Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 18

18
1WATI u‐Yetero, umperisite wase‐Midiyane, usomfazi ka‐Mosesi, akuba evile konke utixo ebekwenzele u‐Mosesi no‐Sirayeli abantu bake, okokuba uyehova ebepumisile o‐Sirayeli e‐Jipete; 2wandula u‐Yetero, usomfazi ka‐Mosesi, watabata u‐Tsipora, umfazi ka‐Mosesi, (emveni kwokuba ebemndulule,) 3nonyana bake bobabini; elati igama lomnye lalingu‐Gereshome; ngokuba ebesiti: Ndingowasemzini elizweni lasemzini; 4negama lomnye lalingu‐Eliyezeri#18:4 Oko kukuti: Omncedi ngutixo.; ngokuba ebesiti: Utixo kabawo ebengumncedi wam, wandisindisa esiṙeleni sika‐Faro: 5waza waya u‐Yetero, usomfazi ka‐Mosesi, nonyana bake, nomfazi wake, ku‐Mosesi entlango, apo abete waca kona ngasentabeni katixo. 6Wayesiti ku‐Mosesi: Mna somfazi wako u‐Yetero, ndiyeza kuwe, nomfazi wako, nonyana bake bobabini kunye naye. 7Waselepuma u‐Mosesi waya kukaulela usomfazi wake, wazitoba ke, wamanga: baza babuzana ngokupila kwabo; bada bangena ententeni.
8Waye u‐Mosesi wabalisela usomfazi wake konke uyehova wabekwenzile ku‐Faro, nakuma‐Jipete, ngenxa yo‐Sirayeli; nayo yonke inkatazo ebibahlile endleleni, nokuba uyehova ubebasindisile. 9Waza wavuya u‐Yetero pezu kwabo bonke ububele uyehova wabebenzele o‐Sirayeli, abebasindisile esandleni sama‐Jipete. 10Wayesiti u‐Yetero: Makabongwe uyehova onisindisileyo esandleni sama‐Jipete, nasesandleni sika‐Faro; obasindisileyo abantu kwa pantsi kwesandla sama‐Jipete! 11Kaloku ndiyazi ukuba uyehova umkulu kubo bonke otixo; ngokuba entweni benza nger̔atshi ngayo, ebepezulu kubo. 12Waza u‐Yetero, usomfazi ka‐Mosesi, watabatela utixo idini lokutshiswa nemibingelelo: wayesiza u‐Arone, nabo bonke abadala bo‐Sirayeli, ukuza kutya isonka nosomfazi ka‐Mosesi ebusweni bukatixo.
13Kwaye kute ngomnye umhla, wahlala u‐Mosesi ukugweba ebantwini; bati abantu bema ngakuye u‐Mosesi kwa sekuseni kwada kwahlwa. 14Waza usomfazi ka‐Mosesi, akubona konke owakwenzayo ebantwini, wati: Yinto nina lento uyenzayo ebantwini? kunganina ukuba uhlale wena wedwa, nokuba bonke abantu beme ngakuwe kwa sekuseni kude kuhlwe? 15Wati u‐Mosesi kusomfazi wake: Kungokuba abantu besiza kum ukuza kubuza kutixo. 16Xeshekweni banendawo, bayeza kum; nditi mna ndigwebe pakati kwomnye nomnye, ndibazise imimiso katixo nemiteto yake.
17Waza wati usomfazi ka‐Mosesi kuye: Ayilungile lonto uyenzayo wena. 18Uya kusinyeka ngenyaniso, kwa wena nababantu abanawe: ngokuba lendawo ikusinda; akungeyenze ngokwako wedwa. 19Kaupulapule ilizwi lam; ndokunika icebo, waye utixo eya kuba nawe. Yiba wena ngenxa yabantu pambi kwotixo, ukuba uzise indawo kutixo: 20uze ubafundise imimiso nemiteto, ubazise indlela abaya kuhamba ngayo, nomsebenzi abaya kuwenza. 21Kanjako uya kufuna kubo bonke abantu amadoda omeleleyo, amoyikayo utixo, amadoda enyaniso, ayitiyayo inzuzo ekohlakeleyo; uwabeke pezu kwabo, abe ngabapati bamawaka, nabapati bamakulu, nabapati bamashumi mahlanu, nabapati bamashumi manye; 22baze bagwebe ebantwini ngamaxesha onke; kwaye kuya kuti, zonke indawo ezinkulu bozizisa kuwe, kodwa zonke indawo ezincinane mabazigwebe bona; kuze kube lula kuwe, bakutwalise nabo. 23Ukuba lento uyayenza, nokuba utixo uyakuyalela njalo, woba nako ukunyamezela; kanjalo nababantu bonke boya endaweni yabo ngoxolo.
24Waye u‐Mosesi epulapula ilizwi losomfazi wake, wakwenza konke abetshilo kona. 25Waza u‐Mosesi wanyula amadoda omeleleyo kubo bonke o‐Sirayeli, wawenza intloko pezu kwabantu, abapati bamawaka, nabapati bamakulu, nabapati bamashumi mahlanu, nabapati bamashumi manye; 26ababegweba ebantwini ngamaxesha onke; indawo ezinqabileyo bazizisa kuye u‐Mosesi, kodwa zonke indawo ezincinane bazigweba bona. 27Waza u‐Mosesi wandulula usomfazi wake; waya yena elizweni lakowabo.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 18: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia