YouVersion
Pictograma căutare

Ivangeli ka‐Luke 24

24
1KEKALOKU ngolwokuqala usuku lweveki, kwakuza kuti qi̔p’ ukusa, beza encw̔abeni, bezisa izimnandi ababezilungisile, nabafazi abatile kunye nabo. 2Bati ilitye balifumana liqengqiwe encw̔abeni. 3Baza bakungena abafumana umzimba wenkosi u‐Yesu. 4Kwaza kwati ekuxakekeni kwabo ngako oku, bona ke, amadoda amabini ema ngakubo enezivato ezibengezelayo. 5Kekaloku bakuba benokwoyika bona, betoba ubuso ngasemhlabeni, ati kubo: Yinina ukuba nifune ohleliyo pakati kwabafileyo? 6Akako apa, uvukile. Kumbulani okokuba wateta kuni, nxa ebesese‐Galili, 7esiti: Unyana wesintu ufanele ukunikelwa ezandleni zabantu abangaboni, nokukuruseshwa, nokuti ngomhla wesitatu abuye avuke. 8Baza bakumbula amazwi ake; 9bati bakuba bebuyile encw̔abeni, bashumayela ezizinto zonke kwabalishumi elinamnye, nakubo bonke abanye. 10Wayengu‐Mariya wase‐Magadala, no‐Johana, no‐Mariya unina ka‐Yakobi, nabobafazi abanye abebenabo, abaxelela abapostile ezizinto. 11Aza amazwi abo ati kubo anga kukutetateta kodwa, baye bengakolwa ngabo ke.
12Koko u‐Petrosi wesuka wagidimela encw̔abeni; wati etobile pantsi wabona iqiya zokubopa zilele zodwa; waza wemka ekutela nqa pakati kwake oko kwenzekileyo.
13Kekaloku bona ke, ababini kubo babe kwa ngalomini besiya emzini ukude ne‐Yerusaleme izitadiya zingamashumi matandatu, ogama liyi‐Emmayusi. 14Baye bencokola ke omnye nomnye ngezozinto zonke ezibe zihlile. 15Kwaza kwati nxa bebencokola babuzisana, wasondela u‐Yesu ngokwake wabapeleka. 16Kodwa amehlo abo ebebanjwa ukuba bangabi nakumazi.
17Wayesiti kubo: Zindawo zinina ezi, enitetelana ngazo nihamba, nikedamile nje? 18Wapendula omnye, lowo ugama lingu‐Keleyopasi, wati kuye: Wena uhlala njengowasemzini kodwa e‐Yerusaleme na, ungazazanga nje izinto ezenzekileyo kuyo ngezintsuku?
19Waza wati kubo: Zipina? Bati bona kuye: Ezingaye u‐Yesu wase‐Nazarete, obengumprofite, enamandla ekwenzeni nasekuteteni ebusweni bukatixo nabo bonke abantu: 20nokokuba abaperisite abakulu nabapati betu bamnikela ekugwetyweni kwokuba afe, bamkurusesha. 21Kodwa tina sibe sitemba ukuba unguye oza kukulula o‐Sirayeli. Kanjako kambe, kunye nako konke oku, namhla ngumhla wesitatu kuseloko zenzekayo ezizinto. 22Ewe nabafazi abatile kwabetu basimangalisa, abebeko kusasa encw̔abeni; 23abati bengafumananga umzimba wake, beza, besiti babonile nesibonakalo sengelosi, ezati uhleli. 24Kanjalo abatile babakuti baya encw̔abeni, bafumana njalo njengokuba bebetshilo nabafazi; kodwa yena abambona.
25Waza yena wati kubo: Nina bangenakuqonda nabantliziyo zibutuntu ukukolwa kuko konke abakutetileyo abaprofite! 26ebengafanele na u‐Kristu ukuziva ezizinto, nokungena ebungcwaliseni bake? 27Waza waqala ngo‐Mosesi nangabaprofite bonke, wabatyilela kuzo zonke iziba̔lo izinto eziteta ngaye yena.
28Bada basondela emzini apo bebesiya kona: wati yena wenza ngokungati uya kugqita. 29Baza bamqu̔ba, besiti: Hlala nati, kuba kuza kuhlwa, isangene imini ke. Waza wangena ukuya kuhlala nabo.
30Kwaye kute akuba ebehleli pantsi ndawonye nabo, watabata isonka wabulela, waza waqezula wanikela kubo. 31Asuka agatyulwa amehlo abo, bamazi ke: waza wati shwaka kubo. 32Baza bati omnye kwomnye: Intliziyo yetu ibingatshi na pakati kwetu, nxa ebeteta kuti endleleni, nanxa ebesanekela iziba̔lo?
33Baza besuka kwa ngeloxeshana, babuyela e‐Yerusaleme, babafumana bebutene ndawonye abalishumi elinamnye nabebenabo; 34abebesiti: Inkosi ivukile ngokwenyaniso, yabonakala ku‐Simone. 35Kanjalo bona batyela oko bekuhlile endleleni nokokuba yaziswa kubo ekuqezulweni kwesonka.
36Kekaloku bakuba bebeteta ezizinto, wema u‐Yesu ngokwake pakati kwabo, wati kubo: Uxolo malube kuni! 37Koko benokwetuka nokwoyika bebeba bayabona umoya. 38Waza wati kubo: Yinina ukuba nixalile? kunganina nokuba izicamango zivuke ezintliziyweni zenu? 39kangelani izandla zam nenyawo zam, ukuba ndim isiqu sam: ndicofeni, nikangele; ngokuba umoya engenanyama namatambo, njengokuba nibona ndinazo mna. 40Waza wati akuba etshilo wababonisa izandla nenyawo. 41Kekaloku bengekakolwa ngokuvuya, besiti nqa nokuti nqa, wati kubo: Ninento yokudla na apa? 42Bamnikela isiqendu sentlanzi eyojiweyo, nentwana yentlango zobusi. 43Waza watabata watya ebusweni babo.
44Wayesiti kubo: Ngawo la amazwi endawatetayo kuni, nxa bendiseko nani, okokuba zifanele ukuzalisekiswa zonke izinto eziba̔liweyo ngam emtetweni ka‐Mosesi, nasebaprofiteni, nasemaculweni. 45Wandula watyila ingqiqo yabo, ukuba baqonde iziba̔lo, 46wati kubo: Kuba̔liwe ngokunjalo, bekufanele nangokunjalo ukuba u‐Kristu eve intlungu, nokuba abuye avuke ekufeni ngomhla wesitatu, 47nokuba kushunyayelwe egameni lake uguquko noxolelwa lwezono pakati kwazo zonke intlanga, kuqalwa e‐Yerusaleme. 48Nani ke, ningamanqi̔na ezizinto. 49Kanjalo bona ke, ndiyatuma isibambiso sikabawo pezu kwenu; kodwa hlalani nina esixekweni e‐Yerusaleme, nide nambatiswe amandla evela enyangweni.
50Waza wabakokela pandle kwada kwase‐Betaniya, wapakamisa izandla zake, wabatamsanqelisa. 51Kwaye kute ekubatamsanqeliseni kwake, wahlukana nabo, wenyuselwa ezulwini. 52Baza bambedesha, babuyela e‐Yerusaleme ngovuyo olukulu. 53Kanjalo bebehlala beko etempileni, bedumisa bebonga utixo. Amene.

Evidențiere

Partajează

Copiază

None

Dorești să ai evidențierile salvate pe toate dispozitivele? Înscrie-te sau conectează-te