uYohane uYohane 6

uYohane 6
1Emveni kwezi zinto, wemka uYesu, waya phesheya kolwandle lwaseGalili, lwaseTibheriya. 2Wayelandelwa yindimbane enkulu, kuba yayiyibona imiqondiso yakhe abeyenza kwabafayo. 3uYesu wenyuka intaba, waza wahlala phantsi nabafundi bakhe. 4Yaye ke ikufuphi ipasika, umthendeleko wamaYuda. 5Ewaphakamisile ngoko uYesu amehlo akhe, ebone isihlwele esikhulu sisiza kuye, wathi kuFilipu, Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba? 6Ubesitsho ke emlinga; kuba ubeyazi yena into abeza kuyenza. 7uFilipu wamphendula wathi, Izonka zeedenariyo ezimakhulu mabini azibanele, ukuze elowo athabathe intwana. 8Athi kuye omnye kubafundi bakhe, uAndreya, umzalwana kaSimon Petros, 9Kukho nkwenkwana apha, inezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini; kodwa ke ziyintoni na ezo kwabangakanana? 10Uthe ke uYesu, Bahlaliseni phantsi abantu. Kwaye ke kukho utyani obuninzi kuloo ndawo. Ahlala phantsi ke amadoda, engathi amawaka mahlanu inani. 11Wazithabatha ke izonka uYesu; wathi akubulela wababela abafundi, bathi ke abafundi babela abo babehleli phantsi, kwaba kwanjalo nakwiintlanzi, ngangokuthanda kwabo. 12Bakuhlutha ke, wathi kubafundi bakhe, Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungonakali. 13Babutha ngoko, bazalisa iingobozi zalishumi elinazibini ngamaqhekeza abesele kubo ababedlile, ezonka ezihlanu zerhasi. 14Ngoko abantu abo, bakuwubona umqondiso awawenzayo uYesu, bathi, Lo nguye inyaniso umprofeti lowo uzayo ehlabathini. 15Uthe ngoko uYesu, esazi ukuba bahlalele ukuza kumbamba ngamandla, bamenze ukumkani, wabuya wemka, waya entabeni Yena yedwa. 16Ke kaloku, kwakuhlwa, behla abafundi bakhe, baya elwandle. 17Bengenile emkhombeni, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum, kwakusekumnyama, waye uYesu engafikanga kubo. 18Lwaye nolwandle lusilwa, kananjalo kuvuthuza umoya omkhulu. 19Bakuba ngoko begweqile izitadiya ezingathi zimashumi mabini anantlanu, nokuba zimashumi mathathu, bambona uYesu ehamba phezu kolwandle, esondela ngasemkhombeni; 20Athi ke yena kubo, Ndim; musani ukoyika. 21Bathanda ke bona ukumamkela emkhombeni; 22Ngengomso indimbane leyo, ibimi phesheya kolwandle, yabona ukuba akukho mkhombe wumbi khona apho, ingenguwo lowo bangene kuwo abafundi bakhe, nokuba uYesu akangenanga nabafundi bakhe emkhombeni, wemka nabafundi bakhe, bemka bodwa; 23(Kodwa kweza eminye imikhombe evela eTibheriya, kufuphi nendawo apho babedle isonka, emva kokuba iNkosi yayibulele) 24Xa ngoko indimbane yabonayo ukuba uYesu akakho apho nabafundi bakhe, besuka bangena nabo emikhombeni, beza eKapernahum, bemfuna uYesu. 25Bathe bakumfumana phesheya kolwandle, bathi kuye, Rabhi, ufike nini na apha? 26Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso, nindifuna ngokuba nadla kwezaa zonka, nahlutha. 27Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo. 28Bathe ngoko kuye, Masenze ntoni na, ukuze sisebenze imisebenzi kaThixo? 29Waphendula uYesu, wathi kubo, Umsebenzi kaThixo nguwo lo, ukuba nikholwe kuye othunyiweyo nguye. 30Bathi ngoko kuye, Wenza mqondiso mni na ke ngoko, ukuze sibone, sikholwe nguwe? Usebenza ntoni na? 31Oobawo bâtya imana entlango; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wabanika isonka siphuma ezulwini, ukuba badle sona. 32Uthe ngoko uYesu kubo, Inene, inene, ndithi kuni, AsinguMoses oninike isonka esiphuma ezulwini; nguBawo oninika isonka esiphuma ezulwini, esiyinyaniso. 33Kuba isonka sikaThixo ngulowo uhla ephuma ezulwini, alinike ubomi ihlabathi. 34Baza bathi kuye: “Nkosi, khawusinike eso sonka ngamaxa onke. 35Wathi ke uYesu kubo, Isonka sobomi esi ndim; lowo uzayo kum, akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade. 36Ndithe ke kuni, Nindibonile nokundibona, anakholwa noko. 37Konke andinikayo uBawo, kuya kuza kum; nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle; 38ngokuba ndihle emazulwini, ndingaze kwenza ukuthanda kwam; ndize kwenza ukuthanda kwalowo wandithumayo. 39Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, kukaBawo: ukuba konke awandinikayo, ndingalahli nento kuko, ndikuvuse ngomhla wokugqibela. 40Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. 41Ayemkrokrela ngoko amaYuda, ngokuba wathi, Ndim isonka, esi sehlayo emazulwini. 42Ayesithi ke, Lo asinguye na kanene uYesu, unyana kaYosefu, esimaziyo thina uyise nonina? Angáthini na ke ngoko ukuthi, Ndihle emazulwini? 43Waphendula ngoko uYesu wathi kubo, Musani ukukrokra phakathi kwenu. 44Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. 45Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; Bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum. 46Kungekuba kukho bani umbonileyo uBawo, ingenguye ovela kuThixo; nguye yedwa ombonileyo uBawo. 47Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade. 48Ndim isonka sobomi. 49Ooyihlo bayidla imana leyo entlango, bafile noko. 50Esi sisonka esihla sivela ezulwini, ukuba umntu akudle, angafi. 51Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kusinika mna siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi. 52Abambana ngoko amaYuda phakathi kwawo, esithi, Angathini na lo ukusinika inyama yakhe siyidle? 53Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni. 54Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela. 55Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso. 56Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye. 57Njengokuba uBawo ophilileyo wandithumayo, ndibe nam ndihleli ngaye uBawo, lowo undidlayo, uya kuphila ngam. 58Siso eso isonka esehla emazulwini; kungenjengokuba ooyihlo bayidlayo imana, bafa noko. Lowo usidlayo esi sonka, uya kuphila ngonaphakade. 59Ezi zinto wazithetha endlwini yesikhungu, efundisa eKapernahum. 60Into eninzi ngoko kubafundi bakhe yakuva yathi, Lilizwi elinqabileyo eli; ngubani na onokuyiva? 61Esazi uYesu ngaphakathi kwakhe, ukuba bayakrokra lilo abafundi bakhe, wathi kubo, Kuyanikhubekisa na oku? 62Hi na ke, ukuba nithe nambona uNyana woMntu enyukela apho ebefudula ekhona? 63Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho. Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi. 64Kodwa kukho abathile kuni abangakholwayo. Kuba ebesazi kwasekuqalekeni uYesu, ukuba ngoobani na ababengakholwa, nokuba ngubani na oya kumngcatsha. 65Wayesithi, Kungenxa yoku ndatshoyo kuni ukuthi, Akukho namnye unako ukuza kum, ukuba akathanga akunikwe nguBawo. 66Ukususela ngelo xesha into eninzi yabafundi bakhe yabuya umva, ayaba sahamba naye. 67Wathi ngoko uYesu kwabalishumi elinababini, Nani nifuna ukumka, yini na? 68Wamphendula ngoko uSimon Petros wathi, Nkosi, sosuka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade. 69Nathi sikholiwe, sazile, ukuba wena unguye uKristu, uNyana kaThixo ophilileyo. 70Wabaphendula uYesu wathi, Andininyulanga na mna, nina balishumi elinababini? Ukanti omnye kuni ungumtyholi? 71Wayethetha ngoYuda Sikariyoti kaSimon, kuba lowo ibinguye obeza kumngcatsha, engomnye weshumi elinababini.

Tällä hetkellä valittuna:

uYohane uYohane 6: CXB24

Korostus

Jaa

Kopioi

None

Haluatko, että korostuksesi tallennetaan kaikille laitteillesi? Rekisteröidy tai kirjaudu sisään

Video uYohane uYohane 6