Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 3

3
1Kekaloku u‐Mosesi ebesalusa izimvu zika‐Yetero, usomfazi wake, umperisite wase‐Midiyane: wasuka waqu̔ba izimvu ngasele kwentlango, wada wafika entabeni katixo, e‐Horebe. 2Yandula yabonakala ingelosi kayehova kuye elangatyeni lomlilo pakati kwetyolo; waza wakangela, kekaloku nali ityolo lisitsha ngomlilo, lingenakugqityelwa noko. 3Wayesiti u‐Mosesi: Ndoka ndipambuke ndiye kubona esisibonakalo sikulu, kunganina ukuba lingatshisekanga ityolo. 4Wati akubona uyehova ukuba upambukile ukuza kubona, wandula utixo wabiza kuye kwa pakati kwetyolo, wati: Mosesi, Mosesi! Wati yena: Nanku, ndilapa. 5Wayesiti: Ungasondeli apa; susa izihlangu zako ezinyaweni zako, ngokuba indawo umi kuyo ingumhlaba ongcwele. 6Wabuya wati: Mna ndi ngutixo woyihlo, utixo ka‐Abrahame, utixo ka‐Yisake, notixo ka‐Yakobi. Waza u‐Mosesi wagqubutela ubuso bake; ngokuba ebesoyika ukukangela ngakutixo.
7Wati kanjalo uyehova: Ndikolisile ukubona ubunzima babantu bam abase‐Jipete, nokukala kwabo ndikuvile ngenxa yenkosi zabo zomsebenzi; ngokuba intsizi zabo ndizazile. 8Ndihlile ngoko, ukuba ndibahlangule esandleni sama‐Jipete, nokuba ndibanyuse kwelilizwe baye ezweni elilungileyo nelibanzi, ezweni elela ubisi nobusi; endaweni yabo aba‐Kanane, nama‐Hete, naba‐Amori, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi. 9Nakaloku, nanku ukukala kwosapo luka‐Sirayeli kufikile kum; kanjako ndibonile imbandezelo ama‐Jipete alubandezela ngayo. 10Uze ke ngoku, ndandiya kukutuma ukuya ku‐Faro, ukuba upumise abantu bam, usapo luka‐Sirayeli, e‐Jipete.
11Waza wati u‐Mosesi kutixo: Ndingubanina mna, ukuba ndiye ku‐Faro, nokuba ndipumise usapo luka‐Sirayeli e‐Jipete? 12Wayesiti: Ngenyaniso ndiya kubako nawe; kanjako oku kwoba ngumqondiso kuwe, wokuba ndikutumile mna: nxa ubakupileyo ababantu e‐Jipete, niya kumkonza utixo pezu kwalentaba.
13Wati u‐Mosesi kutixo: Bona ke, ndakuza kufika elusatsheni luka‐Sirayeli, nditi kulo: Utixo woyihlo benu unditumile kuni; lwandule luti kum: Ngubanina igama lake? ndoti nina kulo?
14Waye utixo esiti ku‐Mosesi: Ndikoko endikuko. Wati kanjalo: Uya kutsho elusatsheni luka‐Sirayeli ukuti: Undingokoyo unditumile kuni.
15Walekela wati utixo ku‐Mosesi: Uya kutsho elusatsheni luka‐Sirayeli ukuti: Uyehova, utixo woyihlo benu, utixo ka‐Abrahame, utixo ka‐Yisake, notixo ka‐Yakobi, unditumile kuni; leli igama lam kude kube ngunapakade, sesi nesikumbuzo sam kwisizukulwana ngesizukulwana. 16Hamba, uye uhlanganise abadala bo‐Sirayeli, uti kubo: Uyehova, utixo woyihlo benu, ubonakele kum, kwa utixo ka‐Abrahame, ka‐Yisake, noka‐Yakobi, esiti: Sendinikumbule ngokwenene, noko enenzelwe kona e‐Jipete. 17Ndite ngoko: Ndoninyusa ebunzimeni base‐Jipete niye elizweni laba‐Kanane, nama‐Hete, naba‐Amori, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi, elizweni elela ubisi nobusi. 18Bopulapula ke ilizwi lako; wauya kuza wena, kwa nabadala bo‐Sirayeli, kukumkani we‐Jipete, naniya kuti kuye: Uyehova, utixo wama‐Hebere, uhlangene nati; uz’ uti ke kaloku, makesiye ihambo yemihla ibe mitatu entlango, ukuya kubingela uyehova, utixo wetu. 19Sendikwazi kodwa, okokuba akayi kuvuma ukumkani we‐Jipete ukuba niye, kupela ngesandla esinamandla. 20Ngokuba ndiya kwolula isandla sam, ndibete i‐Jipete ngayo yonke imimangaliso yam, endiya kuyenza pakati kwayo; woti emveni kwoko anindulule. 21Ndandiya kunika ababantu ufefe emehlweni ama‐Jipete; kwakuya kuti, nakumka, aniyi kumka zé: 22koko abafazi beya kubiza kwabamelwanekazi babo, nakwabapambukelikazi abasezindlwini zabo, impahla zesilivere, nempahla zegolide, nezivato: eniya kuzibeka pezu kwonyana benu, napezu kwentombi zenu; naniya kupanga ama‐Jipete.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 3: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia