelela uzuko omnye komnye nje nina, nibe uzuko lona oluvela kuThixo yedwa ningalufuni? 45Ningabi ndiya kunimangalela kuBawo mna; ukho onimangalelayo, uMoses, lowo nimthembileyo nina. 46Ukuba benikholiwe nguMoses, ninge nikholiwe ndim, kuba yena wabhala ngam. 47Ke ukuba anikholwa zizibhalo zakhe, nothini na ukukholwa ngamazwi am?

Tällä hetkellä valittuna:

uYohane uYohane 5: CXB24

Korostus

Jaa

Kopioi

None

Haluatko, että korostuksesi tallennetaan kaikille laitteillesi? Rekisteröidy tai kirjaudu sisään

Video uYohane uYohane 5