Chapa ya Youversion
Ikoni ya Utafutaji

I‐Kesodusi 31

31
1Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Uyabona ke, sendimbizile ngegama u‐Betsalele, unyana ka‐Uri, unyana ka‐Hure, owesizwe sika‐Juda. 3Yena ndimzalisile ngomoya katixo, ngobulumko, nangengqondo, nangokwazi, nangentlobo zonke zomsebenzi; 4ukuze aqinge amasetyenzwa obuncibi, enze ngegolide, nangesilivere, nangexina, 5nangokuqingqa amatye, okuba kufakwe, nangokuqingqa imiti, yokuba kwenziwe ngentlobo zonke zomsebenzi. 6Kanjalo mna, bona ke, ndinikile kunye naye u‐Aholiyabi, unyana ka‐Ahisamaki, owesizwe sika‐Dane: nasezintliziyweni zabo bonke abantliziyo zilumkile ndibekile ubulumko, ukuba bakwenze konke endikuyalele ngako: 7intente yentlangano, netyeya yesinqi̔no, nesihlalo sofefe esipezu kwayo, nazo zonke impahla zentente; 8netafile, nempahla zayo: nekandelare ecocekileyo, nazo zonke impahla zayo; nesibingelo sokuqumisa: 9nesibingelo sedini lokutshiswa, nazo zonke impahla zaso; nesihlambelo, nesikondo saso; 10nezivato zobukonzo: kwa izivato ezingcwele zika‐Arone umperisite, nezivato zonyana bake, zokuba kukonzwe ngobuperisite: 11neoli yokutambisa; nesiqumiso esimnandi sakweyingcwele indawo: njengako konke ndikuyalele ngako baya kwenza.
12Walekela wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 13Wena kanjalo teta nosapo luka‐Sirayeli, usiti: Okwenene isabata zam niya kuzigcina; ngokuba oku kungumqondiso pakati kwam nani ngezizukulwana zenu; kuze kwaziwe ukuba ndi nguyehova oningcwalisayo. 14Ngako niya kugcina isabata; ngokuba ingcwele kuni: oyinco̔lisayo uya kufiswa ngenyaniso; ngokuba osukuba ewenza ngayo umsebenzi, umpefumlo lowo uya kunqanyulwa ebantwini bawo. 15Yimihla mitandatu ekuya kwenziwa umsebenzi; koko ngomhla wesixe̔nxe kuko isabata yopumlo, ibungcwele kuyehova: osukuba ewenza umsebenzi ngomhla wesabata, uya kufiswa ngenyaniso. 16Ngako usapo luka‐Sirayeli lwoyigcina isabata, ukuyibamba isabata ngezizukulwana zalo ngocebano olungunapakade. 17Ingumqondiso yona pakati kwam nosapo luka‐Sirayeli kude kube ngunapakade; ngokuba ngemihla mitandatu wenza uyehova izulu nomhlaba, waza wapumla ngomhla wesixe̔nxe, womelezwa.
18Wandula wanika ku‐Mosesi, akuba egqibile ukuteta naye entabeni ye‐Sinai, amabini amacwecwe esinqi̔no, amacwecwe amatye, eba̔lelwe ngomnwe katixo.

Iliyochaguliwa sasa

I‐Kesodusi 31: XHO1902A

Kuonyesha

Shirikisha

Nakili

None

Je, ungependa vivutio vyako vihifadhiwe kwenye vifaa vyako vyote? Jisajili au ingia