Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 19

19
1EKUTWASENI kwenyanga yesitatu emveni kwokupuma kwalo usapo luka‐Sirayeli elizweni le‐Jipete, kwa ngalomini lwafika entlango ye‐Sinai. 2Ngokuba belundulukile e‐Refidime, lwafika entlango ye‐Sinai, lwati waca entlango; kwa lapo ke bati waca o‐Sirayeli ngapambi kwentaba.
3Wasuka u‐Mosesi wenyukela kutixo; waza uyehova wambiza esentabeni, esiti: Uya kutsho kwindlu ka‐Yakobi, uxele elusatsheni luka‐Sirayeli, ukuti: 4Nibonile oko ndakwenzayo kuma‐Jipete, nokokuba ndanitwala emapikweni okozi, ndanizisa kwa kum. 5Ngako kaloku, ukuba niya kukutala ukuliva ilizwi lam, nilugcine ucebano lwam, noba yinto enqabileyo kum pezu kwazo zonke intlanga; ngokuba wonke umhlaba ungowam: 6naniya kuba bubukumkani babaperisite kum, nesizwe esingcwele. Ngawo la amazwi oya kuteta wona elusatsheni luka‐Sirayeli.
7Waselesiza u‐Mosesi wabiza abadala babantu, wabeka ebusweni babo onke lamazwi wabemyalela wona uyehova. 8Bapendula bonke abantu kwa kunye, bati: Konke akutetileyo uyehova siya kukwenza. Waza u‐Mosesi wawabuyisela kuyehova amazwi abantu.
9Wati uyehova ku‐Mosesi: Bona ke, ndiyeza kuwe elifini elibungqingqwa, ngenxa yokuba abantu beve ndakuteta nawe, nokuba bakolwe nguwe kude kube ngunapakade. Waye u‐Mosesi waxela amazwi abantu kuyehova. 10Wati uyehova kanjalo ku‐Mosesi: Yiya ebantwini, ubangcwalise namhla nangomso; mabahlanze ingubo zabo kanjalo; 11baze babe sebelungile ngemini yesitatu: ngokuba ngemini yesitatu eya kuhla uyehova pambi kwamehlo abantu bonke, pezu kwentaba ye‐Sinai. 12Wauya kumisela abantu imida ngokungqonga, usiti: Zilumkeleni, ize ningenyukeli entabeni, ningacukumisi nodini lwayo: osukuba ecukumisa intaba, uya kubujiswa ngenyaniso; 13akuyi kuyicukumisa isandla, koko aya kugityiselwa ngamatye, umhlaumbi uya kuhlatywa; nokuba sisilo, nokuba yindoda, ayiyi kupila. Nxa ixilongo lihlokomayo, baya kunyuka beze entabeni.
14Waza u‐Mosesi wehla entabeni waya ebantwini, wabangcwalisa abantu; baza bahlanza ingubo zabo. 15Wayesiti ebantwini: Yibani nilungile ngemini yesitatu; ningasondeli emfazini.
16Kwaza kwati ngemini yesitatu, kwakusa, kwabako indudumo nemibane, nelifu elinzima pezu kwentaba, nentlokoma yexilongo inamandla kakulu; bada bangcangcazela bonke abantu ababesemnqubeni. 17Wandula u‐Mosesi wapuma nabantu emnqubeni, ukuya kuhlangana notixo; baya bema emazantsi entaba. 18Yaza intaba ye‐Sinai yaquma umsi yonke, ngokokuba uyehova ebesihla pezu kwayo emlilweni: kanjalo umsi wayo wenyuka njengomsi wesidlangalala, yangcangcazela kakulu intaba yonke. 19Kwati yakumana ukwanda ngamandla ngakumbi intlokoma yexilongo, kwateta u‐Mosesi; waye utixo wampendula ngelizwi. 20Wehla uyehova pezu kwentaba ye‐Sinai, kwa sengcopo yentaba: wandula uyehova wambiza u‐Mosesi enyukele engcopo yentaba; wenyuka ke u‐Mosesi.
21Waza uyehova wati ku‐Mosesi: Yihla, yala abantu, hleze batyobozele kuyehova ukuza kubonela, kwenzakale kubo into eninzi. 22Kanjalo nabaperisite, abasondelayo kuyehova, mabazingcwalise, hleze uyehova agaleleke pezu kwabo. 23Waza u‐Mosesi wati kuyehova: Abantu bakohliwe kukunyukela entabeni ye‐Sinai; ngokuba wena usiyalile, usiti: Misela intaba imida, uyingcwalise. 24Koko uyehova wati kuye: Hamba, uhle, ubuye unyuke, wena no‐Arone kunye nawe; kodwa abaperisite nabantu mabangatyobozeli ukuza kunyukela kuyehova, hleze agaleleke pezu kwabo. 25Wandul’ ukuhla u‐Mosesi waya ebantwini, watsho kubo.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 19: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia