Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 4

4
1Wapendula u‐Mosesi wati: Kodwa, bona ke, abayi kukolwa ndim, abayi kupulapula ilizwi lam kanjalo: ngokuba beya kuti: Akabonakalanga kuwe uyehova.
2Waza wati uyehova kuye: Yinto nina leyo isesandleni sako? Wati: Yintonga. 3Wayesiti: Yipose emhlabeni. Wayiposa ke emhlabeni, yaza yaba yinyoka; wasuka u‐Mosesi wabaleka ebusweni bayo. 4Wandul’ ukuti uyehova ku‐Mosesi: Yolula isandla sako, uyinqakule ngomsila wayo. Waza wasolula isandla sake, wayibamba; yabuya yaba yintonga esandleni sake. 5Uya kwenje njalo ke, ukuze bakolwe ukuba ubonakele kuwe uyehova, utixo woyise babo, utixo ka‐Abrahame, utixo ka‐Yisake, notixo ka‐Yakobi.
6Wabuya wati uyehova kuye: Uze kaloku ufake isandla sako esifubeni sako. Waza wafaka isandla sake esifubeni sake; kekaloku akusikupa, nasi isandla sake sinesilepero simhlope njengengqweqwe. 7Wayesiti: Sibuyisele esifubeni sako isandla sako. Waza wabuyisela esifubeni sake isandla sake; kekaloku akusikupa esifubeni sake, nasi ke siguqulwe saba njengenyama yake enye. 8Kwakuya kuti, ukuba abakolwa nguwe, nokuba abapulapuli ilizwi lowokuqala umqondiso, bokolwa lilizwi lomqondiso wasemva. 9Kwoti kodwa, ukuba abakolwa yiyo nalemiqondiso yomibini, nokuba abapulapuli ilizwi lako, wandule ucapule emanzini omlambo, uwagalele emhlabeni; aeya kuti amanzi lawo uwacapula emlanjeni abe ligazi pezu kwomhlaba.
10Waza wati u‐Mosesi kuyehova: Ke, Nkosi! andinguye oliciko, kwa nexesha lapambili, nakuseloko utetileyo nesicaka sako; ngokuba ndingomlomo unzima, nolulwimi lukwa nzima.
11Waye uyehova esiti kuye: Ngubanina omenzele umntu umlomo? ngubanina owenza isidenge, nesitulu, nobonayo, nemfama? asi ndim Yehova yinina? 12Ize uhambe ke, ndandiya kuba nawo umlomo wako, ndikufundise into uya kuteta yona.
13Koko wati: Ke, Nkosi! mauke utume ngesandla salowo uya kumtuma.
14Yaza yavuta ingqumbo kayehova ngakuye u‐Mosesi, wati: u‐Arone um‐Levi asi nguye umkuluwe wako na? Ndiyazi ukuba uyacikoza ukuteta yena. Kananjalo, bona ke, seleya kupuma ukuza kukukaulela; ati akukubona, avuye intliziyo yake. 15Wauya kuteta kuye, ubeke amazwi emlonyeni wake; ndoti mna ndibe kunye nomlomo wako, nakunye nomlomo wake, ndinifundise oko niya kwenza kona. 16Waye yena eya kukutetela ebantwini; kuze kuti ke, abe yena enjengomlomo kuwe, ube wena unjengo tixo kuye. 17Nalentonga uyitabate esandleni sako, oya kuyenza ngayo imiqondiso.
18Usuke wahamba u‐Mosesi, wabuyela ku‐Yetero usomfazi wake, wati kuye: Makendihambe ke, ndibuye ndiye kubazalwana bam abase‐Jipete, ndize ndibone ukuba basahleli na. Waza wati u‐Yetero ku‐Mosesi: Hamba ke ngoxolo.
19Wabuya wati uyehova ku‐Mosesi e‐Midiyane: Hamba, ubuyele e‐Jipete; ngokuba selefile onke lomadoda abefuna ubomi bako. 20Waza u‐Mosesi watabata umfazi wake, nonyana bake, wabakwelisa eqwaṙasheni, wabuyela ezweni le‐Jipete; wayitabata u‐Mosesi nentonga katixo esandleni sake. 21Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Ekuhambeni kwako ukuya kubuyela e‐Jipete, lumka ke ukuba yonke imimangaliso endiyibekileyo esandleni sako uyenze ebusweni buka‐Faro; koko ndiya kugwenxisa intliziyo yake, ukuba akayi kubandulula abantu. 22Wauya kuti ku‐Faro: Utsho uyehova ukuti: Unyana wam, owamazibulo wam, ngu‐Sirayeli. 23Enditi kuwe: Mndulule unyana wam, ukuze andikonze: ukuba kanti uyala ukumndulula, bona ke, ndiya kubulala unyana wako, kwa owamazibulo wako.
24Kwaye kute endleleni, endaweni yokulalisa, uyehova wahlangana naye, wafuna ukumbubisa. 25Waza u‐Tsipora watabata ilitye elibukali, wasika ijwabu lonyana wake, waliposa ezinyaweni zake, wati: Ngenyaniso ungumyeni wegazi wena kum. 26Wandula ukumyeka. Oko wati: Umyeni wegazi unguwe! ngenxa yokwaluka.
27Wayesiti uyehova ku‐Arone: Hamba, uye kukaulela u‐Mosesi entlango. Wasuka waya, wahlangana naye entabeni katixo, wamanga. 28Waye u‐Mosesi waxela ku‐Arone onke amazwi kayehova obemtumile, nayo yonke imiqondiso abemyalele ngayo.
29Waza wahamba u‐Mosesi no‐Arone, baya bahlanganisa bonke abadala bosapo luka‐Sirayeli. 30Waye u‐Arone wateta onke amazwi abetetile wona uyehova ku‐Mosesi; wayenza nemiqondiso emehlweni abantu. 31Baza abantu bakolwa; abati bakuba bevile okokuba uyehova ukumbule usapo luka‐Sirayeli, nokuba ukangele ubunzima babo, bandula batoba ngapantsi babedesha.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 4: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia