Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 20

20
1WAZA utixo wateta onke lamazwi, esiti:
2Mna ndi nguyehova, utixo wako, okukupileyo elizweni le‐Jipete, endlwini yobukoboka. 3Akuyi kuba nabo otixo bambi ngapandle kwam.
4Akuyi kuzenzela umfanekiso oqingqiweyo, nanye into efana nesezulwini pezulu, nesemhlabeni pantsi apa, nesemanzini pantsi kwomhlaba: 5akuyi kutoba pambi kwazo; akuyi kuzikonza kanjalo: ngokuba mna Yehova, utixo wako, ndi ngutixo onekwele, ndiyohlwayela inkohlakalo yoyise pezu kwabantwana, pezu kwesesitatu napezu kwesesine isizukulwana sabanditiyayo; 6ndiwenzela ububele amawaka abanditandayo nabayigcinayo imiyalelo yam.
7Akuyi kufumana ulibize igama likayehova, utixo wako: ngokuba uyehova engayi kumyeka angabi natyala lowo ufumana elibiza igama lake.
8Kumbula umhla we‐Sabata, ukuba uwenze ngcwele. 9Wosebenza imihla ibe mitandatu, uwenze wonke umsebenzi wako; 10kodwa umhla wesixe̔nxe uyi‐Sabata kayehova, utixo wako; akuyi kwenza namnye umsebenzi ngawo, kwa wena, nonyana wako, nentombi yako, nesicaka sako, nesicakakazi sako, nenkomo zako, nowasemzini wako opakati kwamasango ako: 11ngokuba ngemihla mitandatu wenza uyehova izulu nomhlaba, nolwandle, nako konke okukuzo, waza wapumla ngomhla wesixe̔nxe: ngoko wawutamsanqelisa uyehova umhla wesixe̔nxe, wawenza ngcwele.
12Beka uyihlo nonyoko, ukuze imihla yako yolulwe elizweni ulipiweyo nguyehova, utixo wako.
13Akuyi kubulala.
14Akuyi kuṙexeza.
15Akuyi kuba̔.
16Akuyi kunqi̔na ubunqi̔na’obubuxoki ngakuye ummelwane wako.
17Akuyi kunqwenela indlu yommelwane wako, akuyi kunqwenela umfazi wommelwane wako, nesicaka sake, nesicakakazi sake, nenkabi yake, neqwaṙashe lake, nanye into eyeyommelwane wako.
18BAYE abantu bonke babona indudumo, nemibane, nentlokoma yexilongo, nentaba iquma: baza abantu bakubona, bahlehla, bema kude; 19bati ku‐Mosesi: Teta wena nati, sasiya kuva; kodwa makangateti nati utixo, hleze sife. 20Waza u‐Mosesi wati ebantwini: Ningoyiki; ngokuba uyehova eze ukuba anilinge, nokuba kubeko ukwoyikwa kwake ngasebusweni benu, ukuze ningoni.
21Kekaloku abantu bema kude; kodwa u‐Mosesi wasondela esitokotokweni, apo wayekona utixo. 22Waza uyehova wati ku‐Mosesi: Wotsho elusatsheni luka‐Sirayeli ukuti: Nibonile ukuba ndibe nditeta nani ndisezulwini. 23Aniyi kwenza ndawonye nam otixo besilivere, kanjako aniyi kuzenzela otixo begolide. 24Uya kundenzela isibingelo somhlaba, uze ubinge pezu kwaso amadini ako okutshiswa, neminikelo yako yoxolo, igusha zako, nenkabi zako: kuzo zonke indawo endiya kulenza igama lam likankanywe kona, ndoza kuwe, ndikutamsanqele. 25Naxeshekweni uya kundenzela isibingelo samatye, akuyi kusaka ngalawo abaziweyo; nxa upakamisayo pezu kwaso intsimbi yako, seuya kusinco̔lisa. 26Kanjalo akuyi kukwela ngezinyukelo ngapezu kwesibingelo sam, ukuba kungatyileki ubuzé bako pezu kwaso.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 20: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia